Ngaba Ukusukelana Nemali Kuyagulisa?
UBUNOKUTHINI ukuba ubunokuvuka ngomso usesingawothiyo umlilo isinhanha? Ngaba ubuya kuthabath’ ikhefu uze unandiphe ubomi? Ngaba ubunokuyeka ukusebenza uze uchithe ixesha elingakumbi nentsapho nabahlobo bakho? Mhlawumbi ngaba ubunokuqalisa umsebenzi owuthandayo? Umnqa kukuba, abantu abazizityebi abenzi nanye kwezi zinto? Kunoko, bachitha ixesha elininzi besukelana nemali engakumbi—ukuze bahlawule amatyala okanye ukuze nje babe nemali engakumbi.
Phofu ke, kuninzi lwabantu abasukela izinto eziphathekayo, ubomi beentsapho zabo buyawohloka yaye oku kuquka indlela abantwana babo abaziphethe ngayo. Mvanje, iincwadi, imihlathi yamaphephandaba, iinkqubo zikamabonwakude kunye neevidiyo, ziye zakhuthaza abantu ukuba “bakhethe ukuphila ubomi obutofotofo.” Zininzi izinto ezibonisa ukuba ukusukela izinto eziphathekayo kunokukugulisa—ngengqondo, ngokweemvakalelo nkqu nangokwasemzimbeni.
Kakade ke, ukuxhalaba ngeengozi zokuthanda izinto eziphathekayo asintw’ intsha. Phantse kwiminyaka engama-2 000 eyadlulayo, iBhayibhile yathi: “Abo bazimisele ukuba zizityebi beyela ekuhendweni nasemgibeni, nakwiminqweno emininzi engekho ngqiqweni neyenzakalisayo, ekhokelela entshabalalweni nasekonakaleni. Kuba ukuthanda imali yingcambu yazo zonke iintlobo zobubi, yaye ngenxa yokusukelana nolo thando bambi baye balahlekana nokholo, bezingxwelerha ngeentlungu ezininzi.”—1 Timoti 6:9, 10.
Kodwa ngaba oko kuyinyaniso? Ngaba abantu abaphilela ukuba nemali nezinto eziphathekayo ezininzi bayangxwelerheka? Phofu, ngaba bafumana yonk’ into abayifunayo—ubutyebi, impilo nobomi bentsapho obonwabisayo? Makhe sikuhlolisise oku ngokubhekele phaya.