Okwenzeka Ehlabathini
◼ Unyaka wama-2006 “yayingunyaka wesithandathu ngokuba shushu embalini.” Kule minyaka ili-12 idluleyo, elishumi yeyona ibishushu.—WORLD METEOROLOGICAL ORGANIZATION.
◼ ISebe Lezokhuselo laseBeijing liye lamisela umthetho wokuba kumzi ngamnye kubekho “inja enye” ukuze kuthintelwe ukusasazeka komgada. Ngowama-2004 abantu baseTshayina abamalunga nama-2 660 baye babulawa ngumgada.—XINHUA ONLINE, ETSHAYINA.
◼ Abantu abalala ezihotele basesichengeni “sokwasulelwa ngumkhuhlane ngenxa yokubamba iletshi, izibane, iifowuni, iiremote control zikamabonwakude.”—MACLEAN’S, EKHANADA.
Ukubala Izinambuzane KwiAmazon
Ukuza kuthi ga ngoku, izazi ngezinambuzane ziye zafumanisa ukuba kukho iintlobo ngeentlobo zezinambuzane ezinokuba ngama-60 000 kumahlathi ashinyeneyo aseAmazon. Ngokutsho kweFolha Online, iindidi zezinambuzane ezingekafunyanwa ziqikelelwa kwi-180 000. Sithethanje, zingama-20 izazi ngezinambuzane ezisebenza kulo mmandla. Mvanje, ezi zazi zifumana izinambuzane ezisisi-2,7 ngonyaka. Oku kuthetha ukuba ngesi santya zisebenza ngaso, kuya kufuneka izizukulwana ezingama-90, ngasinye sisebenze iminyaka engama-35, okanye engama-3 300 xa idityanisiwe ukuze ugqitywe lo msebenzi!
Ukungqongophala Kwezinto Zokubasa
Iphephancwadi iOur Planet, elipapashwa yiUnited Nations Environment Programme lithi: “Kuqikelelwa ukuba abantu abasisi-1,6 sewaka lezigidi—phantse isiqingatha sabo bonke abantu abaphilayo—abanambane, yaye abasisi-2,4 sewaka lezigidi bapheka ngamalahle, amalongwe okanye iinkuni. Umsi wezi zinto zokubasa ubulala amabhinqa nabantwana abanokuba zizigidi ezibini ezinesiqingatha ngonyaka.
Iingozi ZeInternet
Abantu abaninzi banxibelelana ngeInternet nabantu abaninzi abangabaziyo kuba nje befun’ udumo. IFolha Online ithi kwezi web sites “kugcwele amaxoki,” abantu abanobuhlanga, abangoogqada-mbekweni kwimicimbi yabanye abantu nabanocalucalulo. Abanye abantu bayaxoka xa bechaza iinkcukacha zabo. Bambi bangcikiva abantu abatyebileyo, abafutshane, abaneenwele eziqathalala, nezinye izinto, nto leyo ebashiy’ iintliziyo zilihlwili. Isazi sengqondo saseBrazil uIvelise Fortim uthi, “okwenzeka kwezi [web sites] kubalulekile kula maxhoba kunezinye izinto ezenzeka ebomini bawo.”
Isixhobo Sokupopola Isibhakabhaka
Iindadi zantywila elwandle ziye kutyhuthula inqanawa yamaRoma eyazika ngowe-1901 ngakwisiqithi samaGrike iAntikýthēra. Esi sixhobo basityhuthula kule nqanawa yeyona nto yayintsonkothile ngenkulungwane yesibini Ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo. Izazinzulu ziye zasipeculula eso “Sixhobo saseAntikythera” zisebenzisa iX-reyi, ziye zafumanisa ukuba sasenziwe ngamavili obhedu angama-30, saze safakwa ebhokisini yamaplanga. Ngalo matshini uyakwazi ukupopola indawo elimi kuyo ilanga nenyanga nokusithwa kwelanga yinyanga (solar eclipse). Ngokutsho kwephephancwadi iNature, esi sixhobo “sasintsonkothe gqitha kunayo nantoni na eyayikho ngelo xesha kwade kwasemva kweminyaka eli-1 000.”
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 21]
AP Photo/Thanassis Stavrakis