Ubuya Kuphendula Uthini?
CHAZA AMAGAMA OONYANA ABALI-12 BAKAYAKOBI
1. ․․․․․
․․․․․
․․․․․
․․․․․
․․․․․
․․․․․
․․․․․
․․․․․
․․․․․
․․․․․
․․․․․
․․․․․
Krwela umgca osuka kwaba nyana oya kwinzala yabo.
2. UYesu
3. UMoses
4. UKumkani uSawule
◼ Ukwenzela Incoko: Kwakutheni ukuze uYosefu aphathwe kakubi ngabantakwabo? Unokuwuxelisa njani umzekelo kaYosefu ukuba maxa wambi abantakwenu okanye oodadewenu bakuphatha kakubi?
KWENZEKA NINI OKU?
Chaza igama lombhali okanye ababhali bezi ncwadi zeBhayibhile zingezantsi uze ukrwele umgca oya kunyaka eyagqitywa ngayo.
607 B.C.E. 539 B.C.E. 40 C.E. 61-64 C.E. 65 C.E.
5. IZililo
6. 2 Timoti
7. Tito
NDINGUBANI?
8. UPawulos wathetha kakuhle ngam nangentombi yam ngenxa yokuba sasinokholo olungenaluhanahaniso.
NDINGUBANI?
9. Ndanikwa igunya lokuba ndimisele amadoda amakhulu eKrete.
KULE NKUPHO
Phendula le mibuzo uze ufakele i(ii)ndinyana zeBhayibhile.
Iphepha 6 Sisiphi esinye isizathu esibangela ukuba abantu bafe kwiintlekele zemvelo? (INtshumayeli 9:․․․)
Iphepha 10 Sazi njani ukuba uYehova ubuxabisile ubomi bomntwana? (INdumiso 139:․․․)
Iphepha 20 Kutheni imvelaphi yakho ingenzi mahluko kuYehova? (IZenzo 10:․․․)
Iphepha 26 Kutheni sifanele sikuhlakulele ukuba nethemba? (IMizekeliso 17:․․․)
Bantwana Khangelani Le Mifanekiso
Ngaba unokuyifumana le mifanekiso kweli phephancwadi? Ngamazwi akho chaza into eyenzekayo kumfanekiso ngamnye.
(Iimpendulo zifumaneka kwiphepha 22)
IIMPENDULO ZEMIBUZO EKWIPHEPHA 31
1. NguRubhen, nguSimeyon, nguLevi, nguYuda, nguZebhulon, nguIsakare, nguDan, nguGadi, nguAshere, nguNafetali, nguYosefu noBhenjamin.—Genesis 49:2-28.
2. NguYuda.—Luka 3:33, 34.
3. NguLevi.—Eksodus 6:16, 18, 20.
4. NguBhenjamin.—1 Samuweli 9:1, 2, 15, 16.
5. NguYeremiya, 607 B.C.E.
6. NguPawulos, 65 C.E.
7. NguPawulos, 61-64 C.E.
8. NdinguLoyisi.—2 Timoti 1:5.
9. NdinguTito.—Tito 1:4, 5.