IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 10/07 iphe. 28-29
  • Kwenzeka Ntoni Ekufeni?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Kwenzeka Ntoni Ekufeni?
  • Vukani!—2007
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Kwenzeka Ntoni Engqondweni Yethu Sakuba Sifile?
  • Iindaba Ezilungileyo Mayela Nokufa
  • Kwenzeka Ntoni Xa Sisifa?
    Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
  • Kwenzeka Ntoni Kwabo Sibathandayo Bafileyo?
    Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade
  • Imimoya Asingobantu Abakhe Baphila Emhlabeni Baza Bafa
    Imimoya Yabafileyo—Imimoya Yabafileyo Ngaba Inokukunceda Okanye Inokukwenzakalisa? Ngaba Ikho Ngokwenene?
  • Umbuzo 2: Kuza Kwenzeka Ntoni Xa Ndisifa?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2012
Khangela Okunye
Vukani!—2007
g 10/07 iphe. 28-29

Imbono YeBhayibhile

Kwenzeka Ntoni Ekufeni?

XA UTHIXO wayedala abantu ayizange ithi qatha nokuthi qatha into yokuba baya kuze bafe ngenye imini. (Roma 8:20, 21) UThixo wathetha ngokufa kuAdam njengosohlwayo sokungathobeli kungekhona into eyayizakwenzeka nokuba sele kumnyam’ entla. (Genesis 2:17) UAdam wayeqonda xa kuthethwa ngokufa ukuba kwakuthethwa ngantoni, kuba wayeqhele ukubona izilwanyana zisifa phambi kwakhe.

UAdam wona, waze wahlawula ngokona kwakhe ngokufa eneminyaka engama-930 ubudala. (Genesis 5:5; Roma 6:23) Ekubeni ngoku wayehlanjiwe ngenxa yokudel’ iziyalo, wayengasenguye unyana kaThixo. (Duteronomi 32:5) IBhayibhile ithi ngentlekele olwangena kuyo uluntu: “Njengokuba isono sangena ngamntu mnye ehlabathini nokufa ngaso isono, ngaloo ndlela ukufa kwasasazeka kubo bonke abantu ngenxa yokuba bonke bonayo.”—Roma 5:12.

Kwenzeka Ntoni Engqondweni Yethu Sakuba Sifile?

IBhayibhile ithi: “Siyafana isiphelo soonyana boluntu nesiphelo sesilo. Njengoko kunjalo ukufa kwaso, kunjalo nokufa kwabo; yaye zonke zinomoya omnye, khon’ ukuze kungabikho kongama komntu kunesilo, ngokuba yonk’ into ingamampunge. Zonke ziya ndaweni nye. Zonke zavela eluthulini, yaye zonke zibuyela eluthulini.” (INtshumayeli 3:19, 20) Kuthetha ntoni ukubuyela eluthulini?

Ibinzana elithi ‘ukubuyela eluthulini’ lisikhumbuza amazwi athethwa nguThixo kumntu wokuqala athi: “Ngokuba uluthuli, uya kubuyela kwaseluthulini.” (Genesis 3:19) Eli binzana lithetha ukuba abantu, bayafa njengezilwanyana. Asizizo izidalwa zomoya ezambethe imizimba yenyama. Iingqondo zethu azinako ukuphila ngaphandle kwemizimba yethu. Xa umntu esifa iBhayibhile ithi: “Uyaphuma umoya wakhe, abuyele yena emhlabeni wakhe; ngaloo mini ziyatshabalala iingcamango zakhe.”—INdumiso 146:4,

Ukuba kunjalo ukufa komntu, injani imeko yabafi? ILizwi likaThixo liphendula lisithi: “Abaphilayo bayazi ukuba baya kufa; kodwa abafileyo, abazi nto konke konke, abasenamvuzo, ngenxa yokuba balityelwe, abasakhunjulwa nganto.” (INtshumayeli 9:5) Ukufa akungomhlobo osivulela ithuba lokuphila bhetele, kunoko iBhayibhile ithi ‘lutshaba lokugqibela,’ olusiyekisa yonke into. (1 Korinte 15:26; INtshumayeli 9:10) Ngaba oku kuthetha ukuba xa umntu efile aphelile amathemba?

Iindaba Ezilungileyo Mayela Nokufa

Kwizigidi zabantu, ukufa kufana nobuthongo abaza kuvuswa kubo. UYesu wakhe wathi kubafundi bakhe ngomhlobo wabo owayefile: “ULazaro umhlobo wethu uye kuphumla, kodwa ndiyahamba ndiya apho ukuze ndimvuse ebuthongweni.” Xa wayesendleleni eya emangcwabeni, wafika kukho inyambalala yabantu abazilileyo. Wathi akufika makuvulwe ingcwaba waze wathi: “Lazaro, phuma!” Le ndoda yayisele ineentsuku ezine ifile yaphuma. (Yohane 11:11-14, 39, 43, 44) Ekubeni umzimba wakhe wawusele uqalisa ukubola, uYesu wabonisa ukuba uThixo unokukhumbula zonke iinkcukacha ngabafi—ubuntu babo, izinto abazikhumbulayo nembonakalo yabo. Unokubabuyisela ebomini kwakhona. Ngesinye isihlandlo uYesu wathi: “Liyeza ilixa ekuya kuthi ngalo bonke abo bakumangcwaba enkumbulo balive ilizwi lakhe [likaYesu] baze baphume.”—Yohane 5:28, 29.

Ukoleka koko, iBhayibhile ithi: “Olokugqibela utshaba oluya kutshitshiswa kukufa.” (1 Korinte 15:26) Abanakuze abantu baphinde bangcwabe abantu babo ababathandayo iintliziyo zilihlwili. Kuba iBhayibhile ithi: “Kungabi sabakho kufa.” (ISityhilelo 21:4) Ngaba awuvumi ukuba imbono yeBhayibhile ngoko kwenzeka kuthi xa sisifa yeyona ithuthuzelayo?

NGABA WAKHA WAZIBUZA?

◼ Ngaba abafi bayakwazi ukucinga?—INtshumayeli 9:5.

◼ Ngaba xa umntu efile aphelile onke amathemba?—Yohane 5:28, 29.

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 29]

“Uyaphuma umoya wakhe, abuyele yena emhlabeni wakhe; ngaloo mini ziyatshabalala iingcamango zakhe.”—INdumiso 146:4.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share