IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 3/08 iphe. 12-15
  • Ukushumayela Iindaba Ezilungileyo Kwiindawo Ezikude

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukushumayela Iindaba Ezilungileyo Kwiindawo Ezikude
  • Vukani!—2008
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukufunda Inyaniso YeBhayibhile
  • Umnqweno Wokwenza Okungakumbi
  • Iintsikelelo EAfrika
  • Ukufudukela EIndiya
  • Sabuyela EAfrika
  • Ekugqibeleni Saya E-Ecuador
  • Ukulahlekelwa Kakhulu
  • Ukuqhubeka Nomsebenzi
  • Isigqibo Sam Sokuhambela Phambili Ekuqoleni
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1995
  • ‘Ukufuna UBukumkani Tanci’
    AmaNgqina KaYehova—Abavakalisi Bobukumkani BukaThixo
  • Icandelo 4—Amangqina Ukusa Ekupheleni Komhlaba
    AmaNgqina KaYehova—Abavakalisi Bobukumkani BukaThixo
  • Iimbalasane Zonyaka Odluleyo
    Incwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Yowama-2002
Khangela Okunye
Vukani!—2008
g 3/08 iphe. 12-15

Ukushumayela Iindaba Ezilungileyo Kwiindawo Ezikude

Kubalisa uHelen Jones

Ndandihamba kwimarike ezele ngabantu eBangalore, eIndiya, ngasekuqaleni kweminyaka yee-1970. Ngesiquphe, ndaphakanyiswa yinyathi ngeempondo yaza yandiphosa phantsi. Yayisele iza kundityumza xa ibhinqa leNdiya landisindisayo. Ndandifuna ntoni eIndiya?

NDAZALWA ngowe-1931 yaye ndakhulela kwisixeko esihle saseVancouver, eKhanada. Abazali bam yayingabantu abanyanisekileyo kodwa babengayihambi icawa. Kodwa, ndandifuna ukwazi ngoThixo, ngoko xa ndandiselula ndandihamba isikolo seCawa neeklasi zeBhayibhile zasehlotyeni.

Ngowe-1950, xa ndandineminyaka eli-19 ubudala, ndatshata noFrank Schiller, owayenabantwana abane kumtshato wangaphambili. Kwiminyaka emibini kamva saba nonyana. Sasifuna ukunqula; kodwa uFrank wayeqhawule umtshato, yaye kwakungekho cawa yayifuna ukusamkela. UFrank wayengakuthandi oku, ngoko wayengafuni ukuthetha ngonqulo.

Ukufunda Inyaniso YeBhayibhile

Ngowe-1954, evuya umntakwethu wandixelela oko wayekuboniswe eBhayibhileni lelinye iNgqina likaYehova asebenza nalo. Nangona ndandinemibuzo emininzi yaye ndisazi apho amaNgqina ahlanganisana khona, ndandingayi ngenxa yoko kwakucingwa nguFrank ngonqulo. Ekuhambeni kwexesha, amaNgqina amabini afika ekhaya. Ndawabuza oko akufundisayo ngoqhawulo-mtshato, yaye andibonisa eBhayibhileni izizathu ezingokweZibhalo zokuqhawula umtshato. (Mateyu 19:3-9) Kwakhona andiqinisekisa ukuba imibuzo yam yeBhayibhile inokuphenduleka xa ndinokuba nesifundo seBhayibhile esithe rhoqo.

UFrank wacaphuka, engafuni nto yakwenza namaNgqina. Ngowe-1955, ndaya kwiSikhumbuzo sokufa kukaKristu, yaye xa ndifika ekhaya, ndinemihlali ndambalisela ngoko ndikufunde eBhayibhileni. Wakhwaza: “Akunakwenzeka oko! Ukuba ungandibonisa oko eBhayibhileni, ndiza kuya kwezo ntlanganiso zakho!”

Ndamnika iBhayibhile, yaye wayiphatha ngentlonelo. Sakhangela izibhalo endandizibhale phantsi, yaye ndandingathethi kangako, kodwa ndivumela iBhayibhile ukuba ithethe. UFrank akazange andiphikise kodwa wacingisisa ngokunzulu ngobo busuku.

Ekuhambeni kwexesha, ndamkhumbuza ngesithembiso sakhe sokuya kwiintlanganiso. Ethandabuza wathi, “Ndiza kuya kube kanye nje kuphela, ndize ndibone oko kwenzekayo.” Intetho yeBhayibhile yayikhuthaza abafazi ukuba bathobele amadoda abo. (Efese 5:22, 23, 33) Yamchukumisa gqitha loo ntetho. Malunga nelo xesha, uFrank waya kwiSifundo seMboniselo esasisekelwe kwinqaku elinomxholo othi “Yaneliseka Ngumsebenzi.” Ekubeni eyindoda ezibhokoxayo emsebenzini, uFrank wayivuyela loo nkcazelo. Emva kwaloo ntlanganiso, akazange aphoswe zezinye iintlanganiso. Emva koko uFrank wayenenzondelelo ngentsimi, yaye ndandinezifundo zeBhayibhile ezenza inkqubela zaza zabhaptizwa. Mna noFrank, kwakunye nomama nomntakwethu, sabhaptizwa sifuzisela uzahlulelo lwethu kuThixo ngoJulayi 1, 1955.

Umnqweno Wokwenza Okungakumbi

Kwindibano yethu yesithili yowe-1957 eSeattle, eWashington, eUnited States, kwabakho intetho ethetha ngokukhonza apho kufuneka abavakalisi boBukumkani abangakumbi. Ndathandaza, ‘Owu Yehova, nam ndifuna ukuya apho. Ndicela undincede siye apho sifuneka khona.’ Kodwa uFrank wayexhalabele imbopheleleko yakhe yokondla nokuxhasa intsapho yethu.—1 Timoti 5:8.

Kunyaka olandelayo intsapho yethu yaya kwindibano ekwisiXeko saseNew York yaye kwakuqhutywa indibano efanayo eYankee Stadium nasePolo Grounds. Kwabakho abantu abangaphezu kwama-253 000 ababephulaphule intetho yesidlangalala! Kwamchukumisa gqitha uFrank oko wakubonayo nawakuvayo. Ngoko xa sabuyela ekhaya, sakhetha iKenya, eAfrika ukuba ibe likhaya lethu elitsha, ekubeni kwakuthethwa isiNgesi apho yaye sasiza kukwazi nokufumana izikolo ezibafaneleyo abantwana bethu.

Ngowe-1959 sathengisa indlu yethu, safaka imithwalo yethu emotweni, sasinga eMontreal, eKhanada. Ukusuka apho sahamba ngenqanawa sisinge eLondon, eNgilani, saza sasuka eNgilani sihamba ngenye inqanawa, sadlula uLwandle iMeditera noLwandle Olubomvu sisinge kuLwandlekazi i-Indiya. Ekugqibeleni, safika eMombasa, eKenya, kunxweme olusempuma Afrika. Ngosuku olulandelayo sahamba ngololiwe osinge eNairobi, ikomkhulu lelo lizwe.

Iintsikelelo EAfrika

Ngelo xesha umsebenzi wokushumayela wamaNgqina kaYehova wawuvaliwe eKenya, ngoko sasishumayela ngobulumko. Kwakukho nezinye izibini ezivela kwamanye amazwe eKenya, yaye thina bantu basemzini sasivumelekile ukuba singahlala apho. Kwakufuneka ukuba inani labantu abeze kwiintlanganiso lingabi ngaphezu kweshumi. Oko kwakuthetha ukuba iintsapho zethu, kuquka abantwana, kwakufuneka zibe nenxaxheba ezeleyo kwezo ntlanganiso.

Kungekudala emva kokufika eKenya, safumana indawo yokuhlala, kwaye uFrank wafumana umsebenzi. Ibhinqa lokuqala endadibana nalo entsimini lasamkela isifundo seBhayibhile yaye ekugqibeleni laba nguvulindlela, njengoko bebizwa njalo abashumayeli bexesha elizeleyo bamaNgqina kaYehova. Omnye umntu endandimfundela, yintombazana engumSikh eselula, ebizwa ngokuba nguGoody. Yomelela nangona yayicinezelwa kakhulu yintsapho yakowayo nabantu abangamaSikh. Emva kokugxothwa kukaGoody Lull kowabo, wahlala nentsapho yamaNgqina, wahlulela ubomi bakhe kuYehova, waba nguvulindlela yaye kamva waya esikolweni sabavangeli basemazweni saseGiliyadi.

Intsapho yethu yafumana izilingo. Unyana wethu omdala wagula sisifo samathambo, yaye uFrank watsha ngoxa elungisa imoto, waza waphulukana nomsebenzi wakhe. Ekuhambeni kwexesha, wafumana umsebenzi kwiikhilomitha ezili-1 000 eDar es Salaam, ikomkhulu laseTanganyika (ngoku yiTanzania). Ngoko safaka izinto zethu emotweni saza sathabatha olo hambo lude. Ngelo xesha iDar es Salaam yayinebandla elincinane, elasamkela ngezandla ezifudumeleyo.

Nangona ngelo xesha umsebenzi wokushumayela wawuvaliwe eTanzania, noko izinto zazingambanga ngolo hlobo. Ngowe-1963, satyelelwa nguMilton Henschel, ummeli wekomkhulu lehlabathi lamaNgqina kaYehova eUnited States. Ngoxa enikela intetho kwiHolo iKarimjee, eyona holo intle kweli lizwe, kwafika indoda ekhulileyo inxibe njengehlwempu yaza yahlala ecaleni kwam. Ndayibulisa ndaza ndayiboleka iBhayibhile neculo. Ekupheleni kocwangciso, ndayimema ukuba iphinde ibuye. Ekuhambeni kwayo, amaNgqina alapho eza kum ethontelana.

Abuza: “Uyamazi lo mntu? Ngusibonda waseDar es Salaam!” Ngaphambilana wayesigrogrise ngokuphelisa indibano yethu. Kubonakala ukuba wayecinga ukuba uza kuphathwa kakubi kuba elihlwempu. Kodwa wamangaliswa gqitha bububele endambonisa bona kangangokuba wasivumela ukuba indibano yethu iqhubeke ngaphandle kokuphazanyiswa. Kwakukho abantu abangama-274 apho, yaye kwabhaptizwa abali-16!

Ngoxa sasiseTanzania, eli lizwe lazimela. Emva koko, yayinikwa abantu balapho imisebenzi kunabemi basemzini. Inkoliso yabantu basemzini kwafuneka ilishiye elo lizwe, kodwa inzondelelo awayenayo uFrank yokufuna umsebenzi yaba nomvuzo xa waxelelwa ukuba kufuneka umkhandi onobuchule woololiwe abahamba ngedizile. Ngoko sakwazi ukuhlala eminye iminyaka emine. Xa umsebenzi kaFrank waphelayo, sabuyela eKhanada, yaye sahlala apho de umntwana wethu wokugqibela wakhula waza watshata. Sasiziva sisenamandla yaye sifuna ukwenza okungakumbi.

Ukufudukela EIndiya

Ngowe-1970, emva kokuba isebe leofisi lamaNgqina kaYehova eBombay (ngoku eyiMumbai) lasinika imvume, safudukela eBangalore, isixeko esinabantu abamalunga ne-1,6 lesigidi. Kulapho ndasinda khona kwiimpondo zenyathi. Ngelo xesha kwakukho ibandla lesiNgesi elinabantu abangama-40 neqela elikwanti elinabantu abathetha isiTamil. UFrank waqhuba sifundo seBhayibhile namadoda awathi kamva enza inkqubela aza aba ngabadala abangamaKristu. Nam ndafunda neentsapho ezathi ekugqibeleni zakhonza uYehova.

Elinye ibhinqa elinguGloria lalihlala kwindawo ehlwempuzekileyo. Ukuqala kwam ukulityelela, landingenisa phakathi. Ekubeni lalingenazo izitulo, sahlala phantsi. Ndalishiyela IMboniselo, yaye lakrazula isibhalo esasilapho, iSityhilelo 4:11 laza lasincamathisela edongeni apho laliza kusibona suku ngalunye. Lo mbhalo wawuquka la mazwi: “Ufanele, Yehova,” yaye laliwathanda ngqitha. Emva konyaka labhaptizwa.

UFrank wamenywa ukuba asebenze kwisebe laseBombay kangangonyaka aze alathise kumsebenzi wokwakha iHolo Yendibano yamaNgqina kaYehova yokuqala eIndiya. Le Holo yeNdibano yakhiwa ngokufaka omnye umgangatho ongasentla kwisakhiwo esikhoyo sesebe. Ngelo xesha kwakukho amaNgqina angaphezu nje kwama-3 000 eIndiya, yaye ayengaphantsi kwe-10 awayekhonza kwisebe. Ngowe-1975, xa saphelelwa yimali, saba buhlungu gqitha xa sishiya abahlobo esasibathanda ngokwenene.

Sabuyela EAfrika

Kwadlula iminyaka elishumi, yaye ngoku uFrank wayefanele afumane umhlala-phantsi. Ngoko saba ngamatsha-ntliziyo kwinkqubo yokwakha iiofisi zesebe. Safumana ileta esicela ukuba siye eIgieduma, eNigeria, ekubeni kwakusakhiwa apho. Ngoxa sasiseIgieduma, uFrank wafundela enye indoda iBhayibhile kwidolophana ekufuphi, yaye yenza inkqubela yaza kamva yaba lilungu lesebe lamaNgqina kaYehova eNigeria.

Emva koko, saya eZaire ukuze sakhe isebe. Kungekudala emva koko, umsebenzi wokwakha wavalwa yaye sahluthwa namapasi. UFrank wahlaselwa yintliziyo ngoxa esebenza, kodwa wachacha. Kamva, bonke abasebenzi ababesakha kwafuneka bahambe, saza sathunyelwa kwilizwe elikufuphi laseLiberia. Apho kwiofisi yesebe yaseMonrovia, uFrank wacelwa ukuba alungise umatshini wokuvelisa umbane. Xa iincwadi zethu zokundwendwela zaphelelwa lixesha ngowe-1986, kwafuneka siphindele eKhanada kwakhona.

Ekugqibeleni Saya E-Ecuador

Kungekudala emva koko, seva ukuba umhlobo wethu osenyongweni uAndy Kidd ufudukele e-Ecuador yaye wayekuthanda ukushumayela apho. UAndy yayinguye yedwa umdala kwibandla lalapho, ngoko kwakudla ngokufuneka ukuba asingathe phantse zonke iinxalenye kwiintlanganiso. Wasimema ukuba sityelele isebe lase-Ecuador ngowe-1988, yaye basamekela ngezandla ezishushu apho.

Safumana ikhaya elihle lokuhlala; kodwa kwafuneka sifunde iSpanish, yaye uFrank wayeneminyaka engama-71 ngelo xesha. Ebudeni beminyaka emibini elandelayo, nangona sasithetha iSpanish esingaphelelanga, sakwazi ukunceda abantu abali-12 ukuba babhaptizwe. UFrank wacelwa ukuba asebenze kulwakhiwo lwesebe lase-Ecuador. Kwakhona wayefunda iBhayibhile kunye nomyeni weNgqina lokuqala eGuayaquil. Le ndoda, eyayichase kangangeminyaka engama-46, yaba ngumhlobo wethu nomzalwana wethu wokomoya.

Ukulahlekelwa Kakhulu

Sahlala kwidolophu encinane yaseAncón, ngakuLwandlekazi iPasifiki, apho sancedisa khona xa kwakusakhiwa iHolo yoBukumkani entsha. Okubuhlungu kukuba, ngoNovemba 4, 1998, emva kokunikela intetho yakhe yokugqibela kwiNtlanganiso Yenkonzo, uFrank wahlaselwa yintliziyo waza wafa kanye ngobo busuku. Abazalwana noodade bokomoya bandixhasa ngokwenene! Ngosuku olulandelayo uFrank wangcwatyelwa kumangcwaba amelene neHolo yoBukumkani. Andinawo amazwi okuchaza intlungu umntu anayo xa efelwa ngothandekayo.

Kwakhona, kwafuneka ndibuyele eKhanada, ukuze ndinyamekele imibandela yentsapho kwanezinye izinto ezisemthethweni. Phezu kwayo nje intlungu endandikuyo, uYehova akazange andilibale. Ndafumana ileta evela kwisebe lase-Ecuador isithi ndingabuyela khona. Ngoko ndabuyela ndaza ndafumana indlu encinane kufuphi neofisi yesebe. Ukuhlala ndixakekile kwisebe nasentsimini, kwandinceda ndakwazi ukumelana nentlungu yokulahlekelwa nguFrank, kodwa ndandiselilolo.

Ukuqhubeka Nomsebenzi

Ekuhambeni kwexesha, ndaqhelana noJunior Jones. Wayeze e-Ecuador esuka eUnited States ngowe-1997 ukuza kuba nguvulindlela apho. Sasinosukelo olufanayo kwaye sithanda izinto ezifanayo. Satshata ngo-Oktobha 2000. UJunior wayenamava ngokwakha, ngoko sacelwa ukuba siye kugqibezela iHolo Yendibano eCuenca, kwisixeko esiphezulu kwiiNtaba iAndes. Kwandula ke, ngoAprili 30, 2006, uGeoffrey Jackson weQumrhu Elilawulayo lamaNgqina kaYehova weza evela eNew York waza wanikela intetho yokunikezelwa kwayo, yaye kwakukho abantu abangama-6 554 apho.

Ngubani owayesazi ukuba kwiindawo ezikude—eAfrika, eIndiya naseMzantsi Merika—umsebenzi wokushumayela ngoBukumkani uya kube wande ngolo hlobo? Ngoku, mna noJunior asicingi kwaukucinga ngokuthabatha umhlala-phantsi. Iminyaka engaphezu kwengama-50 ndikwinkonzo kaYehova idlule ngokukhawuleza, kuba ngathi bekuyizolo oku ukuqalisa kwam. Yaye ndiyazi ukuba xa ihlabathi elitsha lifika, ixesha esiphila kulo ngoku liza kuba ngathi lidlule ngokukhawuleza.—ISityhilelo 21:3-5; 22:20.

[Imaphu/Umfanekiso okwiphepha 15]

(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)

Apho Sasikhonza Khona

CANADA → ENGLAND → KENYA → TANZANIA

CANADA → INDIA

CANADA → NIGERIA → CONGO, DEM. REP. (ZAIRE) → LIBERIA

CANADA → ECUADOR

[Ezinye iindawo]

UNITED STATES OF AMERICA

[Umfanekiso]

Ndikunye noFrank eIndiya, sisiya kwindibano

[Umfanekiso okwiphepha 15]

Ndikunye nomyeni wam uJunior Jones

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share