IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 6/08 iphe. 25
  • Ngaba Ukho Umntu Owenza Iplani Yokwakha Isiduli?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba Ukho Umntu Owenza Iplani Yokwakha Isiduli?
  • Vukani!—2008
  • Amanqaku Afanayo
  • Intubi—Ngaba Ngumhlobo Okanye Lutshaba?
    Vukani!—1995
Vukani!—2008
g 6/08 iphe. 25

Ngaba Ukho Umntu Owenza Iplani Yokwakha Isiduli?

◼ Siyaqondakala isizathu sokuba iziduli zeentubi zibizwe ngokuba ngowona msebenzi wobugcisa uphum’ izandla. Iziduli zeentubi ezenziwe ngomhlaba namathe zinokulingana neemitha ezintandathu. Udonga lwazo oluziisentimitha ezingama-45 lutshiswa lilanga lude luqine njengodonga lwesamente. Ezinye iziduli kusa sele zikho.

Kufutshane nombindi wesiduli kuhlala ikumkanikazi enokuzalela amawaka amaqanda suku ngalunye. Ezinye “iintubi ezingabasebenzi” ziyawathabatha amaqanda ziwase kumagumbi awakhelwe wona. Kulo magumbi kulapho inyanyekelwa khona le mibungu isandula ukuzalwa. Mhlawumbi eyona nto ibalaseleyo esidulini yinkqubo yaso yokungenisa umoya.

Ngokomzekelo: Amagumbi esiduli nemingxuma engenisa umoya asenza bungatshintshi ubushushu baso nangona ngaphandle imozulu inokutshintshatshintsha. Ngokomzekelo, eZimbabwe eAfrika iqondo lobushushu lisenokutshintsha, ebusuku lisenokuba ngu-2 ngokukaCelcius yaye emini lisenokuba ngaphezu kuka-38 ngokukaCelcius. Iqondo lobushushu kwisiduli alitshintshi lihlala lingu-31 ngokukaCelcius. Kutheni?

Imingxunya esemazantsi esiduli ingenisa umoya omtsha ngoxa umoya omdala uphuma encochoyini yaso. Umoya omtsha ungena emazantsi uze utyhutyhe isiduli. Iintubi ziyivula ziyivala imingxuma ukuze kungene umlinganiselo womoya eziwufunayo. Kufuneka umlinganiselo othile wobushushu ukuze kubekho ukungunda eziphila ngawo iintubi.

Ubugcisa beentubi bokwakha babonelwa ngabazobi bezakhiwo zeeofisi zaseZimbabwe. Esi sakhiwo sisebenzisa umyinge weshumi ekhulwini wenkqubo yokupholisa esetyenziswa zezinye izakhiwo ezifana naso.

Ucinga ntoni? Ucinga ukuba ubuchule beentubi bokulawula iqondo lobushushu buyazenzekela? Okanye ngaba badalwa?

[Inkcazelo Ngemifanekiso ekwiphepha 25]

Top: Stockbyte/Getty Images; bottom: Scott Bauer/Agricultural Research Service, USDA

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share