IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 12/08 iphe. 3-4
  • Kutheni Silapha Nje?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Kutheni Silapha Nje?
  • Vukani!—2008
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Abo Babuza Lo Mbuzo
  • Ukuphumelela Ebomini
  • Wathuthuzelwa NguThixo Wakhe
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2011
  • Wathuthuzelwa NguThixo Wakhe
    Xelisa Ukholo Lwabo
  • Ngaba Ubomi Bunayo Injongo?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2011
  • Ngaba Uya Kuthembeka NjengoEliya?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1997
Khangela Okunye
Vukani!—2008
g 12/08 iphe. 3-4

Kutheni Silapha Nje?

Yintoni injongo yobomi?

ABANTU baye babuza le mibuzo ingasentla. Omnye umbuzo ofana nawo uthi: Ngaba ikho enye into engakumbi esifanele siyilindele ngaphandle kokuphila nje iminyaka engama-70 okanye engama-80 size sife?—INdumiso 90:9, 10.

Imibuzo enjalo siyibuza ngakumbi xa sibona indlela ubomi bethu obubufutshane ngayo. Kakade ke, akukho mfuneko yokuba side sibe sengxakini enkulu ukuze sifune ukuqonda isizathu sokuba lapha. Ukudimazeka kunosibangela sibuze lo mbuzo. Yaye abanye bawubuza lo mbuzo xa bekhangela ngasemva kubomi babo.

UDave wayenomsebenzi ohlawula kakuhle, enendlu entle yaye ethanda ukuchitha ixesha nabahlobo bakhe abaninzi. Uthi: “Xa ndandigoduka ngobunye ubusuku, ndivela kwelinye itheko, kwathi qatha lo mbuzo engqondweni yam ‘Ngaba yeyona njongo yobomi le?—Ngaba ndiza kuphila nje ixeshana ndize ndife? Okanye ikho enye injongo?’ Eyona nto yayindikhathaza kukuba ndandingenanjongo ebomini ngelo xesha.”

Kwincwadi yakhe ethi Man’s Search for Meaning, uViktor Frankl waphawula ukuba abanye abasindayo kwiphulo lokuBulawa Kwabantu Ngenkohlakalo bazibuza lo mbuzo emva kokuba bekhululiwe kwiinkampu zoxinaniso. Xa babegoduka, abanye bafumanisa ukuba abantu babo ababathandayo abasekho. Lo kaFrankl uthi: “Kumele ukuba kwabadandathekisa ngokwenene ukufumanisa ukuba, emva kokuba bekhululiwe, ubomi babahluke mpela koko babekulindele!”

Abo Babuza Lo Mbuzo

Kuzo zonke izizukulwana abantu bebesoloko bebuza lo mbuzo. IBhayibhile iyathetha ngabantu abafuna ukwazi ngenjongo yobomi. Emva kokuphulukana nobutyebi bakhe, ukufelwa ngabantwana, nokugula kalusizi, uYobhi wabuza: “Kutheni ndingazange ndife kwasesibelekweni? Kutheni ndingaphumanga esiswini ndize ndibhubhe?”—Yobhi 3:11.

Umprofeti uEliya wavakalelwa ngendlela efanayo. Xa wayeziva elilolo njengomkhonzi kaThixo, wathi: “Kwanele! Owu Yehova, wuthabathe umphefumlo wam.” (1 Kumkani 19:4) Kuyinto eqhelekileyo ukuvakalelwa ngolo hlobo. Eneneni, iBhayibhile ichaza uEliya ‘njengomntu oneemvakalelo ezinjengezethu.’—Yakobi 5:17.

Ukuphumelela Ebomini

Ubomi budla ngokufaniswa nohambo. Kanye njengokuba unokuqalisa uhambo ungakhange ucinge apho usinge khona, unokuphila ubomi bakho ngaphandle kokuyazi injongo yobomi. Ukuba wenjenjalo, uStephen R. Covey, umbhali owaziwayo, uthi usenokuzifumanisa “uxakeke kakhulu.” Apha wayethetha “ngabantu abaphumeleleyo kodwa abaye batyeshela ezona zinto zixabiseke ngokwenene ebomini.”

Ngaba kusengqiqweni ukunyusa isantya ukuba akuhambi ngendlela efanelekileyo? Ngokufanayo, ukuzigcina ‘sixakekile’ kuba sicinga ukuba siya kuba nobomi obunenjongo, kulilize, kwaye akuyi kusanelisa.

Bonke abantu enoba bangakanani ngeminyaka okanye bavelaphi, bayafuna ukusazi isizathu sokuba sibe lapha. Oku kubangelwa yintswelo sonke esinayo, intswelo yokomoya esenokunganeliswa nakuba sinazo zonke izinto eziphathekayo eziyimfuneko. Khawuqwalasele indlela abanye abaye bazama ngayo ukwanelisa le ntswelo ngoxa befuna injongo ebomini.

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 4]

Ukuzigcina “sixakekile” kuba sifuna injongo ebomini kulilize, kwaye akuyi kusanelisa

[Umfanekiso okwiphepha 3]

UYobhi wayefuna ukuqonda isizathu sokuba azalwe

[Umfanekiso okwiphepha 4]

UEliya ‘wayeneemvakalelo ezinjengezethu’

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share