IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 1/09 iphe. 3-4
  • Amanzi—Ngaba Ayaphela?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Amanzi—Ngaba Ayaphela?
  • Vukani!—2009
  • Amanqaku Afanayo
  • Ngaba Ihlabathi Liyawagqiba Amanzi?
    Vukani!—2001
  • Apho Le Ngxaki Igquba Khona
    Vukani!—1997
  • Aye Phi Amanzi?
    Vukani!—2001
  • Iphulo Lokufuna Amanzi Obomi
    Vukani!—2001
Khangela Okunye
Vukani!—2009
g 1/09 iphe. 3-4

Amanzi—Ngaba Ayaphela?

Kukho intetho yesiUzbek ethi: “Xa uphelelwe ngamanzi, ubomi buba lilize.” Ezinye iingcali zinokuthi lo mazwi akhangeleka eprofeta ngandlel’ ithile. Nyaka ngamnye phantse izigidi ezibini zabantu zifa ngenxa yokungabi nandlela yogutyulo namanzi angacocekanga, yaye ama-90 ekhulwini amaxhoba iba ngabantwana.

UWAFUMANA phi amanzi? Ngaba uvula nje itephu, aze aziphumele? Okanye, njengoko kuqhelekile kwimimandla ethile, ngaba kufuneka uhambe ibanga elide, ume emgceni yaye uthwale ibhakethi elisindayo elinamanzi ubuye nalo ekhaya? Ngaba suku ngalunye kukuthabatha iiyure eziliqela ukufumana amanzi okuhlamba nokupheka? Kwimimandla emininzi, amanzi anqongophele yaye kunzima ukuwafumana! Kwincwadi yakhe ethi Water Wars—Drought, Flood, Folly, and the Politics of Thirst, uDiane Raines Ward, uthi ama-40 ekhulwini abantu emhlabeni wonke “afumana amanzi emithonjeni, emilanjeni, emachibini, nakwizadunge eziba ngaphandle emakhayeni abo.” Kwamanye amazwe, amabhinqa achitha iiyure ezintandathu ethuthela amanzi emakhayeni awo, ewagcina ngemigqomo, xa izele, enokuba nobunzima obumalunga nama-20 eekhilogram.

Abemi bomhlaba abangaphezu kwesinye kwisithathu abafumani manzi acocekileyo nendlela yogutyulo. Le ngxaki ixhaphake kakhulu eAfrika, apho abantu aba-6 kwabali-10 bangenayo indlu yangasese efanelekileyo—nto leyo, ngokutsho kwengxelo yeWorld Health Organization engunobangela “wokusasazeka kweentsholongwane, nezifo eziphuma kwilindle labantu, nto leyo ngandlel’ ithile engcolisa amanzi, umhlaba nokutya.” Ngokutsho kwale ngxelo, “oku kungunozala, wesisu esihambisayo, esinye sezifo ezibulala abantwana abaninzi kumazwe asakhasayo, nesikhokelela kwizifo ezinjengecholera, ischistosomiasis, nesifo samehlo esibizwa ngokuba yitrachoma.”

Amanzi agqalwa njengeyona nto ibaluleke kakhulu. Sekunjalo, abantu bawasebenzisa kakubi amanzi kangangokuba imilambo emikhulu yomile. Ngenxa yokunkcenkceshela nokunyuka komphunga, imilambo iyoma, njengoMlambo iColorado okwintshona yeUnited States, iYangtze eseTshayina, i-Indus esePakistan, iGanges eseIndiya, noMnayile oseYiputa. Yintoni eyenziweyo ukunqanda lo monakalo? Siyintoni isicombululo?

[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 3]

AMANZI ASECICINI LOKUPHELA

◼ “Ulwandle iAral olukuMbindi weAsiya lwaluphakathi kwamachibi amane amakhulu emhlabeni wonke ngowe-1960. Ngowama-2007 lwaluhle kangange-10 ekhulwini.”—IScientific American.

◼ AmaChibi Amakhulu amahlanu aseUnited States naseKhanada—iChibi iErie, iHuron, iMichigan, iOntario, neSuperior—ancipha “ngesona santya sothusayo.”—IThe Globe and Mail.

◼ Ngesinye isihlandlo, kwilitye lokugraya laseDeniliquin eOstreliya kwagraywa irayisi eyayinokwanela abantu abazizigidi ezingama-20. Ngoku, ngokwahlukileyo, isivuno serayisi siye sehla kangangama-98 ekhulwini yaye loo ndawo yokusila yavalwa ngoDisemba 2007. Yintoni unobangela? “Kungenxa yembalela eye yathwaxa elo kangangeminyaka emithandathu.”—IThe New York Times.

[Umfanekiso]

Iphenyane elimi kuLwandle iAral olomileyo

[Inkcazelo]

© Marcus Rose/Insight/Panos Pictures

[Ibhokisi/Iimaphu ezikwiphepha 4]

“UKOMA KWEMILAMBO NEMISINGA”

“IChibi laseAfrika iChad, elalibonwa lula ngoosomajukujuku xa behlola umhlaba, ngoku kunzima ukulibona. Amanzi eli chibi lingqongwe [yiCameroon,] yiChad neNiger neNigeria . . . , awuthe ngama-95 ekhulwini ukususela ngeminyaka yee-1960. Into ebangela ukuba eli chibi lingabi namanzi, kukuba amanzi emilambo nemisinga yalapho, kunkcenkceshelwa ngawo. Ngenxa yoko, iChibi iChad lisenokuphela ngokupheleleyo, lingaziwa nazizizukulwana ezizayo.”—IPlan B 2.0—Rescuing a Planet Under Stress and a Civilization in Trouble, ebhalwe ngokaLester R. Brown.

[Iimaphu]

(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)

■ Amanzi

☒ Izityalo

□ Umhlaba owomileyo

Ngowe-1963

NIGER

CHAD

Lake Chad

NIGERIA

CAMEROON

Ngowama-2007

NIGER

CHAD

Lake Chad

NIGERIA

CAMEROON

[Inkcazelo]

NASA/U.S. Geological Survey

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share