IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 2/09 iphe. 8-9
  • Imijikelo Yobomi

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Imijikelo Yobomi
  • Vukani!—2009
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Inkqubo Egqibeleleyo Yokuzihlaziya
  • Isijikelezi-langa Esinezinto Eziphilayo
    Ngaba Izinto Eziphilayo Zadalwa?
  • Amanzi Aselwayo
    Vukani!—2023
  • Ngaba Uyambulela UYehova Ngezinto Akuphe Zona?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2020
  • Indalo Ithi, ‘Abanakuzithethelela’
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1993
Vukani!—2009
g 2/09 iphe. 8-9

Imijikelo Yobomi

UKUBA umoya namanzi acocekileyo ebenokupheliswa yaye kupheliswe nenkqubo yogutyulo, abantu bebeza kuphathwa zizifo baze bafe. Sekunjalo, yonke into iyafumaneka kwisijikelezi-langa sethu, amanzi akaveli emajukujukwini yaye nezinto ezingcolileyo azithunyelwa kwenye indawo! Ngoko ke ihlala njani icocekileyo indawo esiphila kuyo? Impendulo: yimijikelo yendalo, njengowamanzi, wecarbon dioxide, weoksijini nowenitrogen, eziboniswe zaza zachazwa apha.

Umjikelo wamanzi wahlulahlulwe kathathu. 1. Ubushushu bunyusa amanzi abe ngumphunga. 2. Xa lo mphunga udibene wenza amafu. 3. Ngoko la mafu abangela imvula, isichotho, iqhwa okanye ikhephu, aze ahlele emhlabeni, abuyele apho avela khona. Ngoko ke, angakanani amanzi enza lo mjikelo nyaka ngamnye? Kuqikelelwa ukuba anele ngokwaneleyo ukugubungela umhlaba kubunzulu obumalunga neesentimitha ezingaphezu kwe-100.

2

← ◯

↓ 3 ↑

↓ 1 ↑

↓ ↑

→ →

→

Umjikelo wecarbon noweoksijini wahlulahlulwe kabini—yiphotosynthesis nokuphefumla.a Iphotosynthesis isebenzisa ukukhanya kwelanga, icarbon dioxide, namanzi ukuze ivelise iicarbohydrate kunye neoksijini. Ukuphefumla kwezilwanyana nabantu, kuquka iicarbohydrate neoksijini ukuze kubekho amandla, icarbon dioxide namanzi. Ngoko ke xa kuphuma enye into kumjikelo omnye, omnye umjikelo uyazuza, yaye konke oko kwenzeka ngendlela ecocekileyo, ekhethekileyo nengabonakaliyo.

IOksijini

←

← ←

↓ ↑

↓ ↑

↓ ↑

→ →

→

ICarbon dioxide

Umjikelo wenitrogen ubalulekile kwimveliso yeeamino acid, yeeproteni, nakwezinye iimolekyuli. A. Lo mjikelo uqalisa xa umbane neentsholongwane ziguqula umoya wenitrogen kwizinto ezinokondla izityalo. B. Emva koko, izityalo nazo zisebenzisa ezi zinto ukuze zenze iimolekyuli. Izilwanyana ezitya ezi zityalo zifumana initrogen. C. Xa izityalo nezilwanyana zisifa, iintsholongwane zibangela initrogen, ize loo nitrogen ibuyele kwintlabathi nasemoyeni.

← ← ← ← ← ← ← ← ← ←

↓ ↑

↓ Umoya womhlaba ↑

↓ ungama-78 ekhulwini enitrogen ↑

↓ ↑

↓ ↓ ↑

↓ A ↓ Iimolekyuli ↑

↓ Intsholongwane ↓ B ↑ ↓ C ↑

→ Initrogen Intsholongwane →

→ → →

Inkqubo Egqibeleleyo Yokuzihlaziya

Khawucinge ngoku: Abantu, nangona behambele phambili kwezobugcisa, benza iitoni zenkunkuma nyaka ngamnye abangakwaziyo ukuzihlaziya. Sekunjalo, umhlaba uhlaziya yonke inkunkuma ngokugqibeleleyo, usebenzisa imichiza yendalo. UM. A. Corey ongumbhali wonqulo nenzululwazi uthi: “Ukuba izinto beziye zazivelela bekungenakwenzeka ukuba le nkqubo ibekho qho ize ivisisane ngale ndlela isebenza ngayo.”

Izukisa uThixo ngale nkqubo, iBhayibhile ithi: “Hayi indlela emininzi ngayo imisebenzi yakho, Yehova! Yonke uyenze ngobulumko.” (INdumiso 104:24) Obo bulumko buye babonakaliswa ngayo ebantwini.

[Umbhalo osemazantsi]

a Imijikelo yemichiza eyahlukahlukeneyo inokudibana okanye yenzeke ngexesha elinye. Ngokomzekelo, ioksijini ibakho kwicarbon dioxide, kwiicarbohydrate nakumanzi. Ngoko ke, isebenza kumjikelo wecarbon nowamanzi.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share