IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 3/09 iphe. 18-20
  • Ngaba Kufuneka Ndibe Nabanye Abahlobo?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba Kufuneka Ndibe Nabanye Abahlobo?
  • Vukani!—2009
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Isibakala #1 Ukuba Neempawu Ezintle
  • Isibakala #2—Imilinganiselo Ephakamileyo
  • Isibakala #3—Abanempembelelo Entle
  • Ndinokubafumana Njani Abahlobo Abafanelekileyo?
    Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo, Umqulu 1
  • Ngoobani Abahlobo Bam Bokwenene?
    Vukani!—2011
  • Abahlobo Abalungileyo—Abahlobo Ababi
    Vukani!—2004
  • Bakhethe Kakuhle Abahlobo Bakho
    Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade!—Incoko Efundisa NgeBhayibhile
Khangela Okunye
Vukani!—2009
g 3/09 iphe. 18-20

Abantu Abaselula Bayabuza

Ngaba Kufuneka Ndibe Nabanye Abahlobo?

“Xa ndinomsindo, ndifuna umntu endinokuthetha naye. Ukuba ndidandathekile, ndifuna umntu oza kundithuthuzela. Ukuba ndonwabile, ndifuna ukonwaba nomntu. Ndicinga ukuba kubalulekile ukuba nabahlobo.”—UBrittany.

BEKUSOLOKO kusithiwa abantwana abancinane bafuna oogxa babo, ngoxa abantu abadala befuna abahlobo. Yintoni umahluko?

Ugxa ngumntu osoloko unaye.

Umhlobo ngumntu onemilinganiselo efana neyakho.

Ukongezelela, iBhayibhile ithi “iqabane lokwenyaniso lithanda ngamaxesha onke, yaye lingumzalwana ozalelwe ixesha lokubandezeleka.” (IMizekeliso 17:17) Kusenokwenzeka ukuba oku kubhekisela kumhlobo wokwenene kungekhona umntwana nje odlala naye!

Isibakala: Njengoko ukhula, ufuna abahlobo

(1) Abaneempawu ezintle.

(2) Abaphila ngemilinganiselo ephakamileyo.

(3) Abanempembelelo entle kuwe.

Umbuzo: Unokwazi njani ukuba abahlobo bakho banazo ezi mpawu? Makhe sihlalutye isibakala ngasinye kwezi zilandelayo.

Isibakala #1 Ukuba Neempawu Ezintle

Oko ufanele ukwazi. Asingabo bonke abahlobo bakho abanokuba ngabahlobo bokwenene. IBhayibhile ithi “wambi amaqabane ayonakalisana.” (IMizekeliso 18:24) Oko kusenokungaqondakali. Kodwa zibuze: Ngaba wakha waba nomhlobo odlala ngawe? Kuthekani ngalowo wayekudl’ izithende okanye esasaza ubuxoki ngawe? Usenokungamthembi kwakhona.a Hlala ukhumbula ukuba, eyona nto ibalulekileyo kukuba nabahlobo bokwenene kungekhona abahlobo abaninzi!

Oko unokukwenza. Zikhethele abahlobo abaneempawu onokuzixelisa.

“Abantu basoloko bethetha kakuhle ngomhlobo wam uFiona. Nam ndifuna abantu bathethe kakuhle ngam. Ndifuna ukuba negama elihle njengaye. Ndiyakuthanda oko.”—UYvette, oneminyaka eli-17 ubudala.

Zama oku kulandelayo.

1. Funda amaGalati 5:22, 23.

2. Zibuze, ‘Ngaba abahlobo bam baneempawu “zesiqhamo somoya”?’

3. Bhala ngezantsi amagama abahlobo bakho abasenyongweni. Ecaleni kwegama ngalinye, bhala iimpawu aziwa ngazo loo mntu.

Igama Iimpawu

․․․․․ ․․․․․

․․․․․ ․․․․․

․․․․․ ․․․․․

Icebiso: Ukuba ucinga ngeempawu ezimbi kuphela, mhlawumbi kuza kufuneka uzifunele abanye abahlobo!

Isibakala #2—Imilinganiselo Ephakamileyo

Oko ufanele ukwazi. Okukhona utshutshumbiseka ukuba nabahlobo, kokukhona uya kuzikhethela abangalunganga. IBhayibhile ithi: “Osebenzisana neziyatha uya kuhlelwa bububi.” (IMizekeliso 13:20) Igama elithi ‘iziyatha’ alibhekiseli kubantu abangekho krelekrele. Kunoko, lithetha ngabo bangenangqiqo nabalandela ihambo engafanelekanga—abahlobo onokuphila ngaphandle kwabo!

Oko ufanele ukwenze. Kunokuba ube ngumhlobo naye wonke umntu, ufanele wenze ukhetho. (INdumiso 26:4) Oku, akuthethi kuthi ufanele ube nomkhethe. Kule meko, ukuzikhethela kuthetha ukuba ‘uyawubona umahluko phakathi kwelungisa nongendawo, phakathi kwalowo ukhonza uThixo nalowo ungamkhonzanga.’—Malaki 3:18.

UThixo akanamkhethe, kodwa uyamkhetha umntu oza ‘kuba lundwendwe ententeni yakhe.’ (INdumiso 15:1-5) Nawe unokwenza okufanayo. Phila ngemilinganiselo ephakamileyo, yaye nabanye abazabalazela oko baya kufuna ukuba ngabahlobo bakho. Ekugqibeleni, baya kuba ngabahlobo abafanelekileyo!

“Ndinombulelo kubazali bam abandincedayo ndafumana abahlobo—abalingana nam ngeminyaka nabaqhuba kakuhle ngokomoya.”—UChristopher, oneminyaka eli-13 ubudala.

Zama oku kulandelayo.

Phendula le mibuzo ilandelayo:

◼ Xa ndikunye nabahlobo bam, ngaba ndisoloko ndixhalabile kuba beya kundicinezela ndenze into endiyaziyo ukuba iphosakele?

□ Ewe □ Hayi

◼ Ngaba ndiyoyika ukubonisa abazali bam abahlobo endinabo, ekubeni ndicinga ukuba abayi kubathanda?

□ Ewe □ Hayi

Icebiso: Ukuba impendulo yakho nguewe kule mibuzo ingasentla, zikhethele abahlobo abanemilinganiselo ephakamileyo. Kutheni ungaqali ngabo badala kunawe nabangamaKristu angumzekelo?

Isibakala #3—Abanempembelelo Entle

Oko ufanele ukwazi. IBhayibhile ithi: “Unxulumano olubi lonakalisa imikhwa elungileyo.” (1 Korinte 15:33) Intwazana egama linguLauren ithi: “Abantwana endandifunda nabo esikolweni babendithanda lo gama nje ndenza oko bandiyalela kona. Ekubeni ndandililolo, ndagqiba ukuba ndibaxelise ukuze ndamkeleke.” ULauren wafumanisa ukuba xa unemilinganiselo etshintshatshintshayo kuba ufuna ukwamkeleka kwabanye, uya kufana neendolotyi kumdlalo wechess. Musa ukuzivumela uphathwe ngolo hlobo!

Oko ufanele ukwenze. Zinxweme kwabo bafuna ukukuguqula ukuze uphile ngendlela yabo. Ukuba wenjenjalo, uya kuzidla yaye uya kuzifumanela abahlobo ababhetele—abaya kuba nempembelelo entle kuwe.—Roma 12:2.

“Umhlobo wam osenyongweni uClint uthobekile yaye uyaziqonda iimvakalelo zabanye, ngenxa yoko uye waba lukhuthazo olukhulu kum.”—UJason, oneminyaka engama-21 ubudala.

Zama oku.

Zibuze le mibuzo ilandelayo:

◼ Ngaba ndiyayiguqula indlela endinxiba, endithetha nendizenza ngayo izinto ukuze ndikholise abahlobo bam?

□ Ewe □ Hayi

◼ Ngaba ndiya kwiindawo ezithandabuzisayo ebendingenakuya kuzo ukuba bendingafuni ukwamkeleka kubahlobo?

□ Ewe □ Hayi

Icebiso: Ukuba impendulo yakho nguewe kule mibuzo ingasentla, yiya kubazali bakho okanye kumntu oqolileyo onokukucebisa. Ukuba ungomnye wamaNgqina kaYehova, unokuya kumdala ongumKristu uze umchazele ukuba ufuna uncedo ukuze ukhethe abahlobo abaya kuba nempembelelo entle kuwe.

Amanqaku angakumbi kungcelele oluthi “Abantu Abaselula Bayabuza” anokufunyanwa kwiWeb site ethi www.watchtower.org/ype

[Umbhalo osemazantsi]

a Eneneni, sonke siyazenza iimpazamo. (Roma 3:23) Ngoko ke xa umhlobo wakho ekukhubekisile waza wazisola, khumbula ukuba “uthando lugubungela inkitha yezono.”—1 Petros 4:8.

OKO UMELE UCINGE NGAKO

◼ Ziziphi iimpawu ozixabisayo kumhlobo, yaye kutheni?

◼ Ziziphi iimpawu ofuna ukuzihlakulela ukuze ube ngumhlobo olungileyo?

[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 19]

OKO KUTHETHWA LOLUNYE ULUTSHA

“Xa abazali bam bandahlukanisa nelinye iqela labahlobo endandinabo, ndandizixelele ukuba yayingabo kuphela. Abazali bam babenyanisile, kuba ndaqonda ukuba ndandinokuzifumanela abanye abahlobo abaninzi.”—UCole.

“Ukuya kubulungiseleli bamaKristu yeyona ndlela eye yandinceda ndabazi abantu ebandleni. Kulapho ndinxulumana nabantu abahlukahlukeneyo, abaselula nabakhulileyo. Yaye ndichitha ixesha nabantu abathanda uYehova.”—UYvette.

“Ndandithandazela abahlobo, kodwa ndaqonda ukuba andenzi nto ingako ukuze ndibe nabo. Ngoko ndaqalisa ukuthabatha inyathelo lokuqala ndaza ndancokola nabanye kwiintlanganiso zamaKristu. Ngokukhawuleza ndandinabahlobo abaninzi abatsha. Ngoku andiselilo ikheswa.”—USam.

[Ibhokisi ekwiphepha 20]

ZAMA LA MACEBISO ALANDELAYO

Thetha nabazali bakho ngokuphathelele abahlobo. Babuze ngabahlobo ababenabo xa babelingana nawe. Ngaba bayazisola ngabahlobo ababakhethayo? Ukuba kunjalo, kutheni? Babuze ngoko unokukwenza ukuze uphephe iingxaki abajamelana nazo.

Bonisa abazali bakho abahlobo onabo. Ukuba umadolw’ anzima, zibuze, ‘Kutheni kunjalo nje?’ Ngaba kukho into abangayithandiyo abazali kubahlobo bakho? Ukuba kunjalo, kufuneka ubakhethe ngobuchule.

[Ibhokisi ekwiphepha 20]

IINDLELA EZINTATHU ZOKUBA NABAHLOBO ABALUNGILEYO

◼ Phulaphula kakuhle. Yiba nomdla kwimpilo-ntle nakwizinto ezibaxhalabisayo abahlobo bakho.—Filipi 2:4.

◼ Xolela. Ungalindel’ imfezeko. “Sonke siyakhubeka izihlandlo ezininzi.”—Yakobi 3:2.

◼ Banik’ umtyhi. Akuyomfuneko usoloko uthe nca kubo. Abahlobo bokwenene baya kusoloko bekhona xa ubafuna.—INtshumayeli 4:9, 10.

[Umfanekiso okwiphepha 18, 19]

Xa unemilinganiselo etshintshatshintshayo kuba ufuna ukwamkeleka kwabanye, uya kufana neendolotyi kumdlalo we-“chess”

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share