Banokunceda Njani Abazali?
OMNYE umbutho wezemfundo waseUnited States uthi kubafundi bamabanga aphakamileyo: “Zibhokoxe kwizifundo zakho.” Kuba befuna ukufikelela usukelo lwabo, abanye abantu abaselula bazilahla nofele kwizifundo zabo. UMadeline Levine, ocatshulwe kwinqaku elingaphambili, wabhala: “Abantwana abaninzi abafumani nethuba lokuphefumla kuba bajongene nezifundo, izinto ezininzi ezenziwa ukuphuma kwesikolo, izifundo ezongezelelekileyo zokunceda umfundi angatsali nzima xa efika kumabanga aphakamileyo okanye ekholejini, nomhlohli wabucala oqeshelwe ukuqeqesha umfundi ngokukhethekileyo.” Ukuxakeka ngaloo ndlela kunokuyikhoboza impilo yabafundi.
Ukuba uyakhathazeka kuba umntwana wakho exinezelekile esikolweni, yiya esikolweni sakhe. Thetha nootitshala, abacebisi nabaphathi-sikolo. Baxelele into oye wayiphawula ngomntwana wakho. Unalo ilungelo lokwenjenjalo.
IBhayibhile ikhuthaza abazali ukuba banyamekele abantwana babo. UMoses wathi kubazali bohlanga lwakwaSirayeli: ‘Uze ubethelele imithetho kaThixo kunyana wakho yaye uthethe ngawo ekuhlaleni kwakho endlwini yakho, nasekuhambeni kwakho ngendlela, nasekulaleni kwakho, nasekuvukeni kwakho.’—Duteronomi 6:7.
Ukuba nomdla kwimfundo yomntwana wakho akuthethi kuthi ungugqada-mbekweni. Kubonisa ukuba uyamthanda umntwana wakho yaye ufuna ukumxhasa. Yaye loo nto inokumnceda kakhulu umntwana wakho ukuze angaxinezeleki esikolweni.
[Umfanekiso okwiphepha 8, 9]
Baxelele ootitshala nabacebisi ukuba umntwana wakho uxinezelekile ngumsebenzi wesikolo