IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 6/09 iphe. 24-27
  • Ulutsha OlungamaKatolika Lukhuthazwa Ukuba Lunikele Ubungqina

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ulutsha OlungamaKatolika Lukhuthazwa Ukuba Lunikele Ubungqina
  • Vukani!—2009
  • Imixholwana
  • “Ukuphela Kokholo”
  • Imiboniso Namatheko
  • “Nibe NgamaNgqina Am”
  • Ulutsha Olunikela Ubungqina
Vukani!—2009
g 6/09 iphe. 24-27

Ulutsha OlungamaKatolika Lukhuthazwa Ukuba Lunikele Ubungqina

NGUMBHALI KAVUKANI! EOSTRELIYA

NGOJULAYI wonyaka odluleyo amaRoma Katolika avela ehlabathini lonke ayehlanganisene eSydney, eOstreliya ukuya kubhiyozela iWorld Youth Day yowama-2008, elusuku lwesiganeko sonqulo seCawa yamaKatolika.

Iindwendwe okanye abantu abatyelela iindawo zonqulo abavela kumazwe ali-170 abaphephezelisa iiflegi babezalise izitrato bekhwaza, becula yaye bebhiyoza kuso sonke eso sixeko. Amawakawaka ababukeli ayemi kwiZibuko laseSydney ukuze abone uPopu Benedict XVI, owafika ngephenyane likhatshwa ngamanye ali-12 amibalabala. Abantu abamalunga nama-500 ezigidi ehlabathini lonke asibukela kumabonwakude esi siganeko.

UMthendeleko wokugqibela owaqhutyelwa kumabala omdyarho wamahashe alapho, wawunabantu abafikelela kuma-400 000, kuquka amagosa ecawa angama-4 000 kwakunye nabasebenzi abangama-2 000 bamajelo eendaba. Esi yayisesona siganeko sasinabona bantu baninzi eOstreliya, bantu abo ababodlula lee abo babekwiMidlalo yeeOlimpiki eSydney ngowama-2000.

Yintoni iWorld Youth Day? Kutheni ibhiyozelwa nje? Kwenziwa ntoni ngolu suku? Yaye olu suku luye lwatyhila ntoni ngokholo lolutsha lwalapho eSydney?

“Ukuphela Kokholo”

IWorld Youth Day sisiganeko saminyaka le sokubhiyozela ukholo lolutsha olungamaKatolika. Amalungu ecawa adla ngokulukhumbula olu suku kwizithili zawo. Noko ke, emva kweminyaka emibini okanye emithathu, esi siganeko sidla ngokuqhutyelwa kwisixeko esithile esikhulu yaye kumenywa ulutsha lwamaKatolika oluvela ehlabathini lonke. Esi siganeko sele siqhutyelwe kwizixeko ezilishumi kumazwekazi amahlanu yaye kuye kwabakho izigidi ngezigidi zabantu.

Kodwa njengoko amagosa eCawa eye avuma, iWorld Youth Day yenzelwe ukuthintela ukuphelelwa lukholo kwabo bakwiCawa yamaKatolika. UGeorge Cardinal Pell, omnye wabefundisi abaphambili bamaKatolika eOstreliya wathi: “Sinengxaki enkulu yokuba abantu abasenanto yakwenza nobuKatolika yaye baphelelwa lukholo. Ngolu suku lweWorld Youth Day sizama ukulungisa loo nto.”

IVatican ibonisa ukuba inani labefundisi liyancipha ehlabathini lonke. Amashumi amawaka aye abushiya ubufundisi esiya kutshata kula mashumi eminyaka asandul’ ukudlula. Inani labo baqeqeshelwa ubufundisi eOstreliya liye lehla ngama-70 ekhulwini kule minyaka ingama-30 idluleyo. Ngokuqhelekileyo umfundisi okwesona sithili sikhulu eOstreliya sele ekwiminyaka engama-60 ubudala, mlinganiselo lowo omalunga neminyaka engama-20 ngaphezu kwalowo wangowe-1977.

Kanti kumazwe amaninzi lihlile inani labantu abaya ezicaweni. Bamalunga nama-25 ekhulwini eOstreliya abantu abazibiza ngokuba bangamaKatolika, kodwa bali-14 ekhulwini kuphela kwabo bantu abaya rhoqo ezicaweni. Kucingelwa ukuba angaphantsi kwe-10 ekhulwini amaKatolika aselula ayayo ezicaweni. Kwangaxeshanye, amaKatolika amaninzi akazithobeli iimfundiso zecawa eziphathelele ukuziphatha ngokwesini, ukuthintela inzala noqhawulo-mtshato. Abanye baye badaniswa ngamanyundululu awenzeka ezicaweni, njengalawo abandakanya abefundisi abaxhaphaza abantwana ngokwesini.

IThe Sydney Morning Herald ithi, iWorld Youth Day “ziinzame zokugqibela zokuthintela ukonakala okukule cawa. Iinkokeli zecawa zaseOstreliya naseRoma zifuna iindlela zokuvuselela ukholo zisebenzisa ulutsha.” Ezi nkokeli zonqulo zizifikelela njani iintliziyo zolutsha?

Imiboniso Namatheko

IWorld Youth Day yowama-2008 ibinemiboniso yecawa, kukho amaqela axubushayo, kuhanjelwa ezonqulo, kukho nemibhiyozo emikhulu yoMthendeleko. Nangona ezi ziganeko ziye zakhuthaza uninzi lwabo babekuzo, abanye baphawula ukuba kwakukho omnye umoya ophembelela le mibhiyozo. Omnye umKatolika oselula ogama linguAlexandra novela eUnited States wathi ngeWorld Youth Day, “Ilitheko elikhulu kakhulu.”

Esi siganeko saseSydney seentsuku ezintandathu sasinemibhiyozo engama-450 equka iikonsathi, iifilimu, imidlalo, imiboniso yaye kwakuculwa ezitratweni. Apho kwakukho umculo weopera, okaGregory, umculo onesingqi esinamandla nerap. Kwezi konsathi zerock kwakukho amawakawaka olutsha oluthand’ iziyolo.

Ezi ziganeko zawaxhalabisa amanye amaKatolika. Umfundisi uPeter Scott wathi kwiABC News yaseOstreliya esi siganeko siye “saba litheko nje lolonwabo—iveki yokuzonwabisa, iikonsathi neziganeko zehlabathi ezingenanto yakwenza kangako nezinto ezingcwele.” Enyanisweni, ngonyaka wama-2000, uPopu Benedict XVI, owayenguKhadinali Ratzinger ngelo xesha wabhala wathi: “[Umculo] we-rock kukubonisa iimvakalelo, yaye kumatheko e-rock oko kuba luhlobo lonqulo, eneneni oluchasene nonqulo lobuKristu.”—The Spirit of the Liturgy.

Oko kuphakamisa lo mbuzo, “Ngaba iWorld Youth Day iya kutshintsha ubomi babantu ngandlel’ ithile?” UPaul Collins owayesakuba ngumfundisi wathi: “Mhlawumbi kuya kutshintsha igcudwana labantu.” Wathi: “Kodwa abaninzi baya kubuyela kwiindlela ababephila ngazo ngaphambili. Utshintsho lokwenene alubangelwa ziziganeko ezibalaseleyo, kodwa lubangelwa kukucingisisa, ukuceba nokuzimisela ukulungisa iingxaki ezendeleyo.”

“Nibe NgamaNgqina Am”

Iinkokeli zecawa zizazi kakuhle ezo zibakala. Yiloo nto, iWorld Youth Day yowama-2008 yayinomxholo othi: “Niya kwamkela ke amandla, akubon’ ukuba uMoya oyiNgcwele uhlile phezu kwenu; nibe ngamangqina am.”a

Oobhishopu bakhuthaza ababeze kwesi siganeko ukuba “bahlakulele inzondelelo efana neyabapostile yokunikela ubungqina ngokupheleleyo ngeVangeli kule mihla.” UPopu Benedict XVI wabakhuthaza ukuba babe “sisizukulwana esitsha sabapostile” waza wayitsho nento yokuba bamele basasaze “iiNdaba Ezilungileyo kwizihlobo, iintsapho zabo nakubo bonke abanye abantu.”

Abanye abanyanisekileyo bachukunyiswa lolu khuthazo. URamido, oneminyaka engama-20 ubudala waseUnited States, wathi komnye unondaba: “Ndikugqala kubalulekile ukuba lingqina.” Kodwa uBeatrice, oneminyaka eli-18 ubudala waseItali wathi: “Ulutsha lwangoku aluthethi ngoThixo. Kunzima gqitha ukuba lingqina kule mihla.” Abaninzi kwababelapho bathetha la mazwi eentwazana ezimbini ezikwishumi elivisayo zaseTexas, eUnited States, “Ekuphela kwabantu abanikela ubungqina apho sivela khona ngamaNgqina kaYehova!”

Ulutsha Olunikela Ubungqina

Enyanisweni, amaNgqina kaYehova enoba aselula okanye sele ekhulile, adume ngokunikela ubungqina ngenzondelelo. Kutheni esenjenjalo nje? USotir, iNgqina laseSydney elineminyaka engama-22 ubudala lithi: “Athanda uThixo, athanda abantu neBhayibhile.”

NgeWorld Youth Day yowama-2008, lumalunga nama-400 ulutsha olungamaNgqina lwaseSydney olwalukwiphulo elikhethekileyo lokuthetha ngenyaniso yeBhayibhile kwabo babeye kwesi siganeko samaKatolika, nangona lona lwalungayanga kule nkomfa. UTravas oneminyaka engama-25 ubudala wathi: “Kwandivuyisa gqitha ukuthetha nolutsha lwamaKatolika oluluthandayo unqulo. Uninzi kulo lwalunemibuzo emihle yeBhayibhile yaye ndakuvuyela ukuluphendula lwanele.”

UTarsha, oneminyaka engama-23 ubudala uthi: “Ndandithetha nalo ngokukhululekileyo. Ndandifuna ukulwamkela eSydney ndize ndive iinkolelo zalo.” UFrazer oneminyaka engama-20 ubudala uthi: “Xa ndibona kufanelekile, ndandilunika incwadi ethi, Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?b Lonke olo ndathetha nalo lwayamkela ngezandl’ ezishushu le ncwadi.”

Licacile elokuba iindwendwe ezininzi zakunandipha ukuxubusha nolutsha olungamaNgqina. USuzanne waseFiji wabuza uBelinda, iNgqina elineminyaka eli-19 ubudala ngesizathu sokuvumela kukaThixo ukubandezeleka. UBelinda wacebisa ukuba bahlolisise impendulo ebhalwe kwincwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile. Besakugqiba, uSuzanne wathi: “Abantu badla ngokundixelela ukuba uThixo usebenza ngeendlela ezingenakuqondwa. Ngoku ndide ndayifumana impendulo!” Wathi uBelinda akumnika le ncwadi, uSuzanne wathi: “Bendizama ukugcina ngentloko yonke into ondixelele yona. Khange ndiyicinge into yokuba ungandinika le ncwadi!”

Olunye undwendwe oluvela kwiiPhilippines lwacela uMarina, iNgqina elineminyaka engama-27 ubudala ukuba limfote phambi kwenye indawo edumileyo eSydney. Kwalandela ingxubusho emnandi, waza uMarina wanika elo bhinqa incwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile. Eli bhinqa lathi: “Phezolo ndithandazile ndicela ukuyiqonda ngakumbi iBhayibhile. Kunokwenzeka ukuba uphendulwe umthandazo wam ngale ncwadi!”

ULevi, iNgqina elineminyaka engama-27 ubudala, waqalisa incoko neendwendwe ezimbini ezivela ePanama, umama nentombi yakhe. Le ncoko yakhawuleza yaya kwizinto zokomoya, kwaza kwalandela ingxubusho ngeemfundiso zeBhayibhile. Bobabini aba bayamkela incwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile. Kamva, uLevi wababuza wathi, “Yintoni eye yabalasela ngohambo lwenu?” Ibambe incwadi yayo ethi Okufundiswa YiBhayibhile, le ntwazana yaphendula ngelithi, “Kukudibana nawe.”

Ngokwenene, ulutsha oluninzi lwamaKatolika lwaluzimisele ukwazi ngakumbi ngeBhayibhile. Kuthekani ngawe? Ngaba ungathanda ukuyiqonda nangakumbi iBhayibhile? Ngoko kutheni ungaceli amaNgqina kaYehova ukuba akuqhubele isifundo seBhayibhile sekhaya sesisa? Aya kukuvuyela ukukunceda nawe!

[Imibhalo esemazantsi]

a Lo mxholo ucatshulwe ngokuyinxenye kwiZenzo 1:8 kwiBhayibhile yesiXhosa.

b Ipapashwe ngamaNgqina kaYehova.

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 27]

“Sinengxaki enkulu yokuba abantu abasenanto yakwenza nobuKatolika yaye baphelelwa lukholo.”—UGeorge Cardinal Pell OngumRoma Katolika

[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 25]

ISIGANEKO ESIKHULU SAMAGOSA ECAWA

IWorld Youth Day yowama-2008 yayisesona siganeko sikhulu samagosa onqulo kwezakha zakho eOstreliya. Malunga ne-100 lamagosa aphezulu akhuthaza iindwendwe zonqulo ezingaphezu kwama-50 000 ukuba zicinge ngokuba ngabefundisi, oonongendi okanye zisebenzele iCawa yamaKatolika.

[Umfanekiso okwiphepha 24, 25]

Iindwendwe ezibonisa ngeempahla ezimibalabala ezitratweni

[Imifanekiso ekwiphepha 26]

AmaNgqina kaYehova aya kwiindwendwe ezikhenketha kwisixeko saseSydney

[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 24]

Getty Images

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share