Ubuya Kuphendula Uthini?
Yintoni Engekhoyo Kulo Mfanekiso?
Funda iNumeri 22:21-27. Emva koko jonga lo mfanekiso. Bhala iimpendulo zakho kule migca ingezantsi uze ufakele izinto ezingafakwanga kulo mfanekiso.
1. ․․․․․
2. ․․․․․
3. ․․․․․
UKWENZELA INCOKO:
Kwakutheni ukuze uBhileham abe nomsindo? Uvakalelwa njani ngendlela uBhileham awayiphatha ngayo imazi yakhe ye-esile yaye kutheni uvakalelwa ngolo hlobo nje?
Kule Nkupho
Phendula le mibuzo, uze ufakele iindinyana zeBhayibhile.
IPHEPHA 7-8 Ukoyika abantu kunokwenza ntoni? IMizekeliso 29:․․․
IPHEPHA 7 Isiyatha sihamba entwenini? INtshumayeli 2:․․․
IPHEPHA 7 Amacebo okhutheleyo aphumela entwenini? IMizekeliso 21:․․․
IPHEPHA 22 Abafileyo bazi ntoni? INtshumayeli 9:․․․
Bantwana Khangelani Le Mifanekiso
Ngaba ungakwazi ukuyibona le mifanekiso kweli phephancwadi? Chaza ngamazwi akho into eyenzekayo kumfanekiso ngamnye.
Ngaba Kukho Okwaziyo Ngabaprofeti?
Funda uYeremiya 38:1-13; 39:15-18, uze uphendule le mibuzo ilandelayo.
4. ․․․․․
Ngubani owahlangula uYeremiya yaye kwakutheni ukuze azibeke engozini ngolo hlobo?
5. ․․․․․
UYeremiya wayixelela ntoni loo ndoda kamva?
UKWENZELA INCOKO:
Kwakutheni ukuze uYeremiya avakalise isigidimi sikaYehova nangona kwakuyingozi ukwenjenjalo? Ukuba ukhonza uYehova kanye njengoYeremiya, unentembelo yokuba uYehova uya kukwenzela ntoni?
◼ Iimpendulo zifumaneka kwiphepha 27
Iimpendulo Zemibuzo Ekwiphepha 31
1. Imazi ye-esile.
2. Umsimelelo kaBhileham.
3. Ingelosi kaYehova.
4. UEbhedi-meleki. Wayesazi ukuba uYeremiya ngumprofeti kaYehova yaye akafanele afe.
5. UYehova wayeza kumkhusela uEbhedi-meleki xa iYerusalem itshatyalaliswa.