IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 9/09 iphe. 7-9
  • Indlela Ulutsha Olunokulufumana Ngayo Uncedo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Indlela Ulutsha Olunokulufumana Ngayo Uncedo
  • Vukani!—2009
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Umthombo Wamacebiso Anokuthenjwa
  • Nceda Okwishumi Elivisayo Aphumelele
    Imfihlelo Yolonwabo Lwentsapho
  • Bazali—Baqeqesheni Ngothando Abantwana Benu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2007
  • Ingonwaba Njani Intsapho Yakho?​—Esesibini
    Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade!—Incoko Efundisa NgeBhayibhile
  • Bazali, Ncedani Abantwana Benu Bamthande UYehova
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2022
Khangela Okunye
Vukani!—2009
g 9/09 iphe. 7-9

Indlela Ulutsha Olunokulufumana Ngayo Uncedo

Ukuba ihlabathi belikwimeko entle, bonke abazali bebeya kubanceda ngokuqhubekayo abantwana babo baze babanike ukhokelo lothando. Bebeya kuncokola nabo, babafundele, batye nabo baze baqonde iimfuno zabo. Kodwa ke abazali abafezekanga. Inyanisile iBhayibhile xa isithi: “Bonke bonile baza basilela kuzuko lukaThixo.”—Roma 3:23.

Ukuba uselula, unokuvakalelwa kukuba kowenu aniphili kwimeko eyiyo—yaye kusenokwenzeka ukuba ichanile indlela ocinga ngayo. Nakuba kunjalo, kuninzi onokukwenza ukuze unciphise uxinezeleko uze uqhubeke wonwabile. Khawuphawule ezinye iindlela okunokukunceda ngazo ukusebenzisa imigaqo yeBhayibhile.

Icebiso 1

Nxulumana Nabantu Ungabi Ngunkom’ Idla Yodwa

“Ozahlulayo uya kufuna ulangazelelo lwakhe lokuzingca; uya kuphambuka kubo bonke ubulumko bobuqili.” (IMizekeliso 18:1) Olunye ulutsha alukhululeki xa luphakathi kwabantu yaye lukhetha ukubukela umabonwakude okanye ukudlala imidlalo yevidiyo. Ngenxa yokuba luneentloni ngokugqithiseleyo, olunye luyathanda ukuzikhetha. UElizabeth ungoselula ozichaza “njengoneentloni ezingapheliyo.” Uthi: “Iintloni zam zifana noloyiko. Kunzima gqitha kum ukuya ebantwini ndize ndithethe nabo.”

UElizabeth uye wahlangabezana njani nokuba neentloni? UliNgqina likaYehova, ibe uya rhoqo kwiintlanganiso zamaKristu njengenxalenye yonqulo lwakhe. UElizabeth uthi: “Nakuba ndineentloni, ndinosukelo lokuthetha nomntu omnye kwintlanganiso nganye. Ukuba andikwazanga, andizikhathazi ngaloo nto. Kodwa ndihlala ndicinga ngezinto endiye ndazenza. Ndifumanisa ukuba kuyandinceda ukwazi abanye abantu.”

Ungabhala phantsi amagama abantu ababini okanye abathathu onokuthanda ukubazi ngakumbi. Kwisithuba seveki emva koko, zibekele usukelo lokwazi okuthile ngomnye wabo. Emva koko bhala phantsi into entle onokuyenzela ngamnye waba bantu kuloo nyanga, uze uyenze.—IZenzo 20:35.

Ukuba umela kude ebantwini nakwiingxaki, uya kuphela sele uzixhalabele ngendlela egqith’ emgceni. Kwelinye icala, iBhayibhile isixelela ukuba ‘sinyamekele, kungekuphela nje izilangazelelo zethu, kodwa kwanezilangazelelo zabanye.’ (Filipi 2:4) Ukuba usebenzisa loo mgaqo xa uqhubana nentsapho yakowenu nabanye abantu abakungqongileyo, uya kuzijonga ngendlela elungeleleneyo iingxaki onazo uze ukwazi ukuzicombulula.

Icebiso 2

Kubalekeni Ukuziphatha Okubi Ngokwesini

“Sabani kulo uhenyuzo. Sonke esinye isono asenokusenza umntu singaphandle komzimba wakhe, kodwa lowo uqhelisela uhenyuzo wona nxamnye nomzimba wakhe.” (1 Korinte 6:18) Unokukuphepha njani ukunyanzelelwa ekuziphatheni okubi ngokwesini, nakuba kuyinto exhaphakileyo kulutsha?

Okokuqala, kufuneka ucingisise ngalo mbandela ngaphambi kokuba udibane naloo ngcinezelo okanye isilingo. Umzekeliso wesilumko uthi: “Onobuqili uyawaqwalasela amanyathelo akhe.” (IMizekeliso 14:15) UMbali, ibhinqa eliselula laseMzantsi Afrika, uthi: “Ndisekwisikolo samabanga aphakamileyo, kwakukho umfana owayehlalele ukucela ukuba ndiphume naye. Amantombazana endandifunda nawo ayendinyanzela ukuba ndithandane nalo mfana kuba wayeyinzwana—engumbonisi wempahla yaye edlala kwiqela lebhola ekhatywayo esikolweni. Wayenomtsalane yena, kodwa ndandisele ndizixelele ukuba andisayi kuyaphula imilinganiselo yam yokuziphatha. Abantwana endandifunda nabo babecinga ukuba iintlobano zesini nomntu ongathandaniyo naye akuyongxaki. Kodwa ndandiyazi into elungileyo nephosakeleyo yaye ndandisele ndiyazi into endimele ndiyenze kude kudala ngaphambi kokuba ndibe kule meko.”

Okwesibini, thandaza kuThixo uze ucele uncedo ukuze ubambelele kwimilinganiselo yakhe yokuziphatha. UMaggie waseNgilani uthi: “Umthandazo uyandomeleza ndikwazi ukumelana nengcinezelo yokuba neentlobano zesini. Andize ndicinge ukuba ndinokukwazi ukuyilawula ngokwam imeko endikuyo. Ndixelela nabazali bam ngalo mba ndize maxa wambi ndixubushe ngale ngxaki nabahlobo bam abaqolileyo.”

Icebiso 3

Yiba Novelwano Ngabazali Bakho

“Cingani nto-nye nonke, nivelane, ninomsa wobuzalwana, nemfesane, nithobekile engqondweni.” (1 Petros 3:8) Ayixhomekekanga kuwe into yokuba abazali bakho bayahlukana okanye baqhubeka behlala kunye, ingaxhomekekanga kuwe nento yokuba bayaphangela bobabini kusini na. Kodwa ngomlinganiselo othile inokuxhomekeka kuwe into yokuba uyazivumela na ezo ngxaki ukuba zonakalise ulwalamano onalo kunye nabo kusini na. Enye indlela onokulunciphisa ngayo uxinezeleko onalo uze wonwabe kukuba nemfesane ngabazali bakho, uzame ukuziqonda iingxaki abajamelana nazo.

Oselula ogama linguAmber uye wasisebenzisa esi siluleko. Uyavuma ukuba bakhe baxabane nonina kube nzima. Kodwa ke, uthi: “Zininzi izinto atyhubele kuzo umama ebomini. Usikhulise sobane eyedwa. Ebesoloko eqiniseka ukuba sinekhaya, siyatya, yaye siyanxiba. Iyandikhuthaza indlela aye wanyamezela ngayo, yaye ndinethemba lokuba ndiya kunyamezela ngendlela efanayo xa ndijamelene nobunzima.”

Ukuba uzama ukuzibeka endaweni yabazali bakho ubone indlela abavakalelwa ngayo, loo nto iya kukunceda ube nembono elungeleleneyo ngeengxaki onazo. Ukwenjenjalo kuya kukunceda uqonde iimpawu ezintle abanazo abazali bakho uze uzixelise.

Umthombo Wamacebiso Anokuthenjwa

La macebiso angasentla angumzekelo wobulumko obufumaneka kwiLizwi likaThixo, iBhayibhile. Njengoko ufunda ngakumbi ngale ncwadi, uya kukuqonda ukuthembeka kwamacebiso afumaneka kuyo.a

Enye indlela onokufunda ngayo ngakumbi ngeBhayibhile kukunxulumana namaNgqina kaYehova uze uyifunde nawo. Phakathi kwawo, uya kufumana abahlobo bokwenene abaya kukuxhasa ngamaxesha obunzima baze bakuncede usebenzise isiluleko sobulumko seBhayibhile kubomi bakho. Ngokuqinisekileyo akulula ukuphila ngokuvisisana nemilinganiselo yeBhayibhile. Kodwa ukuba ukhetha eli khondo lobomi, uya kufumana iingenelo ezingapheliyo.—Isaya 48:17, 18.

[Umbhalo osemazantsi]

a Incwadi ethi Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo, Umqulu 2, epapashwe ngamaNgqina kaYehova, ingumthombo obalaseleyo wamacebiso asekelwe eBhayibhileni ngendlela ulutsha olunokuhlangabezana ngayo neengxaki. Inkcazelo efanayo ikho nakwi-Internet www.watchtower.org/ype.

[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 8, 9]

Oko Kufunwa Ngabakwishumi Elivisayo Kubazali Babo

Ukuba Nexesha Kunye Nabo: UYehova uThixo waxelela abazali bakwaSirayeli ukuba bafanele bathethe rhoqo nabantwana babo—wathi “ekuhlaleni kwakho endlwini yakho, nasekuhambeni kwakho ngendlela.” (Duteronomi 6:6, 7) Oku kuthetha ukuba abazali bamele bachithe ixesha kunye nabantwana babo. Kuyabonakala ukuba uYesu wayiqonda imfuneko yokuchitha ixesha kunye nabantwana. Ngokomzekelo, xa “abantu bazisa kuye abantwana abaselula ukuze abachukumise,” wathini uYesu? “Wabawola aba bantwana waza wabasikelela.” (Marko 10:13, 16) Wabamisela umzekelo obalaseleyo abazali!

Ukuncokola Ngokunyaniseka Kungafihlwa Nto: IBhayibhile ithi: “Amacebo ayatshitsha apho kungekho gqugula.” (IMizekeliso 15:22) Ukugqugula nabantwana bakho kwakuyimfuneko xa babesebancinane. Kubaluleke nangakumbi xa bekwishumi elivisayo, kuba lincinane ixesha abalichitha ekhaya yaye elingakumbi balichitha nabahlobo esikolweni kwakunye nabanye abantwana. Xa kungekho gqugula—kungancokolwa ngokunyaniseka nangokuphandle ngabazali nabantwana—abantwana banokungaqhelani neentsapho zakomawabo.

Uqeqesho Olufanelekileyo: Ubukhulu becala uqeqesho lunokubhekisela ekunqwanqwadeni—nangona umntu enokukhawuleza acinge ngesohlwayo. IMizekeliso 15:5 ithi: “Nabani na osisidenge akabi nantlonelo ngengqeqesho kayise, kodwa nabani na osihlonelayo isohlwayo unobuqili.” Okwishumi elivisayo akanakuba “nantlonelo ngengqeqesho” xa engayinikwa. Kambe ke, kufuneka balungelelane abazali xa beqeqesha abantwana abakwishumi elivisayo. Bamele bakuphephe ukuba ngqwabalala kangangokude babacaphukise abantwana babo, mhlawumbi bade babenze baphelelwe kukuzithemba. (Kolose 3:21) Sekunjalo, abazali abamele babe ngoovula-zibhuqe, besilela ukunika abantwana babo uqeqesho olululo. Ukuvula zibhuqe kunokuba nemiphumo emibi.b

[Umbhalo osemazantsi]

b Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi, funda isahluko 5 nese-6 sencwadi ethi Imfihlelo Yolonwabo Lwentsapho, epapashwe ngamaNgqina kaYehova.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share