Imfihlelo 3: Intsebenziswano
“Ababini balunge ngakumbi kunomnye . . . Xa omnye wabo esiwa, omnye unokuliphakamisa iqabane lakhe.”—INtshumayeli 4:9, 10.
Intsingiselo yoku. Izibini eziphumelelayo ziyalithobela ilungiselelo likaThixo lobuntloko eliseBhayibhileni. (Efese 5:22-24) Sekunjalo, indoda nomfazi abatshatileyo bafanele basebenzise amabinzana anjengelithi “yethu” kunokumana besithi “yam.” Xa kukho intsebenziswano, indoda okanye umfazi ayisayi kwenza izinto ngokungathi ayitshatanga. ‘Banyama-nye’—ibinzana eliseBhayibhileni elingapheleli nje ekuchazeni isibakala sokuba olu manyano alupheli kodwa elikwachaza umanyano olukhoyo.—Genesis 2:24.
Kutheni oku kubalulekile? Ukuba akukho ntsebenziswano phakathi kwakho neqabane lakho, nisenokuqalisa ukulwa ngezinto ezingenamsebenzi, nihlaselane kunokuba nihlasele ingxaki ekhoyo. Ngokwahlukileyo, xa nisebenzisana njengesibini nifana nomqhubi wenqwelo-moya kwakunye nomncedisi wakhe asebenzisana naye, kunokuba nibe ngabaqhubi beenqwelo-moya ezimbini eziza kungquzulana. Xa ningavumelani nikhangela isisombululo esiza kuninceda kunokudlala ngexesha namandla nityholana yaye nibekan’ amabala.
Zama oku kulandelayo. Hlola intsebenziswano yenu ngokuphendula le mibuzo ilandelayo.
◼ Ngaba ndivakalelwa kukuba “yonke imali yeyam” kuba nje isetyenzelwe ndim?
◼ Ngaba andibi nanto yakwenza nezizalwane zeqabane lam enoba lona lisondelelene nazo?
◼ Ngaba ndivakalelwa kukuba ukuze ndiphumle kakuhle ndifanele ndibe kude neqabane lam?
Yenza isigqibo. Cinga ngendlela enye okanye ezimbini onokuba nentsebenziswano engakumbi ngazo neqabane lakho.
Khawukhe ubuze iqabane lakho ngoko lona likucebisayo.
[Umfanekiso okwiphepha 5]
Xa nisebenzisana njengesibini nifana nomqhubi wenqwelo-moya kwakunye nomncedisi wakhe asebenzisana naye