Imizekelo Yeentsapho Eziye Zaphumelela—Icandelo 1
Njengoko lo Vukani! ukhethekileyo sele ubonisile, kwaneentsapho eziphumelelayo ziba nazo iingxaki maxa wambi. Ayothusi ke loo nto, kuba siphila kwixesha elichazwa yiBhayibhile ngokuthi ‘ngamaxesha amanqam ekunzima ukujamelana nawo.’ (2 Timoti 3:1) Ngokuqinisekileyo, ntsapho nganye iya kuba nalo uhlobo oluthile lwengxaki.
Noko ke, khumbula ukuba impumelelo ayixhomekekanga kwiimeko ezibonakala zintle. Kwelinye icala, uYesu wathi: “Banoyolo abo bayiphapheleyo intswelo yabo yokomoya.” (Mateyu 5:3) Iintsapho ezanelisa imfuno yazo yokomoya ngokulandela imigaqo yeBhayibhile, ziye zayifumana imfihlelo yokuphumelela—nakuba iimeko zisenokubonakala zingentle. Nantsi eminye imizekelo yazo.
Ukunyamekela umntwana okhubazekileyo. IBhayibhile ibalaselisa ukunyanyekelwa kwamalungu entsapho, kuquka lawo aneemfuno ezikhethekileyo. Ithi: “Ukuba nabani na akabalungiseleli abo bangabakhe, ngokukodwa amalungu endlu yakhe, ngokuqinisekileyo ulukhanyele ukholo yaye mbi ngaphezu kongakholwayo.”—1 Timoti 5:8.
Kwiphepha 15, uVictor, ubawo waseMzantsi Afrika, ubalisa ngendlela yena nenkosikazi yakhe abaye banyamekela ngayo umntwana okhubazekileyo kangangeminyaka engamashumi amane.
Ukukhuliswa ngabazali abangengobakho. Imigaqo yeBhayibhile inokumnceda umntu azithembe ngendlela elungeleleneyo—enoba uye washiywa ngabona bazali bakhe. Eneneni, iBhayibhile ithi, uYehova uThixo “ungumncedi” kwabo bangenayise.—INdumiso 10:14.
Kwiphepha 16, uKenyatta, ibhinqa eliselula laseUnited States, lichaza indlela eliye lafunda ngayo ukumelana nentlungu yokungabazi abona bazali balo.
Ukuhlangabezana nokufelwa ngumzali. Ukufelwa ngumama okanye ngutata kunokubangela amanxeba angenakuphola lula. IBhayibhile inokukunceda. UMbhali wayo, uYehova, ‘nguThixo wentuthuzelo yonke.’—2 Korinte 1:3.
Kwiphepha 17, uAngela, ibhinqa eliselula laseOstreliya, lichaza indlela ulwalamano lwalo noThixo olulinceda ngayo lihlangabezane nentlungu yalo yokufelwa.
Zonke iintsapho zineengxaki ezijamelene nazo. Njengoko amabali akumaphepha alandelayo eza kubonisa, abo basebenzisa imigaqo yeBhayibhile baye bafumana imfihlelo yokwenene ebanceda baphumelele ekuhlangabezaneni neengxaki abanazo.
[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 15]
Ukunyamekela Umntwana Okhubazekileyo
Kubalisa uVictor Maynes, waseMzantsi Afrika
“Okoko wazalwa, uAndrew ebexhomekeke kuthi ukuba simnxibise, simhlambe size maxa wambi simtyise. Sele eneminyaka engama-44 ubudala.”
SARHANA ukuba kukho undonakele ngoAndrew, kuba wayengakwazi ukuhamba nasemva kokuba egqibe unyaka ubudala. Kwathi ke, malunga nelo xesha waxhuzula. Sambalekisela esibhedlele, apho kwafunyaniswa ukuba unesifo sokuwa. Kodwa akuzange kuphelele apho. Kwathi kwakuhlolwa kwafunyaniswa ukuba uAndrew ukhubazekile engqondweni.
Emva kokuzama iindlela ezahlukahlukeneyo zonyango, sada sakwazi ukusilawula isigulo sika-Andrew. Kangangethuba elithile, wayesebenzisa iindidi ezine zonyango ezahlukahlukeneyo kathathu ngemini. Kambe ke, imeko yakhe yengqondo ayinakunyangwa ngamayeza. Nangoku sele eneminyaka engama-44 ubudala, uAndrew unengqondo elingana neyomntwana omalunga neminyaka emihlanu nemithandathu ubudala.
Oogqirha basicebisa ukuba sithumele uAndrew kwiziko elinyamekela abantu abakwimeko yakhe, kodwa sagqiba kwelokuba asisayi kuyenza loo nto. Sasikwazi ukumnyamekela, ngoko sagqiba kwelokuba simgcine ekhaya nakuba wayeneengxaki ezingenakutshintsha.
Ngenxa yoko, ukumnyamekela sakwenza kwangumsebenzi wethu njengentsapho. Abanye abantwana bethu—iintombi ezimbini nonyana abahlala nathi—basixhasa ngendlela engathethekiyo yaye sibamba ngazibini kubo! Kanti, njengoko singamaNgqina kaYehova, siye saxhaswa gqitha ngamalungu ebandla esikulo. Maxa wambi, aye asilungiselela izidlo, aza asigcinela uAndrew ngoxa sishumayela okanye sisenza ezinye izinto.
Sisoloko sikhumbula amazwi akuIsaya 33:24, anesithembiso sikaThixo sokuba ngenye imini, ‘akusayi kubakho mmi uthi “Ndiyagula.”’ Sikholelwa ngokupheleleyo ukuba uThixo uya kuyifeza injongo yakhe yokuzisa ihlabathi elitsha nokuphelisa konke ukugula. (2 Petros 3:13) Ngoko sikhangele phambili xa uAndrew sele ephilile. De kufike elo xesha, siyawakholelwa amazwi kaYesu athi, ukuba sibeka uBukumkani bukaThixo kuqala kubomi bethu, siya kuzinikwa ezinye izinto esizifunayo. (Mateyu 6:33) Oko bekusoloko kusenzeka. Asikaze siswele nto.
Kuyavunywa ukuba, asingabo bonke abantu abakwaziyo ukunyamekela amalungu entsapho agulayo. Kwabo bakwaziyo, bendiya kuqala ndincomele ukuba bazingise emthandazweni. (1 Petros 5:6, 7) Okwesibini, mnyamekele ngothando kangangoko unako umntwana wakho yaye ungaze uyithathe lula into yokuba angakwazi ukufunda ukuthanda uYehova uThixo. (Efese 6:4) Okwesithathu, yivumele yonke intsapho ukuba ikuncedise. Okwesine, khumbula ukuba ikhaya lakho liyeyona ndawo anokuthandwa kuyo lo mntwana. Kambe ke, iimeko ziyahluka. Thina asizange nanini na sizisole ngokunyamekela uAndrew. Ungoyena mntwana uthandekayo—eyona ndoda ithandekayo—ndiyaziyo.
[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 16]
Ukukhuliswa Ngabazali Abangengobakho
Kubalisa uKenyatta Young, waseUnited States.
“Xa ungumntwana oze nomnye umzali emtshatweni, phakathi kwaba bazali ubakho lo uligazi lakho. Kodwa ke ngenxa yokuba ndikhuliswa ngabazali abangengobam andinayo loo nyhweba. Andizazi nokuba ndifana nabani na.”
ANDIMAZI utata, yaye andizange ndimbone nomama ondizalayo. Umama wayezinkcinkca ngotywala esebenzisa neziyobisi xa wayekhulelwe mna. Ukuzalwa kwam ndagcinwa kumaziko karhulumente yaye ndiye ndahlala kwaliqela ala maziko ngaphambi kokuba ndifumane aba bazali bandikhulisayo, ngelo xesha ndisengaphantsi kweminyaka emibini ubudala.
Utata endikhuliswe nguye uthi xa waboniswa ifoto yam ngumntu owayemncedisa ukufuna umntwana, wakhawuleza wafuna ukundithatha. Zisuka nje ndamthanda umama omtsha. Ndamxelela ukuba ungumama yaye ndifuna ukugoduka naye.
Noko ke, ndikhumbula ndisemncinane ndisoyika ukuba, xa ndinokwenza into engafanelekanga, ndakubuyiselwa kwiziko lokugcina abantwana. Ndandingafuni nokuqumba oku okanye ndigule njengabanye abantwana. Ndandingafuni nokuba nomkhuhlane lo! Abazali bam baqhubeka bendiqinisekisa ukuba bayandithanda yaye abasoze bandilahle.
Nakuba sele ndimdala ngoku, ndikhe ndivakalelwe kukuba andixabisekanga njengabanye abantwana abakhuliswe ngabazali babo bokoqobo. Ndithi xa kanye ndiqala ukuyikhupha engqondweni yonke le nto, kubekho umntu othi kum, “Umele ube nombulelo ngokuba nabazali abaneentliziyo ezintle kangangokude bafune ukukukhulisa bengakuzali!” Nam ndinombulelo, kodwa loo mazwi andenza ndizive ngathi ikho into engahambi kakuhle ngam yaye ngandlel’ ithile kuluxanduva ukuthandwa ngomnye umntu.
Kunzima ukwamkela into yokuba ndisenokungaze ndimazi oyena tata undizalayo. Maxa wambi, iye indikhathaze into yokuba umama engazange aziphathe kakuhle, ukuze akwazi ukundikhulisa, ngokungathi ndandingaxabisekanga. Kodwa ngamanye amaxesha ndikhe ndimvel’ usizi. Ndidla ngokucinga ukuba enoba ndingadibana naye, ndingathanda ukumxelela ukuba ndiphumelele ebomini yaye akamele azisole ngokundishiya.
Abazali abandikhulisileyo bangamaNgqina kaYehova, yaye esinye sezona zipho zixabisekileyo bandinike sona kukwazi iBhayibhile. Asoloko endithuthuzela amazwi akwiNdumiso 27:10 athi: “Nokuba ubawo noma bangandishiya, ke yena uYehova uya kundithabatha.” Yile nto yenzeke kum. Yaye zikho izinto ezintle ngokukhuliswa ngabanye abazali. Ngokomzekelo, ndibathanda gqitha abantu—ukwazi iimvelaphi zabo nobomi babo—mhlawumbi ngenxa yokuba ndingawazi owam umnombo. Ndiyabathanda abantu, yaye oko kubaluleke kakhulu xa ungumlungiseleli ongumKristu. Ukuba liNgqina likaYehova nokuthetha ngeBhayibhile kundenza ndizihlonele yaye ndizive ndixabisekile. Xa ndixinezelekile, ndiyahamba ndiye kunceda abanye. Xa ndifundisa abanye abantu iBhayibhile ndifumanisa ukuba ndiyakwazi ukwakha ulwalamano nabo. Wonke umntu unento ebangela umdla kubomi bakhe.
[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 17]
Ukuhlangabezana Nokufelwa Ngumzali
Kubalisa uAngela Rutgers, waseOstreliya
“Ukusweleka kukaTata kwandenza ndaziva ndingakhuselekanga. Ndandilahlekelwe ngoyena mntu wayesazi yonke into nowayendilungiselela iingxaki zam.”
UTATA wasweleka kwiminyaka elishumi eyadlulayo, xa ndandikwishumi elivisayo. Kwiinyanga ezintandathu ngaphambi koko, wayetyandiwe yaye ngoxa wayesachacha, ugqirha wasixelela ukuba ayikho eny’ into enokwenziwa ukuzama ukumnceda. Umama wabuza akayeka, ubhuti yena waf’ isiqaqa, ngoxa mna ndandizulelwa yingqondo, ndingazi nokuba mandithini. Kwiinyanga ezintandathu emva koko utata wasweleka.
Ingqondo yam yathath’ ibeka. Ndandifuna ukuba abahlobo bam bayiqonde ingxaki endandikuyo kodwa bangandisizeli. Ngoko ndazama ukuyifihla kubo indlela endibuhlungu ngayo. Kwelinye icala, ndaqonda ukuba xa ndihlala nabo ngokukhululekileyo, kuya kuba ngathi akwenzekanga nto, kube kungenjalo. Xa ndicinga ngoku, ndiyabona ukuba ngokwenene abahlobo bam kwanyanzeleka babe nomonde kum!
Ngaba ndizibek’ ityala ngokusweleka kukaTata? Kunjalo kanye! Akwaba ndanditsho rhoqo ukuba “Ndiyakuthanda.” Akwaba ndandimwole ngakumbi okanye ndichithe ixesha elingakumbi kunye naye. Kungakhathaliseki ukuba kukangaphi ndizixelela ukuba, ‘Ebengayi kuthanda ukuba uvakalelwe ngolo hlobo,’ kodwa isandikhathaza le nto.
Njengoko ndiliNgqina likaYehova, lindithuthuzela gqitha ithemba lovuko elisekelwe eBhayibhileni. (Yohane 5:28, 29) Ndizama ukuzixelela ukuba utata usaye phesheya kweelwandle yaye useza kuphinda abuye, nakuba singalwazi ncam olona suku aza kubuya ngalo. Ndandingayiginyi into yokuva abantu besithi kum, “Utat’ akho uza kubuya avuke.” Mna ‘ndandifuna utata abuye ngoku!’ Kodwa ukuzixelela ukuba uye phesheya kweelwandle kwandinceda. Kwandinceda ndaqonda ukuba kuza kubakho uvuko ngoxa kwandenza ndahlangabezana nokufelwa.
Amanye amaKristu aye andixhasa gqitha. Ndikhumbula omnye wawo endixelela ukuba kunzima ukuthetha ngokufa kukatata, kodwa esitsho ukuba wayecinga ngentsapho yasekhaya ngalo lonke ixesha. Loo mazwi ahlala enkenteza engqondweni yam. Andinceda ndatyhubela iintsuku zaxa kwakungekho mntu uthetha nto, kuba andenza ndaqonda ukuba enoba kwakungekho mntu uthethayo kodwa babecinga ngathi. Oko kwaba luncedo kakhulu kum!
Kwiinyanga ezine emva kokufa kukaTata, uMama wazigcina exakekile eshumayela yaye kwakubonakala ukuba yeyona nto imonwabisayo leyo. Ngoko nam ndahamba naye. Iyamangalisa indlela okomeleza ngayo ukunceda abanye abantu. Kuye kwalomeleza ukholo lwam kwiLizwi likaYehova nakwizithembiso zakhe, yaye kundinceda nangoku ukuba ndiyeke ukucinga ngam kuphela.