IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 11/09 iphe. 18-21
  • Ndiza Kunxiba Ntoni?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ndiza Kunxiba Ntoni?
  • Vukani!—2009
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Cinga Ngemigaqo YeBhayibhile
  • Cela Uluvo Lwabazali Bakho
  • Ndiza Kunxiba Ntoni?
    Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo, Umqulu 1
  • Ukutshatyalaliswa KweSodom NeGomora
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
  • UYesu Uphilisa Abantu Ngokungummangaliso
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
  • UYesu Wayebamangalisa Abaphulaphuli Bakhe
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
Khangela Okunye
Vukani!—2009
g 11/09 iphe. 18-21

Abantu Abaselula Bayabuza

Ndiza Kunxiba Ntoni?

UHeather sele elungele ukuphuma kowabo, kodwa abazali bakhe babamb’ ongezantsi besakumjonga.

“Uza kunxiba loo nto?” ubuza atsho uyise engakwazi ukuzibamba.

“Yintoni embi ngayo?” Uphendula ngelitshoyo uHeather, evakala othukile. “Ndisaya ezivenkileni nabahlobo bam.”

“Akuyi ndawo unxibe loo nto!” utsho unina.

“Kodwa Mama,” umbombozela ngelitshoyo uHeather, “bonke abanye abantwana banxiba ngolu hlobo, . . . inento eyithethayo ngam!”

“Uyabona ke, asiyithandi loo nto iyithethayo!” ngokungqongqo uphendula atsho uYise. “Hamba ke, mntanam, uyokutshintsha ezo nto, okanye akuyi ndawo!”

ASINTO intsha le yokuxabana kwabazali nabantwana ngesinxibo. Kusenokwenzeka ukuba nabazali bakho babexabana nababo abazali xa babelingana nawe. Yaye kusenokwenzeka ukuba ngelo xesha babevakalelwa ngale ndlela uvakalelwa ngayo ngoku! Kodwa ngoku izinto zitshintshile, yaye umbandela wesinxibo ubangela ingxabano emva kwenye.

Wena uthi: Indihlala kakuhle le nto.

Bona bathi: Loo nto ixazalala.

Wena uthi: Inomtsalane gqitha!

Bona bathi: Ivuselela inkanuko yesini.

Wena uthi: Ibiza imali encinci.

Bona bathi: Ifanele kaloku . . . incinci kwayona!

Ngaba ikho indlela enokuphela ngayo le ngxabano? Ewe ikho! UMegan, osele eneminyaka engama-23 ubudala, uyazi ukuba inokuphela njani. Uthi: “Akuyomfuneko ukuba kude kuxatyanwe. Kunokuthethwa kude kuvunyelwane.” Kuvunyelwane njani? Ngaba loo nto ithetha ukuba umele unxibe ngathi uneminyaka engama-40 ubudala? Akuyomfuneko ukuba kube njalo! Ukuvumelana kuthetha ukuba ninokuthetha nabazali bakho ngezinto eningavumelaniyo ngazo nize nifikelele kwisivumelwano esinanelisa nonke. Inokukunceda ngantoni loo nto?

1. Uya kubukeka nakubahlobo bakho.

2. Abazali bakho abanakufane bazigxeke izinto ozinxibileyo.

3. Besakubona indlela oqhuba ngayo kulo mba, banokukunika inkululeko engakumbi.

Masiqale apha. Cinga ngesinxibo osibone kwi-Internet okanye evenkileni obungathanda ukusithenga. Nantsi into yokuqala onokuyenza . . .

Cinga Ngemigaqo YeBhayibhile

IBhayibhile ayithethi kangako ngesinxibo. Eneneni, ungazifunda ngokuvakalayo iZibhalo ezithetha ngokuthe ngqo ngalo mbandela ngemizuzu nje embalwa! Noko ke, ngelo xeshana uya kufumana ulwalathiso oluxabisekileyo. Ngokomzekelo:

◼ IBhayibhile icebisa amabhinqa ukuba azihombise “ngokuthozama nangengqondo ephilileyo.”a—1 Timoti 2:9, 10.

Igama elithi ‘ukuthozama’ linokukuxhalabisa. Usenokuzibuza, ‘Ngaba kunyanzelekile ukuba ndinxibele nje ukugquma umzimba?’ Akunjalo konke konke! Kule meko, ‘ukuthozama’ kuthetha ukuba isinxibo sakho sibonisa ukuba uyazihlonela yaye unolwazelelelo ngeemvakalelo zabanye. (2 Korinte 6:3) Zininzi iimpahla ezifanelekayo. UDanielle oneminyaka engama-23 ubudala uthi: “Kunokuba nzima kona, kodwa unokunxiba kakuhle ngaphandle kokuba uzibaxe izinto.”

◼ Xa ithetha ngenkangeleko, iBhayibhile ithi ufanele unikele ingqalelo ‘kumntu ofihlakeleyo wentliziyo.’—1 Petros 3:4.

Isinxibo esingabonisi kuthozama sinokuba nomtsalane okomzuzwana, kodwa bubuhle bakho bangaphakathi obuya kukwenza uhlale uhlonelwa ngabantu abadala nalolunye ulutsha. Ngaba olunye ulutsha luya kukuhlonela? Ewe luya kukuhlonela—lude lubone nobuyatha bokukhetha iimpahla ezibaxekileyo. UBrittany oneminyaka eli-16 ubudala uthi: “Kuyothusa ukubona indlela amabhinqa azama ngayo ukuhenda amadoda ngezinto azinxibayo!” NoKay uyavumelana noko. Uthi xa ethetha ngalowo wayesakuba ngumhlobo wakhe: “Yonke into awayeyinxiba yayitsala amehlo. Wayekuthanda ukujongwa ngamadoda, yaye ukuze ayifumane loo nto, wayenxiba ezona zinto zitsala amehlo awayenokuzifumana.”

Icebiso Ngesinxibo: Kuphephe ukunxiba iimpahla ezivuselela inkanuko yesini. Zikwenza ubonakale ngathi akukwazi kuzibamba yaye ucinga ngesiqu sakho. Zinokukwenza ukuba ube sisisulu sokuncwaswa—okanye de wehlelwe nayenye into embi. Ngokwahlukileyo, iimpahla ezindilisekileyo zikwenza ube mhle zize zivelise nezinye iimpawu ezintle onazo.

Cela Uluvo Lwabazali Bakho

Akunakuba yinto efanelekileyo ukufaka impahla engandilisekanga ebhegini uze uyinxibe xa ufika esikolweni. Baya kukuthemba ngakumbi abazali bakho ukuba uyanyaniseka uze uthethe nabo ngokukhululekileyo, kwanangezinto onokucinga ukuba unokubafihlela zona. Enyanisweni, mhlawumbi kuya kuba kuhle ukuba ufune uluvo lwabo xa ucinga ngokuthenga impahla.—IMizekeliso 15:22.

Kodwa kutheni ubuya kufuna ukwenjenjalo? Abazali bakho abanazinjongo zakutshintsha uhlobo lwempahla oluthandayo. Liyinyaniso elokuba, abazali bakho banokubona izinto ngokwahlukileyo. Kodwa maxa wambi yiloo nto kanye efunekayo. UNataleine oneminyaka eli-17 ubudala uthi: “Ndiyalixabisa icebiso labazali bam ngenxa yokuba andifuni kuphuma endlini ndizenze intlekisa okanye wonke umntu athethe kakubi ngenkangeleko yam.”

Kodwa nantsi eyona nyaniso: Logama nje usahlala nabazali bakho, uphantsi kwegunya labo. (Kolose 3:20) Sekunjalo, xa uziqonda kakuhle iimbono zabo kulo mba—nabo beziqonda ezakho—ixesha elininzi niya kuvumelana. Ngenxa yoko, nisenokuyeka ukuxabana ngendlela yokunxiba!

Icebiso Ngesinxibo: Xa ulinganisa impahla, musa ukucinga nje ngoko ukubona esipilini. Impahla ebonakala indilisekile, isenokungabi njalo xa uhlala phantsi okanye ugoba ukuze uchole okuthile. Ukuba kunokwenzeka, buza umzali okanye umhlobo oqolileyo.

Amanye amanqaku athi “Abantu Abaselula Bayabuza” afumaneka kwiWeb site ethi www.watchtower.org/ype

[Umbhalo osemazantsi]

a Nangona esi Sibhalo sibhekisela kumabhinqa, imigaqo ekuso iyasebenza nakumadoda. Funda ibhokisi enomxholo othi, “Kuthekani Ngabafana?”

OKO UMELE UCINGE NGAKO

Cinga ngempahla ongathanda ukuyithenga. Emva koko zibuze:

◼ “Ithetha” ntoni ngawe?

◼ Baza kusabela njani abanye xa beyibona?

◼ Ngaba ndifuna basabele ngaloo ndlela?

[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 19]

Ukuhlola Iimpahla

Imiyalelo: Yenza ikopi yeli phepha. Cela abazali bakho bazalise umqolo ongasekunene uze wena uzalise ongasekhohlo. Emva koko, tshintshana nabazali bakho ngoko nikubhalileyo nize nithethe ngako. Ngaba kukho naziphi na izinto ezothusayo? Yintoni ngamnye wenu ayifundileyo kwindlela enizibona ngayo izinto abengayazi ngaphambili?

ICANDELO LAKHO ICANDELO LABAZALI BAKHO

Cinga ngempahla Cingani ngempahla ethile umntwana

ofuna ukuyinxiba wenu okwishumi elivisayo afuna

okanye ukuyithenga. ukuyinxiba okanye ukuyithenga.

◼ Yintoni eyona nto ◼ Nicinga ukuba kutheni umntwana

uyithandayo ngale mpahla? wenu eyithanda le mpahla?

Dwelisa izinto ozithandayo Dwelisani ezona zinto nicinga

ngayo ngokokulandelelana kwazo. ukuba zibangela ukuba ayithande.

․․․․․ Ndithanda igama layo ․․․․․ Uthanda igama layo

․․․․․ Inomtsalane kubantu ․․․․․ Inomtsalane kubantu

besini esahlukileyo besini esahlukileyo

․․․․․ Iyathandwa lolunye ulutsha ․․․․․ Iyathandwa lolunye ulutsha

․․․․․ Indihlala kakuhle ․․․․․ Imhlala kakuhle

․․․․․ Ndithanda ixabiso layo ․․․․․ Uthanda ixabiso layo

․․․․․ Ezinye izizathu ․․․․․ Ezinye izizathu

◼ Mhlawumbi abazali bam ◼ Indlela endiya kuqala

baza kuthi xa beqala ukuyibona ndisabele ngayo

□ “Soze uthenge loo nto!” □ “Andifuni nokuyibona!”

□ “Mhlawumbi ungayithenga.” □ “Mhlawumbi angayithenga.”

□ “Unokuyithenga le.” □ “Angayithenga.”

◼ Eyona nto inokubangela ◼ Isizathu sokuba ndingayifuni

ukuba bangayifuni kukuba

□ “Ivuselela inkanuko yesini.” □ “Ivuselela inkanuko

yesini.”

□ “Ixazalala.” □ “Ixazalala.”

□ “Isefashonini kakhulu.” □ “Isefashonini kakhulu.”

□ “Iyasihlazisa thina □ “Iyasihlazisa thina

njengabazali bakho.” njengabazali bakho.”

□ “Ibiza imali eninzi.” □ “Ibiza imali eninzi.”

□ Ezinye izizathu □ Ezinye izizathu

NGABA SINGASEBENZISANA KULO MBA?

◼ Zinokundinceda njani ◼ Ngaba ukungayifuni

iimbono zabazali bam? kwethu le mpahla kubangelwa

kukuba thina sinohlobo

oluthile lwempahla

esiluthandayo?

․․․․․ □ Ewe □ Kusenokwenzeka □ Hayi

◼ Ngaba ikho into ◼ Ngaba ikho into

enokwenziwa ukuze enokwenziwa ukuze

le mpahla yamkeleke? le mpahla yamkeleke?

․․․․․ ․․․․․

ISIGQIBO

․․․․․

[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 20]

OKO KUTHETHWA LOLUNYE ULUTSHA

“Akukho nto iphosakeleyo ngokunxiba ‘izinto zefashoni,’ logama nje zingangqubani nemigaqo yeBhayibhile. Zininzi izinto onokuzithenga ezintle nezifanelekileyo.”—UDerrick.

“Xa ndandikwishumi elivisayo, ndandifuna ukuzimela. Ndandingathandi ukuxelelwa ngento emandiyinxibe. Noko ke, ekuhambeni kwexesha, ndafumanisa ukuba andihlonelwa ngendlela endifuna ngayo—de ndaqalisa ukuphulaphula izimvo zabazali bam nezabantu abadala kunam.”—UMegan.

“Xa ndibona amantombazana enxibe impahla engandilisekanga, andikwazi ukuwahlonela. Kwelinye icala, xa ndibona abantu benxibe iimpahla ezindilisekileyo kodwa ezintle, ndiye ndizixelele ukuba, ‘Nam ndingathanda ukukhangeleka ngolwa hlobo.’”—UNataleine.

[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 21]

KUTHEKANI NGABAFANA?

Imigaqo yeBhayibhile ekweli nqaku iyasebenza nakubafana. Yiba ngothozamileyo. Vumela umntu ofihlakeleyo wentliziyo—obona buntu bakho—abonakale kuwe. Xa ucinga ngokuthenga impahla, zibuze: ‘Iza kuchaza ntoni ngam? Ngaba oko “ikuthethayo” kubonisa oyena mntu ndinguye?’ Khumbula ukuba, isinxibo siyathetha ngawe. Qiniseka ukuba impahla oyinxibayo ibonisa oko ukukholelwayo ngokwenene!

[Ibhokisi ekwiphepha 21]

UMYALEZO OYA KUBAZALI

Cinga ngomzekelo esivule ngawo kweli nqaku, uze ube nomfanekiso-ngqondweni kaHeather eyintombi yakho. Uphawula ukuba, ngokwendlela obona ngayo into ayinxibileyo iyambamba yaye imenza abe ngathi akanxibanga. Ukhawuleza uthi, “Hamba ke, mntanam, uyokutshintsha ezo nto, okanye akuyi ndawo!” Loo ndlela usabela ngayo inokuba nemiphumo. Ngapha koko, le ntombi yakho ayinakwenza ngakumbi kodwa imele yenze le nto uyifunayo. Kodwa unokumnceda njani atshintshe indlela acinga ngayo, kunokutshintsha nje impahla ayinxibayo?

◼ Okokuqala, khumbula ukuba oyena mntu ufanele akhathazeke yimiphumo yokungandiliseki, ngulo mntwana wakho ukwishumi elivisayo kunokuba ibe nguwe. Enyanisweni, lo mntwana akafuni kubonakala esisidenge okanye atsalele kuye ingqalelo angayifuniyo. Mchazele kakuhle ukuba eneneni ayibukeleki into yokunxiba ngokungandilisekanga.b Ncomela ezinye iindlela zokunxiba.

◼ Okwesibini, ‘ukuba nengqiqo kwakho makwazeke ebantwini bonke.’ (Filipi 4:5) Zibuze, ‘Ngaba le mpahla iyangqubana nemigaqo yeBhayibhile, okanye nje ngumbandela wokuzikhethela?’ (2 Korinte 1:24) Ukuba ngumbandela wokuzikhethela, unokumvumela ukuba ayinxibe?

◼ Okwesithathu, ungamxeleli nje umntwana izinto ezingafunekiyo. Mncede ukuba afumane iimpahla ezifanelekileyo. Akusayi kuzisola.

[Umbhalo osemazantsi]

b Umntwana wakho okwishumi elivisayo uwuxhalabele kakhulu umzimba wakhe, ngoko ulumke ungavakali ngathi uthi kukho into ephosakeleyo ngenkangeleko yakhe.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share