IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 2/10 iphe. 11
  • UVukani! Wasindisa Ubomi Bosana Olungekazalwa

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • UVukani! Wasindisa Ubomi Bosana Olungekazalwa
  • Vukani!—2010
  • Amanqaku Afanayo
  • IBhayibhile Iyabutshintsha Ubomi Babantu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2011
  • “Kufuneka Ninyamezele”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2015
  • Ukuhlaselwa Ngokwesini—Ndinokuzikhusela Njani?
    Vukani!—1995
  • Ukukhupha isisu
    Vukani!—2017
Khangela Okunye
Vukani!—2010
g 2/10 iphe. 11

UVukani! Wasindisa Ubomi Bosana Olungekazalwa

● Ibhinqa laseMexico elinguAnita lalinabantwana abathathu yaye likhulelwe.a Laxelela umyeni walo ukuba alimfuni omnye umntwana yaye liya kwenza nantoni na ukuze likhuph’ isisu. Lada lathembisa nangokuzibulala! Ngelo xesha, uAnita wayefunda iBhayibhile namaNgqina kaYehova kodwa engenzi nkqubela ingako. Wathi: “Ndandinekratshi ngokwenyani.”

INgqina elalifunda noAnita lambonisa imigaqo yeBhayibhile enokumnceda. Ngokomzekelo, lamchazela uAnita ukuba ubomi bosana olungekazalwa bungcwele emehlweni kaThixo. Mandulo kwaSirayeli, ukuba umntu wenzakalisa ibhinqa elikhulelweyo lize lona okanye usana lwalo olungekazalwa lufe, uMthetho kaThixo wawuyalela ukuba loo mhlaseli agwetywe njengombulali. (Eksodus 21:22, 23)b Kodwa uAnita wayengayiveli ntweni yonke loo nto. Wayesele esenzile isigqibo.

UAnita wathi: “Kukho umntu owandixelela ukuba, xa ndinokutofa ichiza elithile, isisu sam siya kuphuma ngokukhawuleza. Ngoko ndalithenga elo chiza ndaza ndacela omnye umhlobo wam ukuba alitofele. Walitofela kodwa alizange lenze nto. Kamva ndafumanisa ukuba uthe ngenxa yokungafuni ukuncedisana nam kule nto, wakhupha eli chiza waza wafaka amanzi kweso sitofu.”

Sekunjalo, uAnita waqhubeka nokufuna ukukhupha isisu. Kwinyanga yesine ekhulelwe, wafumana ugqirha owavumayo ukumnceda aqhomfe. Kwiintsuku ezintandathu ngaphambi kokudibana naloo gqirha, iNgqina awayefunda nalo lamnika ikopi yenqaku elithi “Incwadi Yengxelo Yamihla Le Yomntwana Ongekazalwa,” elipapashwe kuVukani! kaNovemba 8, 1980. Le “ncwadi yengxelo” yaqukumbela ngelithi: “Namhla umama wandibulala.” Loo mazwi amothusa uAnita, yaye kwaqengqeleka iiyure eziliqela egixa. Wathi: “Ekugqibeleni elo nqaku landitshintsha ingqondo.”

UAnita wazala intwazana esempilweni. Uthi: “Namhlanje ndinelungelo lokwazi uYehova, yaye ndimthanda ngentliziyo yam yonke.” Kanti, le ntwazana yakhe uyifundisa iLizwi likaThixo ukuze imthande ngakumbi uYehova. Eneneni, le ntwazana iyitsho phandle into yokuba, imbulela ngokungazenzisiyo uThixo—okokuqala ngenxa yokuba enguMthombo wobomi kanti okwesibini ngenxa yokuba iimfundiso eziseLizwini lakhe, njengoko zixutyushwa kuVukani!, zamsindisa ekufeni.

[Imibhalo esemazantsi]

a Asilogama lakhe eli.

b Isigama esisetyenziswe kulwimi lwantlandlolo sithetha ngokufa kukamama okanye usana.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share