IZiqithi IiFaeroe—Zidityaniswe Ngendlela Engaqhelekanga
IZIQITHANA iiFaeroe zili-18 phakathi kwamanzi andlongondlongo akuMntla weAtlantiki yaye kuzo kuhlala abantu abantetho isisiFaeroe. Kwezi ziqithi zithi ndijonge, kukho iintaba ezingumnqantsa nezigudle ulwandle. Ngaselwandle kukho izindlu ezinemibalabala. Ehlotyeni, iinduli zalapho zithiwa wambu yingca eluhlaza yaka.
Nangona abemi balapho abangama-48 000 behlala ngomanyano oko bekungasoloko kulula. Kwakukade kusetyenziswa amaphenyane ukuze kukhweliswe abantu neempahla ezisuka kwesinye isiqithi ukuya kwesinye. Xa usuka kwenye ilali usiya kwenye, wawunyus’ iintaba unqumla nemiwonyo enzulu ubetha ngezikaTshiwo. Kwakunzima ukwakha indlu kuba izinto zazisiza ngephenyane. Ngaphambi kokuba kwakhiwe, izinto zokwakha zazilandwa kwizibukwana lalapho zize zisiwe ezilalini.
Abemi Bamandulo
Eyona ngxelo indala ikhoyo ngeZiqithi iiFaeroe, yileyo yabhalwa yimonki yaseIreland ngowe-825 C.E. Ithi, zazikho ezinye iimonki zaseIreland ezazihlala zodwa kwezi ziqithi malunga neminyaka engaphezu kwelikhulu ngaphambi kokuba yona ifike. Noko ke, kuthiwa umntu wokuqala ukuhlala kwezi ziqithi yaba nguGrímur Kamban owayevela eNorway, ngasekuqaleni kwenkulungwane yesithoba.
Nangona abantu balapho bamandulo babephila ngokuloba, kodwa baqalisa nokufuya iigusha. NgesiFaeroe igama elithi Føroyar (iZiqithi iiFaeroe) lithetha “iZiqithi Ezineegusha” ibe abantu balapho basakuxabisile nangoku ukuzifuya. Uboya bazo bukhusela emoyeni, kwiimvula nakwiingqele. Eneneni, kwakudla ngokuthiwa ‘uboya buyigolide yeeFaeroe.’
Nanamhlanje iigusha zininzi kunabantu kwezi ziqithi. Iigusha ziyaxhelwa zize zomiswe ngokuxhonywa ezishedini ezingen’ umoya. Oku kwenza le nyama incamise ngencasa, nto leyo eyenza ithandwe gqitha.
Njengoko unokulindela kubantu abambalwa nabahlala kwanti, amaFaeroe la amanyene kanye ngendlela abamanyana ngayo abantu abancedanayo ukuze ubomi buqhubeke. Basamanyene nangoku ingakumbi njengoko izinto zokuhamba nezokunxibelelana sele zaphucuka.
Zidityaniswe Ngamatonela
Itonela lokuqala eFaeroe lakhiwa ngowe-1963. Lagqojozwa kwintaba ekwisiqithi esisemazantsi, iSuðuroy yaye lidibanisa iilali ezimbini. Ukwakha eli tonela, okuquka ukumba, ukubhora nokuqhushumbisa, kwenziwa ngaxeshanye kuwo omabini amacala entaba.
Itonela elisandul’ ukwakhiwa lihamba kangangeemitha ezili-150 ngaphantsi kolwandle ibe lidibanisa iziqithi ezibini ezikhudlwana. Xa lalisakhiwa kwagqojozwa amatye ngebhora eziimitha ezintlanu ubude. Emva koko kwabekwa idamanethi ngasekupheleni komngxuma yaza yalayitwa. Yathi isakuba iqhushumbile, kwasuswa amatye amakhulu apho, nto leyo eyavula inxalenye eziimitha ezintlanu yelo tonela. Le nto yaphindaphindwa de eli tonela lafikelela ubude obumalunga neekhilomitha ezintandathu. Laqala ukusetyenziswa ngoAprili 29, 2006.
Sithethanje iZiqithi iiFaeroe zinamatonela ali-18, amabini kuwo angaphantsi kolwandle yaye adibanisa iziqithi. Alikho elinye ilizwe ehlabathini elinamatonela amade njengeli xa uwathelekisa nenani labemi balo. Kanti, kucetywa ukwakhiwa kwamanye amatonela amatsha. Ipalamente yalapho igqibe ekwakheni amanye amabini phakathi kweziqithi ezikhulu. Elinye kuwo ekulindeleke ukuba ligqitywe ngowama-2012, liza kube liziikhilomitha ezili-11,9 ubude, nto leyo eza kuwenza abe ngawona made kwangaphantsi kwamanzi ehlabathini.
Olunye Umanyano Olukhethekileyo
IZiqithi iiFaeroe zineqela labantu abamanyene ngenye indlela—umanyano oluluqilima oluphakathi kwamaNgqina kaYehova. AmaNgqina okuqala ukutyelela ezi ziqithi—amanenekazi amabini azinikeleyo awafika evela eDenmark ngowe-1935—achitha lonke ihlobo laloo nyaka, eshumayela isigidimi seBhayibhile esiphathelele uBukumkani bukaThixo. Ekuhambeni kwexesha, abanye abemi bezo ziqithi basamkela esi sigidimi sihlaziyayo baza nabo baqalisa ukushumayela.—Mateyu 24:14.
Sithethanje, kukho amaNgqina amalunga nekhulu ahlanganisana kwiiHolo zoBukumkani ezine zalapho. Ashumayela ngenzondelelo, encedwa ziindlela ezintle namatonela adibanisa ezi ziqithi zithi ndijonge ezikuMntla weAtlantiki onamanzi andlongondlongo.
[Umfanekiso okwiphepha 17]
Eli tonela lihamba kangangeemitha ezili-150 ngaphantsi kolwandle ibe lidibanisa iziqithi ezibini ezikhudlwana