Abantu Abaselula Bayabuza
Ngaba Ukuba Neentlobano Zesini Kuya Kulwenza Luqine Ulwalamano Lwethu?
Ziinyanga nje ezimbini uHeather noMike bemana bekhuphana, kodwa uHeather uvakalelwa kukuba kudala besazana. Bathumelelana rhoqo imiyalezo ngeselfowuni, bathetha ixesha elide efowunini yaye batheth’ intw’ evanayo. Kodwa xa bemise imoto ebusuku, uMike uqalisa ukugabadela.
Kwezi nyanga zimbini zidluleyo, uMike noHeather bebebambana nje ngezandla baze baphuzane. UHeather ebefuna nje kuphelele apho. Kodwa kwangaxeshanye akafuni ukuphulukana noMike. Akakho omnye umntu omncomayo ngobuhle bakhe nomphatha ngendlela ekhethekileyo. Uthi: ‘SinoMike siyathandana, . . ngaba akunjalo?’
MHLAWUMBI uyaqonda ukuba kwaphelela phi oku. Kodwa usenokungayiqondi indlela ezonakala ngayo izinto emva kokuba uMike noHeather beneentlobano zesini. Khawucinge ngoku:
Ukuba asiwuthobeli umthetho wendalo, njengomthetho womxhuzulane, siya kuyifumana imiphumo yoko. Kwenzeka okufanayo naxa singawuthobeli umthetho wendlela esifanele siziphathe ngayo, njengalo uthi: “Nikhwebuke kuhenyuzo.”a (1 Tesalonika 4:3) Iba yintoni imiphumo yokungathobeli loo mthetho? IBhayibhile ithi: “Lowo uqhelisela uhenyuzo wona nxamnye nomzimba wakhe.” (1 Korinte 6:18) Ayinyaniso kangakanani la mazwi? Dwelisa apha ngezantsi imiphumo emithathu eyingozi ebangelwa kukuba neentlobano zesini ngaphambi komtshato.
1. ․․․․․
2. ․․․․․
3. ․․․․․
Ngoku, khawukhe uhlole oko ukubhalileyo. Ngaba uzibhalile izinto ezinjengezifo ezidluliselwa ngeentlobano zesini, ukukhulelwa okungacetywanga okanye ukona uThixo? Ngokuqinisekileyo le yimiphumo ebuhlungu enokufunyanwa nguye nabani na ongawuthobeliyo umthetho kaThixo ophathelele uhenyuzo.
Sekunjalo, usenokuhendeka. Usenokuthi, ‘Soze yenzeke kum loo nto. Ngapha koko, wonke umntu uba neentlobano zesini. Iintanga zakho esikolweni ziqhayisa ngokuba neentlobano zesini yaye ayizikhathazi loo nto. Mhlawumbi njengoHeather ekukhe kwathethwa ngaye ekuqaleni, uvakalelwa kukuba ukuba neentlobano zesini kuya kwenza wena nomntu othandana naye nisondelelane. Ukongezelela, ngubani ofuna ukuba kwenziwe intlekisa ngaye kuba eyintombi enyulu? Ngaba akukho bhetele ukuba unikezele?
Kodwa ke khawucinge ngoku. Okokuqala, asingomntu wonke oba neentlobano zesini. Enyanisweni, usenokufunda inkcazelo ebonisa ngobuninzi bolutsha oluba neentlobano zesini. Ngokomzekelo, ingxelo yaseUnited States idiza ukuba abantwana ababini kwabathathu, bathi begqiba nje kwisikolo samabanga aphakamileyo babe sele bekhe baba neentlobano zesini. Kodwa oko kuthetha ukuba baliqela abantwana abangabi nazo iintlobano zesini kuba ngumntwana omnye kwabathathu ongazange abe nazo. Ngoko ke, kuthekani ngabo bakhe baba neentlobano zesini? Abaphengululi baye bafumanisa ukuba ulutsha oluninzi olwakhe lwaba neentlobano zesini luye lwehlelwa yenye yezi zinto zibuhlungu zilandelayo.
Into Ebuhlungu Enokukwehlela #1: UKUXINEZELEKA. Ulutsha oluninzi oluba neentlobano zesini ngaphambi komtshato luthi luye luzisole emva koko.
Into Ebuhlungu Enokukwehlela #2: UKUNGATHEMBANI. Emva kokuba inkwenkwe iye yaba neentlobano zesini nentombazana, ngamnye kubo uye azibuze, ‘Ngubani omnye akhe waneentlobano zesini naye?’
Into Ebuhlungu Enokukwehlela #3: UKUNGANYANISEKI. Abafana badla ngokuwalahla amantombazana emva kokuba neentlobano zesini nawo baze bathandane namanye.
Into Ebuhlungu Enokukwehlela #4: UDANO. Intombazana idla ngokucinga ukuba ngeyikhethe umntu oza kuyikhusela kunalowo uza kudlala ngayo.
Ukongezelela koku kungasentla, phawula oku: Abafana abaninzi bathi abasoze batshate nentombazana abakhe baneentlobano zesini nayo. Yintoni ebangela loo nto? Kungenxa yokuba bakhetha intombazana enyulu.
Ngaba kuyakothusa oku—mhlawumbi kude kukucaphukise? Ukuba kunjalo, enoba uyintombazana okanye ungumfana ufanele ukhumbule oku: Imiphumo yokuba neentlobano zesini ngaphambi komtshato yahlukile koko kuboniswa kwiifilimu nakumabonwakude. Abezolonwabo babalaselisa ukuba neentlobano zesini kwabakwishumi elivisayo yaye oko bakwenza kubonakale ngathi luthando lokwenene. Kodwa ungalahlekiswa! Umntu okucengayo ukuba ube neentlobano zesini kunye naye ngaphambi komtshato wenzela nje iingenelo zakhe. (1 Korinte 13:4, 5) Ngapha koko, ngaba umntu okuthanda ngokwenene angayibeka esichengeni impilo yakho neemvakalelo zakho? (IMizekeliso 5:3, 4) Ngaba umntu okukhathalele ngokwenene angakulinga ukuze wonakalise ubuhlobo bakho noThixo?—Hebhere 13:4.
Ingongoma yeyokuba, ukuba uyanikezela ekubeni neentlobano zesini ngaphambi komtshato, uzithob’ isidima ngokuncama eyona nto ixabisekileyo. (Roma 1:24) Yiloo nto ebangela ukuba abantu abaninzi bazive bengento yanto yaye bephelelwe sisidima, ngokungathi banikise ngeyona nto ixabisekileyo! Musa ukukuvumela ukuba kwenzeke kuwe oko. Ukuba umntu othile uzama ukukuqhatha ukuba ube neentlobano zesini kunye naye esithi, “Ukuba ubundithanda, ubuya kuyenza le nto,” phendula ngesibindi uthi, “Ukuba ubundithanda ubungasoze uthi mandenze le nto ufuna ndiyenze!”
Umzimba wakho uxabiseke gqitha ukuba ungasuke nje unikise ngawo. Zibonakalise ukuba uzimisele ukuthobela umthetho kaThixo wokukhwebuka kuhenyuzo. Unokuba neentlobano zesini xa utshatile. Unokuba neentlobano zesini ngokukhululekileyo ungenaxhala lakuzisola kamva, nto leyo edla ngokwehlela abantu ababa neentlobano zesini ngaphambi komtshato.—IMizekeliso 7:22, 23; 1 Korinte 7:3.
Amanye amanqaku athi “Abantu Abaselula Bayabuza” afumaneka kwiWeb site ethi www.watchtower.org/ype
[Umbhalo osemazantsi]
a Ibinzana leBhayibhile elithi ‘uhenyuzo’ alithethi nje iintlobano zesini kodwa liquka ezinye izinto ezenziwa ngabantu abangatshatanga, njengokuphululana amalungu esini okanye ukuba neentlobano zesini emlonyeni okanye ezimpundu. Ukuze ufumane inkcazelo eyongezelelekileyo, funda incwadi ethi Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo, Umqulu 2, iphepha 42-47.
OKO UMELE UCINGE NGAKO
● Nangona ukungafezeki kunokukubangela ube nomqweno wokuba neentlobano zesini ngaphambi komtshato, kutheni kuphosakele ukwenjenjalo?
● Yintoni oza kuyenza ukuba umntu othile ufuna ukuba nibe neentlobano zesini?
[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 27]
OKO KUTHETHWA LOLUNYE ULUTSHA
“Ukuthi nje hayi akwenzi umntu angaphindi afune ukuba neentlobano zesini nawe. Eyona nto ibalulekileyo yindlela owala ngayo. Ukuba uyathandabuza xa usala loo nto iyakuthetha ukuba nawe uyafuna. Kufuneka ube ngqongqo!”
“Akwanelanga ukuthi hayi nje. Nokuchaza iinkolelo zakho kunokungancedi. Abanye abantu baye baqhayise ngento yokuba beye ‘bawisa’ umKristu. Ngamanye amaxesha kuye kufuneke umke kuloo ndawo. Kusenokungabi lula ukwenjenjalo, kodwa kuyanceda.”
“NjengomKristu, uneempawu eziya kwenza abanye abantu batsaleleke kuwe. Ngenxa yoko, umele ulumke uze ukhabe ngaw’ omane xa umntu efuna ukuba uziphathe kakubi. Umele ube noxabiso ngeempawu onazo. Ungavumi ukuphulukana nazo!”
[Imifanekiso]
UDiana
UJames
UJoshua
[Ibhokisi ekwiphepha 28]
YIBA LIQHAWE LAYO!
Ukuba uyathandana, ngaba uyikhathalele ngokwenene intombazana othandana nayo? Ukuba kunjalo, yibonise ukuba . . .
● uzimisele ukuthobela imithetho kaThixo
● ukulumkele ukwenza into enokunibeka esichengeni
● uyayithanda ngoko uyikhathalele indlela evakalelwa ngayo
Ukuba wenjenjalo, intombazana othandana nayo iya kuvakalelwa kanye ngendlela awavakalelwa ngayo umShulamikazi, owathi: “Isithandwa sam sesam yaye nam ndingowaso.” (INgoma yazo iiNgoma 2:16) Ngamafutshane, uya kuba liqhawe layo!
Funda iMizekeliso 22:3; 1 Korinte 6:18; 13:4-8.
[Ibhokisi ekwiphepha 28]
ICEBISO
Nantsi indlela omele uziphathe ngayo xa ukunye nomntu wesini esahlukileyo: Musa ukuyenza into ongenakuyenza phambi kwabazali bakho.
[Umfanekiso okwiphepha 28]
Ukuba neentlobano zesini ngaphambi komtshato kukungabonakalisi uxabiso ngesipho sikaThixo. Kufana nokuthatha umzobo omhle esiwuphiwe ngumntu othile size siwenze imethi yokosula iinyawo