Imbono YeBhayibhile
Ngaba Ufanele Uhlawuliswe Ngezinto Ozenzelwa Yicawa?
KUMAZWE amaninzi, iinkokeli zeenkonzo ezizibanga zingamaKristu nezo zingezizo ezobuKristu ziyabahlawulisa abantu ngezinto ezibenzela zona. Ezi zinto ziquka ukubhaptiza, ukutshatisa okanye ukungcwaba. Zibahlawulisa amakhulu okanye amawaka eerandi.
Abanye abefundisi bafumana umvuzo kurhulumente ngokuvula ngomthandazo kwiintlanganiso zomthetho. Abantu abaninzi bayakuvuyela ukwenzelwa ezo zinto yaye neecawa zineendleko ekufuneka zizihlawule. Kodwa ngaba iBhayibhile iyakuvumela ukuhlawuliswa kwabantu ngokwenzelwa izinto nokubenza bazive benyanzelekile ukuba bahlawule?
‘Ngaba Iyindlu Yokurhweba’?
Xa uYesu Kristu wayesemhlabeni, iinkokeli zonqulo zamaYuda nezinye zazisebenzisa amatheko onqulo ukuze zenze imali ingakumbi ngexesha lePasika. Ngaba uYesu wayekholiswa yile nto yayisenziwa zezi nkokeli? Akunjalo! Phofu iBhayibhile isichazela ukuba “waziphalaza iingqekembe zabatshintshi bemali waza wazibhukuqa iitafile zabo.” Wathi: “Musani ukuyenza indlu yokurhweba indlu kaBawo!”—Yohane 2:14-16.
Kwakwenzeke into efanayo ngexesha lomprofeti uMika owayephila ngenkulungwane yesibhozo Ngaphambi Kwexesha Eliqhelekileyo. IBhayibhile ithi, iinkokeli zonqulo zakwaSirayeli ‘zakucekisa okusesikweni’ nababingeleli ‘babeyalela nje ngenxa yexabiso.’ Kodwa kwangaxeshanye babemi ngelithi baxhaswa nguThixo besithi: “Akakho phakathi kwethu na uYehova?” (Mika 3:9, 11) Kodwa uYehova uThixo wayengakholiswa yile nto babeyenza. Kunoko, wayeyicekisa indlela ababezenza ngayo izinto kangangokude ayenze icace esebenzisa umprofeti wakhe.
Namhlanje iinkokeli zonqulo ezininzi zibawa, zisasebenzisa amaqhinga afanayo, zisenza indawo yazo yonqulo ‘indlu yokurhweba.’ Eneneni, iicawa ziyashishina, zisenza imali ngokuphakamisa abantu abanamagama amakhulu ezicaweni nokuthengisa ezinye izinto zonqulo.a—1 Yohane 5:21.
“Namkele Ngesisa, Yiphani Ngesisa”
Xa wayethuma abapostile bakhe ukuba baye kushumayele iindaba ezilungileyo, baphilise abagulayo baze bavuse nabafileyo uYesu wathi: “Namkele ngesisa, yiphani ngesisa.” (Mateyu 10:7, 8) Abalandeli bakhe bokwenene babengafanele bahlawulwe ngenkonzo yabo. Ukongezelela, noYesu wasimisela umzekelo, akazange afune ukuhlawulwa ngezinto awayezenzela abantu.
Exelisa umzekelo kaYesu, umpostile uPawulos wenzela abantu izinto “ngaphandle kweendleko.” (1 Korinte 9:18) Xa efuna imali, wayesebenza esenza iintente. (IZenzo 18:1-3) Ngenxa yoko, wayesithi ngaye nangabanye abathunywa bevangeli: “Asingobathengisi belizwi likaThixo njengoko abantu abaninzi benjalo.” (2 Korinte 2:17) Kodwa kuthekani ngemali eza kusetyenziswa libandla, mhlawumbi ukuthenga okanye ukurenta indawo yonqulo?
“UThixo Uthanda Umphi Ochwayitileyo”
AmaNgqina kaYehova afumana imali kwiminikelo yokuzithandela. Alandela umgaqo othi: “Ngamnye makenze kanye njengoko egqibile entliziyweni yakhe, kungekhona ngokukrokra okanye ngokunyanzelwa, kuba uThixo uthanda umphi ochwayitileyo.” (2 Korinte 9:7) Yiloo nto kanye ebangela ukuba amaNgqina angahlawulisi ngoncwadi lwawo nangezinye izinto azenzayo, njengokubhaptiza, ukutshatisa okanye ukungcwaba. Akufunwa zishumi yaye akuhanjiswa sitya sankongozelo kwiintlanganiso zawo. Nabani na ofuna ukwenza umnikelo kuba exhasa umsebenzi wokushumayela owenziwa ehlabathini lonke, unokwenjenjalo ngokufaka kwiibhokisi zeminikelo ezikwiindawo zawo zonqulo.
Ehlabathini lonke, amaNgqina kaYehova akha iiHolo zoBukumkani, iiHolo zeeNdibano, iiofisi zesebe neendawo zokushicilela baze baxhase abantu abahlelwe ziintlekele ngeminikelo yokuzithandela. Abanye bafana nomhlolokazi owanconywa nguYesu, banokunikela ngalo nto banayo. (Luka 21:2) Kanti abanye banikela kakhulu. Enoba banikela kangakanani na, abo balandela imigaqo eseBhayibhileni banikela ngalo nto banayo, banelisekile, basikelelwa nguThixo yaye bonwabe ngokwenene.—IZenzo 20:35; 2 Korinte 8:12.
[Umbhalo osemazantsi]
a Sicela ufunde inqaku elithi “Imbono YeBhayibhile: Ngaba Sifanele Sisebenzise Imifanekiso Xa Sinqula UThixo?” kuVukani! kaAgasti 2008.
NGABA WAKHA WAZIBUZA?
● Wathini uYesu kwabo baberhweba etempileni?—Yohane 2:14-16.
● Ngaba umpostile uPawulos owayengumKristu wayehlawulisa ngenkonzo awayeyinikela?—2 Korinte 2:17.
● Luhlobo olunjani lokunikela akholiswa lulo uYehova?—2 Korinte 9:7.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 23]
“Musani ukuyenza indlu yokurhweba indlu kaBawo!”—Yohane 2:14-16