Ngaba Ladalwa?
Iliso Lenundu
● Amanundu ubukhulu becala adla ngokubhabha ebusuku. Ngoxa ezinye izilwanyana zasebusuku zivela xa ukukhanya kubangela ukuba iliso lazo likhazimle, inundu lona lahlukile—inwebu yeliso lalo alikhazimli kangako.
Khawucinge ngoku: Inwebu yeliso lenundu ayiqhelekanga—inezigingqi ezincinane ezinamacala amathandathu ezingenakubonwa ngeliso lenyama. UPeng Jiang, usekela-njingalwazi wemichiza yendalo kwiYunivesithi yaseFlorida, eUnited States, uthi ezi zigingqi “zincinane kunokukhanya esikubonayo.” Uhlobo ezimile ngayo ezi zigingqi kunye nobuncinane bazo kwenza ukuba iliso lenundu likwazi ukubamba imitha yokukhanya kungathaliseki ukuba ikufutshane okanye iza kweliphi na icala. Ezi zigingqi zinobude nje obuziinanometer ezingama-200 ukuya kwezingama-300. Sinokuzithelekisa nobubanzi bonwele lomntu obumalunga neenanometer ezingama-80 000.
Oononjineli banethemba lokuba ukwazi ngakumbi ngendlela inwebu yeliso lenundu esebenza ngayo kuya kubanceda baphucule indlela abazenza ngayo ilight-emitting diodes (LEDs) neeliquid crystal displays (LCDs), zinto ezo ezidla ngokusetyenziswa kwizixhobo zombane. Indlela eliyilwe ngayo iliso lenundu inokusetyenziswa kwizinto ezisebenzisa amandla elanga. Kwimitha yelanga engena kwisilicon solar panels, iba malunga nama-35 ekhulwini ekhazimlayo—iba yinkcitho nje yamandla leyo. Noko ke, uJiang neqela lakhe benza isilicon ekhazimlisa umlinganiselo ongaphantsi kwesithathu ekhulwini semitha engenayo bethathela kwizigingqi ezikwiliso lenundu. UJiang waqukumbela ngelithi: “Ininzi into esinokuyifunda kwindalo.”
Ucinga ntoni? Ngaba iliso elincinane elingakhazimliyo lenundu lazivelela? Okanye ngaba ladalwa?
[Umfanekiso okwiphepha 30]
Inwebu yeliso lenundu inezigingqi ezincinane ezinamacala amathandathu
[Imifanekiso ekwiphepha 30]
I-silicon wafer engakhazimliyo esetyenziswa kwii-solar panels
[Inkcazelo Ngemifanekiso ekwiphepha 30]
Moth eye close-up: Courtesy of Dartmouth Electron Microscope Facility; silicon close-up: Courtesy Peng Jiang