“Kusenokwenzeka Ukuba Yingoma Nje”
● UJuliana wayengumKristu othandekayo nowayesele ekhulile wakwiiPhilippines, owahlaselwa sisifo sika-Alzheimer. Wayesele engazi nkqu nabantwana bakhe. Sekunjalo, ndandisiya kumbona xa ndikufutshane nendlu yakhe.
UJuliana wayengasakwazi nokuphakama ebhedini yaye wayesuka ajonge ngaphandle kwefestile. Wayengasandikhumbuli nam nto leyo eyayisenza kube nzima ukuba kunye naye. Wayendithi ntshoo ngaloo mehlo akhe makhulu, kodwa sekunjalo wayengandazi. Ndandidla ngokumbuza: “Ngaba usacinga ngoYehova?” Ndambalisela amava asentsimini, ndimbuza neminye imibuzo kodwa kwakungekho kwanto ebonisa ukuba uyayiqonda le nto ndiyithethayo. Kodwa ndaqalisa ukucula. Kwandichukumisa gqitha okwenzeka emva koko!
UJuliana wajika wandijonga, waqalisa ukucula nam! Ekubeni ndandingawazi onke amazwi ngolwimi lwesiTagalog ndanqumama. Kodwa uJuliana waqhubeka ecula. Wayeyikhumbula yomithathu imigca yengoma. Ngokukhawuleza ndacela udade endandihamba naye ukuba aye kundibolekela iculo kwelinye iNgqina elihlala kufutshane. Ngemizuzu engephi weza nalo. Ndandingalazi elona phepha efumaneka kulo le ngoma, kodwa kwenzeka ukuba ndityhile kulo ngqo. Sayicula kunye loo ngoma. Xa ndambuza enoba ikho na enye ingoma esinokuyicula, wacula ingoma endala yothando yesiFilipino.
Ndathi: “Bendingathethi ngengoma kanomathotholo Juliana kodwa ndifuna ezi sizicula eHolweni yoBukumkani.”a Ndaqalisa ukucula enye ingoma ekwiculo lethu, sayicula kunye. Imincili yayibhaliwe ebusweni bakhe. Wayengasandijonganga nje kodwa wayencumile.
Ngeli xesha kwakusele kuphume abamelwane beze kuva ukuba umculo uvela kweliphi icala. Bema ngasefestileni baza basiphulaphula. Kwakumangalisa gqitha ukubona indlela umculo owayichukumisa ngayo intliziyo kaJuliana! Wambangela ukuba akhumbule amazwi engoma.
Kula mava ndifunde ukuba asinakuyazi into enokwendela ize ifikelele iintliziyo zabo bangakwazi ukuqonda nokuncokola nabantu. Kusenokwenzeka ukuba yingoma nje.
Kungekudala emva kokuba kwenzekile oku kungasentla, uJuliana wasutywa kukufa. Ndikhumbule la mava xa bendiphulaphule uncuthu lweengoma ezintsha ezirekhodiweyo ezikhutshwe ngamaNgqina kaYehova ngowama-2009. Ungabuza amaNgqina kaYehova asekuhlaleni ngendlela onokuzifumana ngayo ezi ngoma zichukumisayo.
[Umbhalo osemazantsi]
a Igama lendawo ahlanganisana kuyo amaNgqina kaYehova.