Okwenzeka Ehlabathini
Kwiitoni ezizizigidi ezingama-95.2 zezilwanyana zaselwandle ezibanjiswayo nyaka ngamnye, ezizizigidi ezingama-38.5 kuzo azifuneki. Isazi ngeentlanzi seWorld Wildlife Fund uKaroline Schacht uthi: “Iintlanzi ziza kuphela logama nje sisaqhubeka silahla malunga nama-40 ekhulwini ezo sizilobayo.—IBERLINER MORGENPOST, YASEJAMANI.
Kusenokubonakala ngathi abantu bayitya kakhulu inyama yenkomo, eyegusha neyebhokwe, kodwa ke ukubhodla kwezi zilwanyana kubangela ukungcoliswa komoya okuli-18 ekhulwini—ungcoliso olungaphezu kolo lubangelwa zizo zonke iintlobo zeenqwelo.”—INEW SCIENTIST, YASEBRITANI.
Iglu Yamandulo
KwaZulu Natal eMzantsi Afrika izazinzulu ziye zafumana iglu ekucingelwa ukuba yayisetyenziswa kumawaka eminyaka eyadlulayo. Iphephandaba laseRhawutini iThe Star lithi: “Le glu isebenza ngendlela efanayo neeglu zanamhlanje.” Kuthiwa abazingeli bamandulo babesebenzisa le glu ukuze badibanise incam yotolo okanye eyomkhonto nomphini wayo. Izazinzulu ziye zabaqhwabel’ izandla abantu ababesebenzisa le glu, emva kokuba nazo ziye zazama ukuyenza kwakhona zisebenzisa imbola ebomvu, amafutha ezilwanyana, intlaka yomnga nesanti zaza emva koko zayomisa ecaleni komlilo.
Ukungenwa Yingqele Ngenxa Yokungalali Ngokwaneleyo
ICarnegie Mellon University, yasePittsburgh, ePennsylvania, eUnited States ithi: “Abantu abalala ngaphantsi kweeyure ezisixhenxe ngosuku basethubeni eliphindwe kathathu lokufumana ingqele kunabantu abalala kangangeeyure ezisibhozo nangaphezulu.” Nabantu abaphuthelwayo, “enoba lixesha nje elincinane, banamathuba angakumbi” okungenwa ngumkhuhlane kunabo balala obentlombe. USheldon Cohen owayephambili kolu phando uthi: “Nangona bekusaziwa ukuba ukulala kuyayichaphazela inkqubo kabani yokuzikhusela kwizifo, obu bubungqina bokuqala obubonisa ukuba nokuphazamiseka okuncinane kunokwenza umzimba ungakwazi ukulwa nomkhuhlane. Olu phando lusinika isizathu esingakumbi sokuba sifanele silale ngokwaneleyo.”
Mninzi Umhlaba Wokulima
Iphephancwadi iNew Scientist lithi: “Kukho umhlaba owaneleyo wokulima ukutya okunokwanela bonke abemi bomhlaba. Ngokwahlukileyo koko abantu bakulindeleyo, okuninzi kwako kunokulinywa eAfrika.” Eli phephancwadi licaphula uhlolisiso lwezolimo olupapashwe yiOrganization for Economic Cooperation and Development neUnited Nations Food and Agriculture Organization. Olu hlolisiso luthi, umhlaba ekulinywa kuwo ngoku unokuphindwa kabini. Le ngxelo ithi: “Umhlaba ongaphezu kwesiqingatha kuwo unokufumaneka eAfrika naseLatin America.”