Iflagellum Yebacteria
Ngaba Yadalwa?
● Naxa uyijonga ngeyona microscope inamandla, iflagellum ibonakala ingenamsebenzi. Iye yathelekiswa nenjini yesikhephe. Yintoni iflagellum yebacteria?
Kukho iindidi ngeendidi zeflagella kodwa kusenokwenzeka ukuba le yebacteria (ngesiLatini, “isabhokhwe”) yeyona kufundwa kakhulu ngayo. Iflagellum ethe nca kumphandle webacteria iyajikeleza, nto leyo enceda le seli ukuba iye phambili, ime, ibuye umva ize iye kwelinye icala. Kucingelwa ukuba isiqingatha sazo zonke iibacteria ezaziwayo zineeflagella eziziindidi ngeendidi.
I-DNA ekwibacteria ineplani yokwakhiwa kweflagellum kunye nenjini yayo. Yakhiwa ziiprotini ezimalunga nama-40 ezinokufaniswa neenxalenye zenjini. Okumangalisayo kukuba iyakwazi ukuzakha ngemizuzu nje engama-20.
Incwadi ethi The Evolution Controversy ithi: “Iflagellum yebacteria iquka injini ejikeleza ngesantya esingama-6 000 ukuya kuma-17 000 ngomzuzu. Okumangalisa nangakumbi kukuba inokutshintsha indlela ejikeleza ngayo ngexesha nje elingephi ize iqalise ukujikelezela kwelinye icala ngesantya esingama-17 000 ngomzuzu.” Iphephancwadi iNew Scientist ithi iflagellum yebacteria “ngumzekelo obalaseleyo wobuxhakaxhaka beemolekyuli—umatshini ontsonkothileyo ongenakwenziwa ziinjineli ezingabantu.”
Izazinzulu ziyamangaliswa yindlela iflagellum yebacteria encinane ngolu hlobo, ekwazi ngayo ukuzidibanisa ngendlela efanelekileyo ukuze zonke iinxalenye zayo ezingama-40 zikwazi ukungena gingci zize zisebenze kakuhle.
Ucinga ntoni? Ngaba iflagellum yebacteria yabakho ngamabona-ndenzile okanye ngaba yadalwa?
[Umzobo/Umfanekiso okwiphepha 24]
(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)
Rotor
Bushing
Universal joint
Propeller
Flagella
[Umfanekiso]
Umfanekiso “webacteria” owenziwe wamkhulu
[Inkcazelo]
Bacterium inset: © Scientifica/Visuals Unlimited, Inc.; flagellum diagram: Art source courtesy of www.arn.org