Izivalo Zebhotile Ezenziwe Ngomthi—Imvelaphi Yazo
Khawube nomfanekiso wexolo lomthi ekwenziwa ngalo iinjini, iibhola zeqakamba neziciko zewayini—eli xolo lalisetyenziswa kumawaka eminyaka eyadlulayo ngabalobi beentlanzi nangamanenekazi yaye likhe lasetyenziswa nasemajukujukwini. Into emangalisa nangakumbi kukuba eli xolo linokusetyenziswa kuzo zonke ezi zinto kungakhange kufuneke ukuba umthi elikhule kuwo ugawulwe.
ISIVALO sewayini senziwa ngexolo lomthi wom-oki. Kodwa eli asiloxolo nje eliqhelekileyo. Lilula, alikhawulezi ukutsha yaye liyanwebeka.
Umthi wom-oki uvelisa eli xolo rhoqo ngonyaka. Xa lingakhange lixotyulwe, eli xolo linokukhula libe ziisentimitha ezingama-25 ukutyeba yaye likhusela lo mthi kubushushu, ingqele nakwimililo yehlathi. Xa liye laxotyulwa, liphinda likhule kwisithuba sexesha enokuba yiminyaka elishumi.
Izivalo zewayini ezinokuba ngama-55 ekhulwini zenziwa ePortugal, ezingama-30 esPeyin yaye amanye amazwe (kuquka iAlgeria, iFransi, i-Itali, iMorocco neTunisia) enza ezingama-15 ekhulwini.a
Wenza Izinto Ezininzi
AmaRoma namaGrike afumanisa ukuba umthi osetyenziswa kwiminatha yokuloba kungenziwa unokusetyenziswa naxa kusenziwa izihlangu. Kubonakala ukuba babesebenzisa kwalo mthi ukuze benze izivalo. Ekubeni lo mthi unganyibiliki nakwindawo ezishushu, usenokusetyenziswa nakwinjini yemoto. Kwakhona uyasetyenziswa naxa kusenziwa iinqwelo-moya.
Ngenxa yokuba abantu abaninzi beyithanda indlela obukeka ngayo lo mthi, iithayile ezenziwe ngawo ziye zasetyenziswa ukuze kuhonjiswe iindonga nemigangatho. Abenzi bezinto ezisetyenziswa kwimidlalo baye basebenzisa lo mthi ukuze benze iibhola zokudlala neentonga zokuloba. Nakuba kunjalo, le mithi isetyenziswa kakhulu ukwenza izivalo zeebhotile zewayini.—Funda ibhokisi ethi “Isivalo Esisebenza Kakuhle.”
Awuyonakalisi Indalo
Ihlathi lom-oki elinyanyekelwa kakuhle libubungqina bokuba abantu banako ukuzuza kwindalo ngaphandle kokuyitshabalalisa. Imithi yom-oki emidala iwenza mahle amathafa yaye iinkomo zifumana umthunzi nokutya kuyo.
Intaka eziliqela ezisengozini yokutshabalala kuquka ukhozi, ixhalanga nonocofu zakha iindlwana zazo kule mithi. La mahlathi akwalikhaya lengqawa. Kutshanje, iWorld Wildlife Fund ithe ubukho bezi zilwanyana buxhomekeke ekwandeni kwamahlathi om-oki eSpeyin nasePortugal.
Ngoko xa uphinda uvula ibhotile yewayini, ufanele usixabise isivalo sayo. Eso sivalo senziwe ngexolo lomthi eliphinda likhule lisakube lixotyulwe. Ukusetyenziswa kwaso kukhusela indalo. Uxabiseke ngokwenene lo mthi!
[Umbhalo osemazantsi]
a Umthi wom-oki uyafumaneka nakwamanye amazwe kodwa lo uthengiswayo uvela kummandla weMeditera.
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 20]
“Isivalo Esisebenza Kakuhle”
UMiguel Elena ongumphathi weInstitute for Cork, Wood and Charcoal yase-Extremadura eSpeyin uchaza eminye imisebenzi yesivalo sewayini esenziwe ngom-oki.
Sisebenza kakuhle kangakanani isivalo esenziwe ngom-oki?
Ndikhe ndabona kuvulwa iibhotile zewayini ezineminyaka elikhulu zikho kuze kufunyaniswe ukuba iwayini isenencasa! Isivalo esenziwe ngom-oki sisebenza kakuhle.
Umthi wom-oki ufanele ube nexesha elingakanani ukho ngaphambi kokuba kwenziwe izivalo zewayini ngamaxolo awo?
Ukuze kwenziwe izivalo ezisemgangathweni, umthi wom-oki okungenani ufanele ube neminyaka engama-50 ukho nangona amaxolo awo enokuvunwa nasemva kweminyaka engama-25 ukho. Kakade ke, bambalwa abantu abanokutyala isityalo esinokubenzela imali emva kweminyaka engama-50. Eneneni, andiqondi ukuba likho elinye ishishini ofanele ulinde ixesha elide kangaka ngaphambi kokuba wenze ingeniso.
Umthi wom-oki ekwenziwa ngawo isivalo sewayini uhlala ixesha elide kangakanani?
Unokuhlala iminyaka engama-200 yaye eminye yawo inokuhlala iminyaka engakumbi. Kunokwenziwa izivalo ngamaxolo awo rhoqo emva kweminyaka esithoba.
Yintoni eyenziwayo ukuze kulondolozwe ishishini lokwenza izivalo?
IEuropean Union norhulumente baxhasa ngemali abalimi bom-oki. Ngenxa yoko kwiminyaka yakutshanje siye satyala amahlathi amatsha om-oki saza salungisa nalawo sele ekho.
Yintoni eye yenziwa ukuze kwenziwe izivalo zewayini ezisemagqabini?
Kule minyaka ingamashumi amabini idluleyo, siye senza uphando ukuze sibone eyona mithi mihle. Yaye sisebenzisana namanye amazwe enza izivalo zewayini ukuze siziphucule. Siye senza nesarha encinane eza kunceda abavuni ukuba balixobule kakuhle eli xolo, nto leyo ibisoloko isenziwa ngezembe ukutyhubela iinkulungwane.
[Umfanekiso okwiphepha 19]
Emva kokuba liye laxotyulwa, eli xolo liphinda likhule
[Umfanekiso okwiphepha 19]
Abasebenzi balixobula ngocoselelo ixolo
[Umfanekiso okwiphepha 19]
Amaplanga ayapakishwa ukuze asetyenziswe
[Umfanekiso okwiphepha 19]
Izivalo ezisemgangathweni zisavulwa ngesandla
[Umfanekiso okwiphepha 18, 19]
Iintsasa ziyaqokelelwa kuze kwenziwe izivalo nezinye izinto