Amafutha Ezilwanyana Zasemanzini Ezanyisayo
Ngaba Adalwa?
● Kangangeenkulungwane, izazinzulu bezingazi ukuba yenzeka njani into yokuba idolphin idade ngesantya esiziikhilomitha ezingama-40 ngeyure. Zazisithi esi silwanyana asinazihlunu zaneleyo ukuba sikwazi ukwenza oku. Kodwa ke iidolphin zincedwa ngamafutha azo, afumaneka nakwezinye izilwanyana zasemanzini njengehlengezi, umnenga nezinye.
Khawucinge ngoku: INew World Encyclopedia ithi: “La mafutha maninzi yaye aneeseli ezininzi.” Akho kuwo wonke umzimba yaye “ancedwa yimisipha yesi silwanyana emile ngathi yifeni ukuze abekho kuzo zonke izihlunu namathambo aso.” Le misipha yenziwe ngemicu yenyama enwebekayo kunye necollagen, iprotini efumaneka kulusu namathambo. Ngenxa yoko, la mafutha esi silwanyana akenzelwanga ukusikhusela kwingqele nje kuphela. Kodwa enziwe nangendlela entsonkothileyo.
La mafutha akwazi njani ukunceda iidolphin namahlengezi akwazi ukudada ngesantya esiphezulu? Ngokomzekelo, akwazi njani ukunceda ihlengezi ekuthiwa yiDall ukuba lidade ngesantya esiziikhilomitha ezingama-56 ngeyure? Esinye sezizathu kukuba la mafutha azinceda zikwazi ukudada lula. Okwesibini, amafutha aphakathi komsila namaphiko axutywe necollagen kunye nemicu yenyama emininzi—nto leyo eyenza umsila wesi silwanyana ube bhetyebhetye uze usinike amandla. Ngenxa yoko, xa izihlunu zisenza ukuba umsila uye kwelinye icala, amafutha wona awutsalela kwelinye, nto leyo esenza sidade ngaphandle kokusebenzisa amandla amaninzi.
La mafutha akwanceda esi silwanyana singatshoni yaye ayasikhusela nakwingqele. Aphinda asigcinele amandla okuwasebenzisa xa kungekho kutya kwaneleyo. Siyaqondakala ke ngoko isizathu sokuba abantu abafuna ukuphucula ukusebenza kwezikhephe neenqanawa babe nomdla kwesi silwanyana.
Ucinga ntoni? Ngaba la mafutha asebenza ngendlela emangalisa ngolu hlobo azivelela? Okanye ngaba adalwa?
[Umzobo okwiphepha 17]
(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)
Imicu yenyama
Umxube wecollagen nemicu yenyama