Oko Kuthethwa Ngabazali
Ukuba unomntwana ongekahamb’ isikolo, kusenokwenzeka ukuba ujamelene neengxaki. Ngokomzekelo, ufanele wenze ntoni xa enomsindo? Unokumfundisa njani umntwana wakho umahluko phakathi kwento elungileyo nengalunganga uze umqeqeshe kakuhle? Khawuve ukuba abanye abazali baye bazicombulula njani ezi ngxaki.
UMSINDO
“Xa eneminyaka emibini ubudala, umntwana uye acinge ukuba uza kufumana yonke into ayifunayo. Unyana wethu wayenale ngxaki. Xa singazenzi izinto azifunayo wayethath’ izinto azilahle phantsi. Wayelizibulo lethu, ngoko sasingazi ukuba uthiwani umntwana xa enomsindo. Ayizange isincede into yokuba simane sisiva abanye besithi yinto eqhelekileyo leyo.”—USusan, waseKenya.
“Xa yayineminyaka emibini ubudala, intombi yethu yayidla ngokuzijula phantsi, igxwale ize ikhabalaze . . . Yayicaphukisa gqitha loo nto! Ukuthetha nayo ngeloo xesha kwakungancedi. Ngoko, mna nomyeni wam sasiyisa kwigumbi layo lokulala size siyixelele ukuba iya kuphuma apho xa sele ibhetele ukuze sithethe nayo. Emva kokuba umsindo wayo uhlile, omnye wethu wayesiya egumbini layo aze ayixelele isizathu sokuba izinto ezenzayo zibonisa ukungabi nasimilo. Le ndlela yokuyiqeqesha yayiphumelela. Ngenye imini sakha sayiva ithandaza kuThixo imcela ukuba ayixolele. Ekuhambeni kwexesha, umsindo wayo wehla yaye ekugqibeleni waphela.”—UYolanda, waseSpeyin.
“Abantwana bayakuthanda ukuv’ isiziba ngodondolo. Ukuvumela umntwana enze into ongayifuniyo kunokumenza angaqiniseki ukuba yintoni kanye kanye elungileyo nengalunganga. Saye safumanisa ukuba xa sasingqongqo yaye sinamathela emthethweni, ngokuthe ngcembe abantwana bethu bafunda ukuba abafanele bazifune ngetshova izinto.”—UNeil, waseBritani.
INGQEQESHO
“Xa umntwana engaphantsi kweminyaka emihlanu ubudala, kunzima ukwazi ukuba uphulaphula ngokwenene kusini na. Kubalulekile ukuyiphindaphinda into oyithethayo. Kufuneka into uyiphinde izihlandlo eziliqela ude walathe nokwalatha ukuze ugxininise.”—USerge, waseFransi.
“Nangona babekhulela kwindawo enye, ngamnye kubantwana bethu abane wayehlukile. Omnye wayekhala xa esazi ukuba usiphoxile; ukanti omnye wayekhe azame ukubona ukuba wayenokumosha kangakanani ngaphambi kokuba sithethe. Ngamanye amaxesha, umntwana sasimjonga okanye simngxolise ukanti ngamanye amaxesha sasimohlwaya.”—UNathan, waseKhanada.
“Kubalulekile ukumisela umthetho. Kodwa kwangaxeshanye, umzali akafanele abe ngqongqo ngokugqithiseleyo. Ngamanye amaxesha, xa umntwana ezisola kubhetele ungamohlwayi ngokuqatha.”—UMatthieu, waseFransi.
“Ndiye ndizame ukungabeki imithetho emininzi kakhulu kodwa leyo ndiyibekileyo ayinakutshintshwa. Unyana wam oneminyaka emithathu ubudala uyazi ukuba kwenzeka ntoni xa engathobeli yaye oko kumnceda aqoshelis’ umsila. Kuyinyaniso ukuba xa ndidiniwe ndiye ndifune ukungazihoyi izinto azenzayo. Kodwa ndiye ndimohlwaye ukuze azi ukuba umthetho ngumthetho. Kubalulekile ukusoloko uwumela umthetho!”—UNatalie, waseKhanada.
MUSA UKUTHETH’ UZIPHIKISA
“Abantwana abancinane baye bazikhumbule kakuhle izihlandlo apho abazali bezitshintsha izigqibo zabo.”—UMilton, waseBolivia.
“Ngamanye amaxesha, unyana wam wayekhe acele into ethile kangangezihlandlo ezininzi esebenzisa amazwi ahlukileyo ezama ukubona ukuba siza kuphendula ngendlela efanayo kusini na. Okanye ukuba mna nonina simxelela izinto ezingafaniyo wayeye acinge ukuba sithetha siziphikisa aze afune ukusebenzisa elo kroba.”—UÁngel, waseSpeyin.
“Ngamanye amaxesha, xa ndonwabile ndandingamohlwayi unyana wam xa emosha kodwa wayesithi xa emoshe ngoxa kukho into endikhathazayo ndimohlwaye ngokuqatha. Ndafumanisa ukuba oko kwakumenza ase nangakumbi.”—UGyeong-ok, waseKorea.
“Kubalulekile ukuba abantwana baqonde ukuba into ephosakeleyo namhlanje iya kusoloko iphosakele nangomso.”—UAntonio, waseBrazil.
“Xa abazali belala neli bavuke neliya, abantwana baya kucinga ukuba abanakuze bayiqonde eyona nto bayifunayo yaye izigqibo zabo zixhomekeke kwindlela abavakalelwa ngayo. Kodwa xa abazali benamathela emthethweni, abantwana baya kuqonda ukuba into ephosakeleyo isoloko iphosakele. Le yenye yeendlela abazali ababakhusela baze babathande ngayo abantwana babo.”—UGilmar, waseBrazil.
“Abantwana basenokucela izinto xa becinga ukuba abazali baza kuvuma nakanjani na—njengaxa kukho iindwendwe. Ukuba impendulo yam nguhayi, ndimxelela kwasekuqaleni unyana wam ndize ndikwenze kucace ukuba andizi kumphulaphula naxa sele endicenga.”—UChang-seok, waseKorea.
“Abazali kufuneka bavumelane. Xa kukho into endingavumelaniyo ngayo nomfazi wam, siye sithethe ngasese. Abantwana bayakwazi ukubona xa abazali bengavumelani ngento ethile yaye basenokulisebenzisa elo thuba.”—UJesús, waseSpeyin.
“Umntwana uyakhuseleka xa esazi ukuba abazali bakhe bamanyene yaye akanakungena phakathi kwabo. Uyazi ukuba kuza kwenzeka ntoni xa ethobela naxa engathobeli.”—UDamaris, waseJamani.
“Mna nenkosikazi yam sicinga ukuba ukungajika-jiki kwizigqibo zethu kuquka ukuzenza izinto ezintle ebesiyithembise zona intombi yethu. Oku kumenza azikholelwe izithembiso zethu.”—UHendrick, waseJamani.
“Bendiya kucaphuka gqitha ukuba umqeshi wam ebeya kusoloko ezitshintsha izinto ekufuneka ndizenzile emsebenzini. Kuba njalo ke nakubantwana. Bayakhuseleka xa beyazi imithetho yasekhaya yaye besazi ukuba ayitshintshi. Kwakhona kufuneka bayazi imiphumo yokungathobeli baze bazi ukuba nayo ayinakutshintsha.”—UGlenn, waseKhanada.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 8]
“UEwe wenu makabe nguEwe, noHayi wenu, abe nguHayi.”—Yakobi 5:12
[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 9]
UBOMI BENTSAPHO
Ukukhulelwa Okungacetywanga—Indlela Esamelana Ngayo Nako
Kubalisa uTom noYoonhee Han
UTom: Sasineenyanga nje ezintandathu sitshatile xa umfazi wam uYoonhee wafumanisa ukuba ukhulelwe. Ndazenza ngathi andothukanga, ekubeni ndandifuna ukuqinisekisa uYoonhee ukuba angathembela kum xa efuna ukuthuthuzelwa nokomelezwa. Kodwa ke ndandothukile!
UYoonhee: Ndandothukile yaye ndisoyika! Ndalila kakhulu kuba ndandisithi andikulungelanga yaye andinakukwazi ukuba ngumama.
UTom: Nam ndandicinga ukuba andikulungelanga ukuba ngutata! Kodwa emva kokuthetha nabanye abazali, safumanisa ukuba ukukhulelwa okungalindelekanga kuxhaphakile kunokuba sasicinga. Kwakhona, kwasinceda ukuva abanye abazali besibalisela ngendlela okumnandi ngayo ukuba ngutata okanye umama. Ngokuthe ngcembe, ndayeka ukoyika nokungaqiniseki ndaza ndaba nemincili.
UYoonhee: Emva kokuba uAmanda ezelwe, kwaqala iingxaki ezintsha. Wayesoloko elila yaye kwadlula iiveki ndingalali. Ndandingenamdla wakutya yaye ndandisoloko ndidiniwe. Ekuqaleni ndandingafuni ukuhlala nabanye abantu. Kodwa ndaqonda ukuba ukuzenza ikheswa kwakungazukundinceda. Ngoko ndaqalisa ukuhlala nabanye abadlezana. Oko kwandenza ndancokola nabanye abantu ababeneengxaki ezifana nezam, nto leyo eyandinceda ndabona ukuba yayingendim ndedwa owayenezo ngxaki.
UTom: Ndazama kangangoko ukwenza intsapho yam iqhubeke isenza izinto ebikade izenza. Ngokomzekelo, ekubeni singamaNgqina kaYehova, mna noYoonhee sasizimisele ukusoloko sisiya kwiintlanganiso zamaKristu nakumsebenzi wokushumayela. Kwakhona, ukuba nomntwana kuza neendleko, ezinye zazo zibe zingalindelekanga. Saye saqiniseka ukuba siphila ngokwemali esinayo ukuze singangeni ematyaleni, nto leyo eyayinokusenza sixinezeleke nangakumbi.
UYoonhee: Ekuqaleni ndandicinga ukuba andisoze ndikwazi ukuya kushumayela kuba abantwana bayasokolisa. Kodwa ke abantu bayabathanda abantwana. Ukuqonda loo nto kwandinceda ndaqhubeka ndishumayela ndaza ndaluthanda nangakumbi usana lwam.
UTom: IBhayibhile ithi abantwana “balilifa elivela kuYehova” yaye ‘bangumvuzo.’ (INdumiso 127:3) Kum, loo mazwi athetha ukuba umntwana usisipho esixabisekileyo. Njengokuba kunjalo nangeliphi na ilifa, unokhetho: Unokuliphatha kakuhle okanye ulisafaze. Ndiye ndafunda ukuba inqanaba ngalinye lokukhula komntwana lahlukile yaye kufuneka ndisoloko ndikho ngalo lonke ixesha kubomi bentombi yam, kuba xa linokundiphosa elo thuba andinakuphinda ndilifumane.
UYoonhee: Ebomini zikhe zenzeke izinto esingazilindelanga, njengokuba nomntwana ongacetywanga yaye asinto imbi leyo. Ngoku uAmanda uneminyaka emithandathu ubudala yaye andikucingi nokukucinga ukuphila ngaphandle kwakhe.
[Umfanekiso]
UTom noYoonhee kunye nentombi yabo uAmanda