Khanikhe Nizikhumbuze Njengentsapho
Chaza Ukuba Nguwuphi Umfanekiso Ohambisana Nesibhalo
Funda iNtshumayeli 2:3-10. Krwela umgca odibanisa umfanekiso nendinyana yeBhayibhile ohamba nawo. (Imifanekiso ayibekwanga ngokokulandelelana kwayo.) Gqibezela imifanekiso ngokuyifaka umbala.
1. Indinyana 3
2. Indinyana 4
3. Indinyana 5
4. Indinyana 6
5. Indinyana 7
6. Indinyana 8
A
B
C
D
E
F
INTO EKUNOKUNCOKOLWA NGAYO:
Ngaba zazimonwabisa ngokwenene uSolomon izinto awayezenzile?
INKCAZELO ENOKUKUNCEDA: Funda iNtshumayeli 2:11.
Litheth’ ukuthini kuwe ibinzana elithi ‘amampunge nokusukelana nomoya?’ Ziziphi izinto onokuzenza ezinokukwenza wonwabe ngokwenene?
INKCAZELO ENOKUKUNCEDA: Funda uLuka 6:38; iZenzo 20:35.
OKUNOKWENZIWA YINTSAPHO:
Funda iNtshumayeli 3:1-8. Lungu ngalinye lentsapho malibhale ephepheni enye yezinto ezenziwa nguSolomon ezidweliswe kwezi ndinyana. Loo maphepha wafakeni ebhokisini. Emva koko, lungu ngalinye lentsapho malikhuphe iphepha libe linye lize lilinganise into eyayisenziwa nguSolomon ngaphandle kokuyichaza ngamazwi. Bona enoba intsapho yakho ingakwazi ukuyazi na impendulo.
Gcina La Makhadi
Sika apha, uligobe uze uligcine
IKHADI LEBHAYIBHILE 11 UYOSEFU
IMIBUZO
A. Vala izikhewu. Abantakwabo Yosefu babembiza ngokuba ‘ngulaa․․․․․,’ baza bamthengisa ebukhobokeni ngamaqhosha esilivere angama-․․․․․.
B. Xa wayehendwa ngumfazi kaPotifare ukuba alale naye, uYosefu waphendula ngokungqalileyo wathi, “Ndingathini ukwenza obu bubi bukhulu kangaka ndize . . . ”?
C. Kwakutheni ukuze uFaro enze uYosefu abe ngowesibini ngobukhulu ebukumkanini baseYiputa?
[Isicangca]
4026 B.C.E. 1 C.E. 98 C.E.
UAdam uyadalwa Wayephila malunga Kubhalwa incwadi
neminyaka yee-1700 B.C.E. yeBhayibhile yokugqibela
[Imaphu]
Wasuswa eDotan wasiwa eYiputa
Dothan
EGYPT
UYOSEFU
IMBALI YAKHE
Wayelizibulo likaYakobi noRakeli. (Genesis 35:24) Abantakwabo ababenomona bamthengisa eYiputa njengekhoboka, apho wachitha iminyaka eli-13 elikhoboka okanye esentolongweni. Kunokuba aziphindezele, uYosefu wabaxolela abantakwabo ababeguqukile. (Genesis 50:15-21) Nakubeni wayekude nekhaya, uYosefu wamhlonela uYehova waza wahlala enyulu, esebenza nzima yaye ethembekile.—Genesis 39:1-23.
IIMPENDULO
A. Mphuphi, 20.—Genesis 37:19, 28.
B. “. . eneneni ndone kuThixo?”—Genesis 39:9.
C. Wayesazi ukuba umoya kaThixo wawumenze waba sisilumko nengqondi uYosefu.—Genesis 41:38-41.
Abantu Namazwe
7. Igama lam ndinguAnietie. Ndineminyaka esixhenxe ubudala yaye ndihlala eNigeria. Mangaphi amaNgqina kaYehova ahlala eNigeria? Ngaba ali-190 000, angama-290 000 okanye angama-390 000?
8. Liliphi ichaphaza elibonisa indawo endihlala kuyo? Yenza isangqa kulo uze wenze ichaphaza elibonisa indawo ohlala kuyo ukuze ubone ukuba ukufutshane kangakanani eNigeria.
A
B
C
D
Bantwana Khangelani Le Mifanekiso
Khangela le mifanekiso kweli phephancwadi. Ngamazwi akho, chaza oko kwenzekayo kumfanekiso ngamnye.
Ukuze uprinte iikopi ezingakumbi zomxholo othi “Khanikhe Nizikhumbuze Njengentsapho” yiya kwewebhsayithi ethi www.pr2711.com
● Iimpendulo zemibuzo yomxholo othi “KHANIKHE NIZIKHUMBUZE NJENGENTSAPHO” zikwiphepha 15
IIMPENDULO ZEMIBUZO EKWIPHEPHA 30 NELAMA-31
1. U-1 uhamba no-F.
2. U-2 uhamba no-E.
3. U-3 uhamba no-A.
4. U-4 uhamba no-C.
5. U-5 uhamba no-B.
6. U-6 uhamba no-D.
7. Angama-290 000.
8. Ngu-C.