Khanikhe Nizikhumbuze Njengentsapho
Yahluke Ngantoni Le Mifanekiso?
Ngaba ungazichaza izinto ezintathu ahluke ngazo umfanekiso A kumfanekiso B? Bhala iimpendulo zakho kule migca ingezantsi uze ugqibezele le mifanekiso ngokuyifaka umbala.
INKCAZELO ENOKUKUNCEDA: Funda uIsaya 6:1-8.
1. ․․․․․
2. ․․․․․
3. ․․․․․
4. Nguwuphi umfanekiso ochanileyo phakathi komfanekiso A nomfanekiso B?
INTO EKUNOKUNCOKOLWA NGAYO:
Sisiphi isimo sengqondo esihle awayenaso uIsaya? Unokubonisa njani ukuba uthobekile yaye ukulungele ukwenza izinto?
INKCAZELO ENOKUKUNCEDA: Funda iNdumiso 110:3; uMateyu 28:19, 20.
OKUNOKWENZIWA YINTSAPHO:
Lungu ngalinye lentsapho maliphande ngemisebenzi eyenziwa ziingelosi. Emva koko dibanani njengentsapho ukuze nichaze ukuba nifunde ntoni. Ngokomzekelo, yiyiphi eminye imisebenzi yeengelosi?
INKCAZELO ENOKUKUNCEDA: Funda iNdumiso 34:7; amaHebhere 1:14; iSityhilelo 14:6, 7.
Ngaba iingelosi zinemisebenzi ekhethekileyo ezinikwe yona?
INKCAZELO ENOKUKUNCEDA: Funda iNdumiso 103:19-21.
Ngaba iingelosi zithobekile yaye ziyakufuna ukunceda abantu?
INKCAZELO ENOKUKUNCEDA: Funda Abagwebi 13:17, 18; uLuka 22:43; iSityhilelo 22:8, 9.
Gcina La Makhadi
Sika apha, uligobe uze uligcine
IKHADI LEBHAYIBHILE 12 UISAYA
IMIBUZO
A. Ngubani owahamba noIsaya xa wayesisa isigidimi kuKumkani uAhazi?
B. Xa uYehova wabuza ukuba, “Ndothuma bani na?” waphendula wathini uIsaya?
C. UIsaya waprofeta wathi: “Umhlaba ngokuqinisekileyo uya kuzaliswa . . . ”
[Isicangca]
4026 B.C.E. 1 C.E. 98 C.E.
UAdam uyadalwa Wayephila malunga Kubhalwa incwadi
neminyaka yee-700 B.C.E. yeBhayibhile yokugqibela
[Imaphu]
Wayehlala eYerusalem
Jerusalem
ISAIAH
IMBALI YAKHE
Yayingumprofeti othembekileyo, owanceda intsapho yakhe ukuze inqule uThixo. Wayengumzekelo omhle kuyo ngendlela awayewenza ngayo umsebenzi wokushumayela. Inkosikazi yakhe yayibizwa ngokuba ‘ngumprofetikazi.’ (Isaya 7:3; 8:3, 18) UIsaya wayengumkhonzi kaThixo iminyaka engama-46. Igama lakhe lithetha ukuba “Usindiso LukaYehova.”
IIMPENDULO
A. Nonyana wakhe uShehare-yashubhi.—Isaya 7:3.
B. “Ndikho! Thuma mna.”—Isaya 6:8.
C. “. . kukwazi uYehova.”—Isaya 11:9.
Abantu Namazwe
5. Igama lam ndinguAbigail ndineminyaka esithoba ubudala, elam ndinguJeriah ndineminyaka esixhenxe ubudala. Sihlala eIndiya. Mangaphi amaNgqina kaYehova ahlala eIndiya? Ngaba angama-31 500, angama-59 600 okanye angama-86 000?
6. Liliphi ichaphaza elibonisa indawo esihlala kuyo? Yenza isangqa kulo uze wenze ichaphaza elibonisa indawo ohlala kuyo ukuze ubone ukuba ukufutshane kangakanani eIndiya.
A
B
C
D
Bantwana Khangelani Le Mifanekiso
Khangela le mifanekiso kweli phephancwadi. Ngamazwi akho, chaza oko kwenzekayo kumfanekiso ngamnye.
Ukuze uprinte iikopi ezingakumbi zomxholo othi “Khanikhe Nizikhumbuze Njengentsapho” yiya kwiwebhsayithi ethi www.pr2711.com
● Iimpendulo zemibuzo yomxholo othi “KHANIKHE NIZIKHUMBUZE NJENGENTSAPHO” zikwiphepha 20
IIMPENDULO ZEMIBUZO EKWIPHEPHA 30 NELAMA-31
1. Ingelosi inamaphiko amathandathu komnye umfanekiso kodwa komnye mane.
2. Ingelosi iphethe isibambo komnye umfanekiso kodwa komnye iphethe ikrele.
3. Ilahle lichukumisa imilebe kaIsaya komnye umfanekiso kodwa komnye lichukumisa izandla zakhe.
4. B.
5. 31 500.
6. B.
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 31]
La Voz de Galicia/Fotógrafo: Víctor Mejuto