Okusesikweni Kokwenene Xa Kulawula Urhulumente KaThixo
ISIPROFETO seBhayibhile sibonisa ukuba eli hlabathi lanamhlanje sele liza kuthatyathelw’ indawo lelitsha ekwenziwa ukuthanda kukaThixo kulo. Enye into, elo hlabathi litsha liya kuba norhulumente olawula ngokusesikweni—uBukumkani bukaThixo, obuza kuba noKumkani onguYesu Kristu. (ISityhilelo 11:15) UBukumkani bukaThixo buya kukuphelisa njani okungekho sesikweni? Buya kukuphelisa ngeendlela ezimbini.
1. UBukumkani bukaThixo buya kulusiphula neengcambu ulawulo lwabantu olungekho sesikweni, nolungafanelekanga. UDaniyeli 2:44 uthi: “Ngemihla yabo kumkani [oorhulumente] uThixo wezulu uya kumisa ubukumkani . . . Buya kuzityumza buziphelise zonke ezi zikumkani [zabantu], buze bona bume ukusa kwixesha elingenammiselo.”
2. UBukumkani bukaThixo buya kutshabalalisa ubungendawo buze bubuyisele okusesikweni. INdumiso 37:10 ithi: “Kusele ithutyana, angabikho ongendawo.” Ivesi 28 ithi: “UYehova ngumthandi wokusesikweni, yaye akayi kubashiya abanyanisekileyo bakhe. Ngokuqinisekileyo baya kulindwa ukusa kwixesha elingenammiselo.”
Abo “banyanisekileyo” baya kubona ukuzaliseka kwamazwi kaYesu awawenza kumthandazo wakhe ongumzekelo. Wathi: “Mabufike ubukumkani bakho. Makwenzeke ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengasezulwini.” (Mateyu 6:10) Kuyintoni ukuthanda kukaThixo ngomhlaba?
Xa UBukumkani BukaThixo Bulawula Umhlaba . . .
Luya kuphela urhwaphilizo nengcinezelo. Ngokuphathelele uYesu Kristu, eyamaHebhere 1:9 ithi: “Wabuthanda ubulungisa, waza wakuthiya ukuchas’ umthetho.” NjengoMlawuli osesikweni wokwenene, uYesu “uya kumhlangula lowo ulihlwempu ukhalela uncedo, kwanalowo uxhwalekileyo nabani na ongenamncedi. . . . Uya kuwukhulula umphefumlo wabo kwingcinezelo nakugonyamelo, negazi labo liya kuxabiseka emehlweni akhe.”—INdumiso 72:12-14.
Bonke abantu baya kuba nentabalala yokutya. “Umhlaba uya kunika imveliso yawo; uThixo, uThixo wethu, uya kusisikelela.” (INdumiso 67:6) “Kuya kubakho ukudla okuziinkozo okuninzi emhlabeni; encotsheni yeentaba kuya kubakho ukuphuphuma.” (INdumiso 72:16) Ngokungummangaliso uYesu wondla amawaka abantu ngaxeshanye—imbonakaliso yoko aza kukwenza ngoBukumkani bukaThixo.—Mateyu 14:15-21; 15:32-38.
Okusesikweni akuyi kuphazanyiswa ziintsilelo zabantu. “Akukho sidalwa singabonakaliyo emehlweni akhe [uThixo], kodwa zonke izinto zize yaye zibhencekile emehlweni alowo simele siphendule kuye.” (Hebhere 4:13) Ngokuphathelele uKristu sifunda oku: “Akayi kugweba ngayo nayiphi na imbonakalo nje esemehlweni akhe, engayi kohlwaya ngokwento nje eviwe ziindlebe zakhe. Uya kuzigweba izisweli ngobulungisa, abohlwaye ngokuthe tye abo balulamileyo bomhlaba.”—Isaya 11:3, 4.
Ulawulo LoBukumkani Lusondele!
Iimeko ezimaxongo zehlabathi zingqina ukuba sele liza kuphelelwa. INdumiso 92:7 ithi: “Ekuhlumeni kwabo bangendawo njengotyani nabo bonke abo baqhelisela okwenzakalisayo betyatyamba, oko kukuze babhujiswe ngonaphakade.” Yintoni onokuyenza ukuze uphephe ukungamkholisi uThixo uze ube phakathi kwabo aza kubasindisa? UYesu Kristu wathi: “Oku kuthetha ubomi obungunaphakade, ukungenisa kwabo ulwazi ngawe, wena ukuphela koThixo oyinyaniso, nangalowo umthumileyo, uYesu Kristu.”—Yohane 17:3.
Ngaba uyakunqwenela ukufumana olo lwazi luxabiseke kangako? Ukuba uyalufuna, njengoHeide, uDorothy noFiruddin ekuthethwe ngabo ngaphambili, unokuxubusha ngalo mba nomnye oliNgqina likaYehova. Uya kukuvuyela ukuphendula imibuzo onayo ngaphandle kwentlawulo yaye akukho nto uya kuzibophelela ngayo.
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 9]
XA UBOMI BUBONAKALA BUNGENAKO OKUSESIKWENI
UEmily, ohlala eUnited States wafunyaniswa enomhlaza, ileukemia xa wayeseneminyaka esixhenxe ubudala. Ngoxa abahlobo bakhe babekhe baphathwe ngumkhuhlane, yena kwafuneka anyamezele kangangeminyaka unyango lwamayeza, kuquka ichemotherapy. Uthi: “Ileukemia sisifo esoyikekayo!”
Nakuba ubomi buye banzima kuye, uEmily akazange alahle themba. Kunoko, ulindele ulawulo loBukumkani bukaThixo xa ‘kungekho mmi wakhona oya kuthi: “Ndiyagula.”’ (Isaya 33:24) Uthi: “Esona sibhalo ndisithandayo seso sikuMarko 12:30 sithi: ‘Uze umthande uYehova uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela nangomphefumlo wakho uphela nangengqondo yakho iphela nangamandla akho ephela.’ Xa ndithandaza kuYehova ndiye ndibe namandla. Ndiyambulela uYehova ngokundinika intsapho yam, ibandla nethemba lobomi obungunaphakade kwihlabathi elitsha eliyiParadesi. Eli themba liye landinceda gqitha.”
[Imifanekiso ekwiphepha 8, 9]
Xa kulawula uBukumkani bukaThixo, bonke abantu baya kunandipha intabalala yokutya, kuquka okusesikweni kokwenene ngaphandle komkhethe