Izimvo Zabafundi
Iindawo Zokunyamekela Abantu Abagulela Ukufa—Yintoni Injongo Yazo? (Julayi 2011) Njengomncedisi woonontlalo-ntle, ndiye ndaqeqeshwa kwindawo yokunyamekela abagulela ukufa, yaye manditsho ukuba yinyaniso emsulwa into enithetha ngayo kuVukani! kaJulayi 2011. Amaziko akulungeleyo ukunyamekela abantu abagulela ukufa ayimfuneko namhlanje. Ndikhangele phambili ekufikeni korhulumente kaThixo, xa kungayi kubakho mntu uthi, “Ndiyagula,” nalapho uThixo eya kuzisula iinyembezi emehlweni ethu.—Isaya 33:24; ISityhilelo 21:3, 4.
M. R., Itali
Linjani Idlala Lakho Lengqula? (Meyi 2009) Ndinibulela gqitha ngeli nqaku. Kudala ndaphawula ukuba kukho undonakele ngengqula yam, kodwa andenza nto. Noko ke, emva kokufunda eli nqaku, ndaya kugqirha waza wandixelela ukuba ndinesifo iGrave. Okuvuyisayo kukuba sifunyaniswe ngoxa sisaqala. Ndibamba ngazibini.
T. K., eJapan
Incwadi Onokuyithemba—Icandelo 1-7 (Novemba 2010–Meyi 2011) Sithi maz’ enethole ngolu ngcelele lwamacandelo asixhenxe luphandwe lwaza lwabhalwa ngendlela esemagqabini ngolu hlobo noluwachaza kakuhle amagunya ehlabathi abalaseleyo akwimbali yeBhayibhile. Ndinomnqweno wokubona obu buncwane bamanqaku budityaniswe kwincwadana enemifanekiso. Olu ngcelele lwembali lunokwenza abantu bamnike imbeko emfaneleyo uMbhali wezi ziprofeto zeBhayibhile—uYehova.
G. H., eUnited States
Abantu Abaselula Bayabuza . . . Yintoni Endifanele Ndiyazi Ngeewebhusayithi Zokuncokola? (Julayi 2011) Ndiyabulela ngeli nqaku. Ndineminyaka engama-26 ubudala. Bendiceba ukuzivulela iakhawunti yale [webhsayithi yokuncokola], kungekhona kuba ndifuna abahlobo abangakumbi, kodwa ngenxa yobuninzi babantu abathi ndiyivule. Eli nqaku liye landinceda kakhulu. Unganabo abahlobo nokuba akunayo iwebhsayithi yokuncokola.
M. P., Philippines
Bendicinga ukuba eli nqaku liza kuzigxeka iiwebhsayithi zokuncokola. Kodwa ndifumanise ukuba libhalwe ngendlela elungeleleneyo. Lithethe ngeengenelo neengozi laza lacebisa ngendlela esinokuzikhusela ngayo kwezo ngozi. Lindilumkise ngokusebenzisa ingqiqo xa ndifaka inkcazelo yobuqu kwi-Intanethi.
C. W., United States
Iimfihlelo Zokuphumelela Kwentsapho (Oktobha 2009) Le nkupho ikhethekileyo isincede gqitha kwintsapho yethu. Ndithande ngokukhethekileyo iibhokisi ezithi “Zama oku kulandelayo” ebezihamba nemfihlelo nganye kwezisixhenxe. Amacebiso angqalileyo akuzo sele siwasebenzisa kwintsapho yam.
H. H., Korea
Khanikhe Nizikhumbuze Njengentsapho Sibamba ngazibini ngeli nqaku liphuma rhoqo. Intombi yethu eneminyaka emithandathu ubudala ithanda indawo ethi Bantwana Khangelani Le Mifanekiso ngakumbi ukufaka imibala kwimifanekiso. La manqaku agxininisa indima yabazali yokuqeqesha abantwana beselula. Umsebenzi eniwenzela abantwana bethu awunakuthelekiswa nanto.
M. P., Poland