Khanikhe Nizikhumbuze Njengentsapho
Yintoni Ephosakeleyo Ngalo Mfanekiso?
Funda iGenesis 1:21-28. Ngoku jonga lo mfanekiso. Ziziphi izinto ezingekhoyo kuwo? Bhala iimpendulo zakho kule migca ingezantsi. Gqibezela lo mfanekiso uze emva koko ufake umbala.
1. ․․․․․
2. ․․․․․
[Umzobo]
(Yiya kwimpapasho)
INTO EKUNOKUNCOKOLWA NGAYO:
Wayethetha nabani uThixo xa wayesithi, “Masenze umntu ngokomfanekiso wethu, ngokufana nathi”?
UKUFUMANA IMPENDULO: Funda uYohane 17:1, 5; eyabaseKolose 1:15, 16.
Kutshiwo njani ukuba abantu benziwe ngokomfanekiso kaThixo?
UKUFUMANA IMPENDULO: Funda eyabaseKolose 3:10; eyoku-1 kuPetros 1:16.
Ziziphi iimpawu zikaYehova uThixo nezikaYesu ozithandayo? Unokuzixelisa njani iimpawu zabo?
UKUFUMANA IMPENDULO: Funda eyabase-Efese 4:31, 32; eyoku-1 kuYohane 4:7, 8.
OKUNOKWENZIWA YINTSAPHO:
Bhala izilwanyana ezihlanu ozithandayo. NjengoAdam, emva koko zithiye amagama amatsha ngokusekelwe kwinkangeleko yazo, indlela ezikhala ngayo okanye izenzo zazo. Funda elo gama ngokuvakalayo ukuze ubone enoba intsapho yakho iya kusazi na eso silwanyana.
Gcina La Makhadi
Sika apha, uligobe uze uligcine
IKHADI LEBHAYIBHILE 19 UPAWULOS
IMIBUZO
A. UPawulos wayexhasa ubulungiseleli bakhe ngokwenza ․․․․․.
B. Umpostile uPawulos wayefundisa abantu “esidlangalaleni . . .”
C. UPawulos wavusa umfana oselula ogama ․․․․․.
[Isicangca]
4026 B.C.E. UAdam uyadalwa
1 C.E.
Wayephila ngenkulungwane yokuqala
98 C.E. Kubhalwa incwadi yokugqibela yeBhayibhile
[Imaphu]
Wazalelwa eTarso. Waba ngumthunywa wevangeli eYurophu naseAsia Minor.
IYUROPHU
IRoma
IASIA MINOR
ITarso
IYerusalem
UPAWULOS
IMBALI YAKHE
Wayetshutshisa amaKristu waza waguquka waba ngumpostile ezintlangeni. Wasetyenziswa nguYehova ekubhaleni iincwadi ezili-14 zeZibhalo zamaKristu zesiGrike. UPawulos watyhutyha amawaka eekhilomitha njengomthunywa wevangeli eseka amabandla eYurophu naseAsia Minor.—Roma 11:13; 1 Timoti 1:12-16.
IIMPENDULO
A. Iintente.—IZenzo 18:3-5.
B. “. . . nakwizindlu ngezindlu.”—IZenzo 20:20.
C. linguYutiko.—IZenzo 20:7-12.
Abantu Namazwe
3. Igama lam ndinguNia, ndineminyaka esi-8 ubudala, ndikunye noMaté, oneminyaka esi- 7 ubudala. Sihlala kwiRiphabliki yaseGeorgia. Mangaphi amaNgqina kaYehova ahlala eGeorgia? Ngaba ali-10 000, ali-17 000, okanye angama-26 000?
4. Liliphi ichaphaza elibonisa indawo esihlala kuyo? Yenza isangqa kwindawo ohlala kuyo uze ubone ukuba ukude kangakanani na kwiRiphabliki yaseGeorgia.
A
B
C
D
Bantwana Khangelani Le Mifanekiso
Ngaba ungayifumana le mifanekiso kweli phephancwadi? Ngamazwi akho chaza oko kwenzekayo kumfanekiso ngamnye.
Kwiwebhsayithi ethi www.pr2711.com ninokuziprintela ezinye iikopi zomxholo othi “Khanikhe Nizikhumbuze Njengentsapho”
● Iimpendulo zemibuzo ezikumxholo othi “KHANIKHE NIZIKHUMBUZE NJENGENTSAPHO” zifumaneka kwiphepha 26
IIMPENDULO ZEMIBUZO EKWIPHEPHA LAMA-30 NELAMA-31
1. Izidalwa eziphaphazelayo ezinamaphiko.
2. Irhamncwa.
3. 17 000.
4. B.