Eyona Ntyatyambo Inkulu Ehlabathini
“NDILANDELE, Mhlekazi, yiza, intyatyambo, enkulu, entle, emangalisayo,” watsho njalo umkhenkethisi kaJoseph Arnold owayenemincili, ekuhambo lwakhe lokuqokelela iintyatyambo kwisiqithi saseIndonesia iSumatra. Elandela loo mkhenkethisi, uArnold, ingcali ngeentyatyambo yaseBritani, wabona into awayibiza ngokuba “ngummangaliso wokwenene.” Yayiyintyatyambo emangalisayo. Phantse kwiminyaka engama-200 kamva, kwiintyatyambo ezahlukahlukeneyo awazibonayo kolo hambo lwakhe lowe-1818—engayiwayo irafflesia—iseyeyona ntyatyambo inkulu ehlabathini.
Kukho iintlobo ngeentlobo zale ntyatyambo irafflesia, zonke zikhula kumahlathi akuMzantsi-mpuma weAsia kuphela. Kodwa ke, kukho iintlobo ezintsha ezisafunyanwayo ebezingaziwa. Uhlobo oluvelisa eyona ntyatyambo inkulu kuthiwa yiRafflesia arnoldii, eyathiywa ngoJoseph Arnold nalowo wayehamba naye, uMhlekazi uThomas Stamford Raffles, owafumana iSingapore waza wayirhuluneli yayo. Nakuba intle injalo le ntyatyambo, abantu abafane bayisebenzise xa besenza inkatha.
Okokuqala, cinga nje ngobukhulu bayo. Le ntyatyambo inokukhula ibe malunga nemitha ubukhulu—ilingane nevili lebhasi—yaye ibe nobunzima obumalunga neekhilogram ezili-11.a Le ntyatyambo ineepetali ezintlanu ezingqindilili, ezipinki-bumdaka namabalana angathi ziintsumpa. Ezi petali ziphuma kumngxuma ongathi yimbiza yaye loo mngxuma unokwanela iilitha ezintandathu zamanzi.
Okwesibini, cinga ngevumba layo. Xa echaza le ntyatyambo omnye umntu othetha phandle uthi irafflesia inuka “okwenyathi esele inethuba ifile,” nto leyo eyenza ikufanele ukubizwa ngamagama athi isidumbu sentyatyambo nenyibiba enukayo.b Iimpukane ezithanda izinto ezibolileyo zizo ezisasaza umungu wale ntyatyambo ngenxa yokutsalwa leli vumba layo.
Irafflesia ayinasiqu, ayinamagqabi, okanye iingcambu yaye ikhula kumahlahla aphantsi ehlathi. Xa ithupha lerafflesia lidubula kwixolo lelo hlahla ikhulela kulo, elo thupha lithabatha malunga neenyanga ezilishumi ngaphambi kokuba lidubule, lize likhule libe lelona khaphetshu lakha lalikhulu. Emva kwaloo nkqubo yeeyure eziliqela, kuye kuvele loo ntyatyambo, iveze ubuhle bayo. Ngaphakathi kuyo kukho iqela lamaqhuma ekuthiwa ziiprocesses. Awukaziwa kakuhle nangoku umsebenzi wawo, nakuba abanye abaphengululi becingela ukuba kukusasaza ubushushu ukuze inuke ngakumbi.
Ubuhle bale ntyatyambo abuhlali xesha lide. Emva kweentsuku nje ezimbalwa, iyabuna ize iqalise ukubola, kusale nje inkunkuma emnyama
IRafflesia arnoldii yeyona inqabileyo nesecicini lokutshabalala. Yintoni ingxaki? Kufuneka ubuduna nobukhomokazi ukuze idubule kufuphi enye kwenye ukuze zabelane ngomungu, ukanti amathupha amaninzi akade akhule ngokwaneleyo okanye de adubule. Isizathu soku kukuba amathupha amaninzi ayavunwa ukuze kwenziwe ngawo amayeza esintu okanye atyiwe. Oku kuye kwalinciphisa ngamandla inani lezityalo ezikhulela endle. Enye ingxaki enkulu yile yokuqhubeka kwabantu betshabalalisa amahlathi amakhulu emvula.
Lilungelo elinqabileyo ukubona irafflesia. Ubukhulu bayo buyamangalisa. Inevumba ongasoze ulilibale. Iyachukumisa indlela emile ngayo nombala wayo. Kakade ke, le ntyatyambo iyeyona inkulu ehlabathini ngomnye nje wemisebenzi engenakubalwa emangalisayo yoMdali wethu. INdumiso 104:24 ithi: “Hayi indlela emininzi ngayo imisebenzi yakho, Yehova! Yonke uyenze ngobulumko. Uzele umhlaba yimveliso yakho.”
[Imibhalo esemazantsi]
a Iintyatyambo zezinye iintlobo zerafflesia ziba malunga neesentimitha ezilishumi kuphela ubukhulu.
b Intyatyambo ititan arum (Amorphophallus titanum) nayo ibizwa ngokuba sisidumbu sentyatyambo yaye maxa wambi abantu bakhe bayibhidanise nerafflesia.—Funda uVukani! wesiNgesi kaJuni 22, 2000, iphepha 31.
[Imaphu ekwiphepha 17]
(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)
EMALAYSIA
ESUMATRA
[Umfanekiso okwiphepha 17]
Ithupha lerafflesia esele liza kudubula