IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 10/12 iphe. 24-25
  • Ukuphumeza Imbopheleleko Yokuba Ngumzali

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukuphumeza Imbopheleleko Yokuba Ngumzali
  • Vukani!—2012
  • Amanqaku Afanayo
  • Qeqesha Umntwana Wakho Eselusana
    Imfihlelo Yolonwabo Lwentsapho
  • Mfundise Ukuba Ayazi Into Elungileyo Nengalunganga
    Vukani!—2019
  • Indima Yakho Njengomzali
    Vukani!—2004
  • Bazali, Khuselani Ilifa Lenu Elixabisekileyo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2005
Khangela Okunye
Vukani!—2012
g 10/12 iphe. 24-25

Ukuphumeza Imbopheleleko Yokuba Ngumzali

Abazali kunye nemveku yabo

Ngaba usakhumbula xa wawuqala ukufunqula usana lwakho emva kokuzalwa kwalo?

Mhlawumbi wakhawuleza waqonda ukuba lo asingomdlalo, kuseza kuqengqeleka iminyaka umntwana efuna uncedo. Wakhawuleza wabubona ubukhulu bembopheleleko onayo.

NAKUBA kukudala imbopheleleko yokuba ngumzali ingekho lula, sele inzima ngokukhethekileyo namhlanje. Ngoba? Kaloku ihlabathi liye lantsonkotha ngakumbi kunaxa wawungumntwana. Ezinye zeengxaki zokuziphatha abajamelana nazo abantwana—xa besebenzisa i-Intanethi, ngokomzekelo—bezikade zingekho.

Unokumnceda njani umntwana ajamelane nemigibe yokuziphatha yeli hlabathi? Nazi iindlela ezintathu onokumnceda ngazo.

1 Yichaze phandle imilinganiselo yakho.

Njengokuba abantwana bekhula, bangxixhwa ngenkcazelo ephosakeleyo ngokuziphatha. Obu buxoki buye bubonakale nangakumbi xa abantwana bengaphezu kweminyaka elishumi ubudala. Kodwa ke, uphando lubonisa ukuba abantwana abafikisayo bakhetha ukuphulaphula abazali babo ngaphezu koontanga xa besenza izigqibo ezibalulekileyo.

Into onokuyenza. KuSirayeli wamandulo, abazali babekhuthazwa ukuhlala bethetha nabantwana babo ukuze babethelele imilinganiselo yobulungisa. (Duteronomi 6:6, 7) Yiloo nto omele uyenze nakowakho. Ngokomzekelo, ukuba uphila ngemilinganiselo yeBhayibhile, mchazele isizathu sokuba ucinga ukuba yeyona ndlela ibhetele.

2 Mncede ayiqonde imiphumo.

IBhayibhile ithi: “Loo nto ayihlwayelayo umntu, uya kuvuna kwayona.” (Galati 6:7) Lo mgaqo wenza nemiphumo ibonakala phantse kuyo yonke into ebomini. Cinga ngoxa wawusakhula. Inkoliso yezinto osazikhumbulayo owafundayo kuzo zezo wafumana imiphumo yezenzo zakho.

Into onokuyenza. Mxelele ngabantu bokwenene abaye bafumana imiphumo ebuhlungu ngenxa yokukhetha kwabo ikhondo elibi okanye ngezinto ezintle eziye zazuzwa ngabo bakhetha ikhondo elihle. (Luka 17:31, 32; Hebhere 13:7) Sukumkhusela umntwana wakho kwimiphumo emibi yeempazamo zakhe. Ngokomzekelo, masithi ngokungakhathali, unyana wakho waphula into yokudlala yomnye umntwana. Unokumxelela ukuba anikise ngeyakhe kuloo mntwana. Akayi kukhawuleza asilibale eso sifundo sokuhlonela izinto zabanye.

3 Mncede abe nobuntu obuhle.

IBhayibhile ithi: “Abantwana babonakalisa eyona nto bayiyo ngezinto abazenzayo; ubabona apho xa benyanisekile naxa belungile.” (IMizekeliso 20:11, Good News Translation) Njengokuba abantwana bekhula, buya bucaca ubuntu babo. Okubuhlungu kukuba, abanye baveza imikhwa emibi. (INdumiso 58:3) Kodwa ke abanye baba nezimilo, bezakhela igama elihle. Ngokomzekelo, xa wayebhalela ibandla ngokuphathelele ityendyana uTimoti, umpostile uPawulos wathi: “Andinamntu wumbi onokuninyamekela njengaye.”—Filipi 2:20.

Into onokuyenza. Ukongezelela ekubetheleleni imiphumo, njengokuba kuchaziwe ngaphambili, nceda umntwana acinge ngeempawu anqwenela ukwaziwa ngazo. Xa bevavanywa, abaselula banokufunda ukwenza izigqibo ezilungileyo ngokuzibuza le mibuzo:

  • Ndifuna ukuba ngumntu onjani?—Kolose 3:10.

  • Umntu onjalo ebeya kwenza ntoni kwimeko enje?—IMizekeliso 10:1.

IBhayibhile inentaphane yemizekelo yokwenene yamadoda namabhinqa, aziwa ngokulunga nokungalungi ngenxa yezenzo zawo. (1 Korinte 10:11; Yakobi 5:10, 11) Sebenzisa le mizekelo ukunceda umntwana wakho azabalazele ukuba neempawu ezintle.

Iimpapasho zamaNgqina kaYehova zinokukunceda ubone indlela onokuyisebenzisa ngayo imigaqo yeBhayibhile kwintsapho yakho, nendlela onokubanceda ngayo abantwana bakho benze okufanayo.

Ukunceda Intsapho Yakho

Eyabancinane:

Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile

Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile

Eyabangaphantsi kweshumi:

Funda KuMfundisi Omkhulu

Funda KuMfundisi Omkhulu

Ezabangaphezu kweshumi:

Abantu Abaselula Bayabuza, Umqulu 1 nowesi-2

Abantu Abaselula Bayabuza—Iimpendulo Eziluncedo, Umqulu 1 nowesi-2

Eyabantu abadala:

Imfihlelo Yolonwabo Lwentshapho

Imfihlelo Yolonwabo Lwentshapho

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share