IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 10/13 iphe. 8-11
  • Izinto Ezi-3 Ezingenakuthengwa Ngemali

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Izinto Ezi-3 Ezingenakuthengwa Ngemali
  • Vukani!—2013
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukubeka Imali Kwindawo Yayo
    Vukani!—2015
  • Ngaba Imali Yingcambu Yazo Zonke Izinto Ezimbi?
    Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
  • Indlela Yokusebenzisa Imali
    Ninako Ukonwaba Entsatsheni
  • Imali
    Vukani!—2014
Khangela Okunye
Vukani!—2013
g 10/13 iphe. 8-11

INQAKU ELINGUMXHOLO

Izinto Ezintathu Ezingenakuthengwa Ngemali

NANTSI into ehlekisayo: Nangona abantu besecicini lokulahlekelwa ngumsebenzi, ikhaya, okanye imali, abaninzi kubo bawola yonke into abanokuyithenga.

Aba bantu baqhathwa ngabathengisi ababatsala ngokuthi bamele babe nezindlu ezinkulu, iimoto zikanokutsho neempahla ezinamagama. Ukuba akunamali, ayongxaki, usenokuthenga ngetyala. Abaninzi bafuna ukujongwa njengezinhanha, ngoxa bentyumpa-ntyumpeka ematyaleni.

Phofu ke, aye athi shwaka okomphunga loo mabhongo. Incwadi ethi The Narcissism Epidemic ithi: “Ukuthenga izinto zala maxesha nezinamaxabiso aphezulu ngetyala ukuze ubonakale usisinhanha kufana nje nokutshaya isiyobisi esingabizi mali eninzi ukuze udlamke. Zombini ziyafikeleleka, kodwa nje ixesha elifutshane. Ekugqibeleni zikushiya ungenayo nesenti yaye unxunguphele.”

IBhayibhile ithetha ngobudenge ‘bokuqhayisa ngezinto zobu bomi.’ (1 Yohane 2:16) Inyani kukuba, ukuthi phithi bubunewunewu kusenza singaziboni izinto ezibalulekileyo ebomini—izinto ezingenakuthengwa ngemali. Nantsi imizekelo emithathu.

1. INTSAPHO EMANYENEYO

UBrianne,a intwazana yaseUnited States, uvakalelwa kukuba akukho nto ibaluleke njengomsebenzi nemali kutata wakhe. Uthi: “Nangona sinayo yonke into esiyifunayo, utata akahlali ekhaya. Ndiyazi ukuba usoloko esendleleni ngenxa yomsebenzi, kodwa nentsapho yakhe iyamdinga!”

Khawucinge ngoku: Yintoni anokuzisola ngayo utata kaBrianne emva kweminyaka? Ukuzixakekisa kwakhe kakhulu ngobunewunewu kwenza ntoni kulwalamano lwakhe nentombi yakhe? Yintoni efunwa yintsapho yakhe kuye ngaphezu kwemali?

Imigaqo yeBhayibhile onokucinga ngayo:

  • ‘Ukuthanda imali yingcambu yazo zonke iintlobo zobubi, yaye ngenxa yokusukelana nayo, bambi baye bazingxwelerha ngeentlungu ezininzi.’—1 Timoti 6:10.

  • “Kulungile ukutya imifuno nabantu obathandayo kunokutya inyama emnandi apho kukho intiyo.”—IMizekeliso 15:17, iGood News Translation.

Undoqo: Imali ayinakuthenga umanyano lwentsapho. Lubakho kuphela xa ubonisa intsapho ukuba uyayithanda yaye uchitha ixesha kunye nayo.—Kolose 3:18-21.

2. UKHUSELEKO LOKWENENE

USarah oneminyaka eyi-17 uthi: “Umama uhlala endixelela ukuba kufuneka nditshate umntu onemali, ndifunde ukuze ndifumane umsebenzi obhatalayo, ukuze ndingahlupheki naxa ingasekho eyomyeni. Eyona nto wayesoloko ecinga ngayo kukuhlala enemali.”

Khawucinge ngoku: Xa ucinga ngekamva, ziziphi izinto eziyimfuneko onokuzixhalabela? Ezi zinto ziqalisa nini ukuba yinkxalabo engekho ngqiqweni? Yintoni enokunceda umama kaSarah aqonde oko kuthethwa kukuba nemali?

Imigaqo yeBhayibhile onokucinga ngayo:

  • “Musani ukuziqwebela ubuncwane emhlabeni, apho kudla khona inundu nomhlwa, nalapho amasela aqhekeza khona ebe.”—Mateyu 6:19.

  • “Anikwazi oko ubomi benu buya kuba kuko ngomso.”—Yakobi 4:14.

Undoqo: Ukufumba imali ayisosiqinisekiso sekamva. Ngaphezu koko, imali inokubiwa—ayinakukuphilisa xa ugula okanye ikwenze ungafi. (INtshumayeli 7:12) IBhayibhile ithi ukhuseleko lokwenene lubangelwa kukwazi uThixo nenjongo yakhe.—Yohane 17:3.

3. ULWANELISEKO

UTanya oneminyaka eyi-24 uthi: “Abazali bam bandifundisa ukuphila ubomi obulula. Sakhula kakuhle newele lam nangona sasingezozityebi.”

Khawucinge ngoku: Yintoni eyenza kube nzima ukwaneliseka zizinto eziyimfuneko? Uyibekela umzekelo onjani intsapho yakho kumba wemali?

Imigaqo yeBhayibhile onokucinga ngayo:

  • “Ukuba sinesixhaso nesambatho, masaneliswe zezo zinto.”—1 Timoti 6:8.

  • “Banoyolo abo bayiphapheleyo intswelo yabo yokomoya.”—Mateyu 5:3.

Undoqo: Zininzi izinto ezibalulekileyo ebomini kunezinto ezinokuthengwa yimali. NeBhayibhile iyakuvuma oku, kuba ithi: “Kwanaxa umntu enentabalala ubomi bakhe abuphumi kwizinto anazo.” (Luka 12:15) Ulwaneliseko lokwenene silufumana kwiimpendulo zemibuzo efana nale:

  • Kutheni silapha nje?

  • Lisiphathele ntoni ikamva?

  • Ndinokuba nguye njani umhlobo kaThixo?

Abapapashi balo Vukani!, amaNgqina kaYehova, bangakuvuyela ukukuphendulela le mibuzo.

a Amagama akweli nqaku atshintshiwe

Ngaba Nyhani Isenza Sonwabe?

Incwadi ethi The Narcissism Epidemic ithi: “Abanye abantu abanobunewunewu abonwabanga yaye banxunguphele. Nkqu nabo bafuna ukuba zizityebi baba nezigulo zengqondo; bakhala ngemiqala, imiqolo neentloko yaye bazinkcinkca ngotywala ibe basebenzisa iziyobisi. Kucacile ukuba abantu abehla benyuka befuna ubutyebi abonwabanga.”

“Utshintsho Kwizinto Ezibalulekileyo”

“Xa babebuzwa ngesizathu sokuba baye ekholejini, abafundi beminyaka ye-1960 nasekuqaleni kweminyaka ye-1970, bathi bafuna ‘ukuba zizifundiswa’ okanye ‘ukuphila ubomi obunenjongo.’ Liqaqobana nje elalisithi liya ekholejini ukuze ‘libe nentywenka yemali.’ Ekuqaleni kweminyaka ye-1990, uninzi lwabafundi lwalusithi eyona njongo iphambili yokuya ekholejini kukuba ‘nentywenka yemali’ . . . Olu tshintsho lwenzeke kanye ngexesha lokwanda kwabantu abanxungupheleyo, abazibulalayo nabanezinye izigulo zengqondo.”—IThe Price of Privilege, nguGqr. Madeline Levine.

“Ukuphozisa Intloko Ngokuthenga”

Ngokutsho kukaGqr. Madeline Levine, ukuthenga “yindlela nje yokuphozisa intloko” ekubeni abantu bengonwabanga kwiintsapho, kwiindawo abahlala kuzo nakwiicawa zabo. Kwincwadi yakhe ethi The Price of Privilege uthi: “Abantu bakhetha ukuthenga kuba becinga ukuba baza kuba zizinto zoonantsi, bahlonitshwe . . . Ukanti ezona zinto zoonantsi ngoongxowa-nkulu neenkampani zentengiselwano eziqhatha abantu ngokubenza bacinge ukuba baza kuba ngabantu ebantwini.”

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share