IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 4/14 iphe. 4-5
  • Unokukwamkela Njani Ukulungiswa?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Unokukwamkela Njani Ukulungiswa?
  • Vukani!—2014
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • INGXAKI
  • Ingqeqesho Ibonisa Ukuba UYehova Uyasithanda
    Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela—Incwadi Yentlanganiso—2019
  • Mfundise Ukuba Angatyhafi
    Vukani!—2019
  • 6 Baqeqeshe
    Vukani!—2018
  • Fundisa Abantwana Ukuthobeka
    Vukani!—2017
Khangela Okunye
Vukani!—2014
g 4/14 iphe. 4-5
Umfana ulungiswa kwimpazamo yakhe ngumntu omdala

UKUNCEDA IINTSAPHO | ULUTSHA

Unokukwamkela Njani Ukulungiswa?

INGXAKI

“Xa umntu ekulungisa, sukuba ekuxelela ngento ephosakeleyo oyenzileyo. Ibe andiqondi ukuba ukho umntu okhe athi, ‘Mna ndiyathanda ukulungiswa!’”—UAmy, oneminyaka eyi-17.a

Bathintela ukungquzulana kweenqwelo-moya ezimbini

Umntu ongakwamkeliyo ukulungiswa, ufana nomqhubi wenqwelo-moya ongayamkeliyo imiyalelo ayinikwayo. Oko kungayintlekele.

Kunzima na kuwe ukwamkela ukulungiswa ngabazali, ootitshala nangabanye abantu abadala? Ukuba kunjalo, eli nqaku liza kukunceda.

OKO UMELE UKWAZI

Wonke umntu uyakufuna ukulungiswa.

“Sonke siyakhubeka izihlandlo ezininzi.”—Yakobi 3:2.

“Xa ulungiswa ngenxa yento ongayenzanga kakuhle akumele uzive uhlazekile.”—UJessica.

Xa ulungiswa oko akuthethi ukuba ungumntu ombi.

“Lowo amthandayo uYehovab uyamohlwaya, njengoko noyise esenjenjalo kunyana akholiswayo nguye.”—IMizekeliso 3:12.

“Xa abantu bendilungisa, ndiye ndicinge indlela ekumele ukuba kube nzima ngayo kubo ukuba bandilungise, ndicinge nendlela abandithanda ngayo ngokundilungisa.”—UTamara.

Ukulungiswa kunokukunceda uphucule.

“Phulaphulani ingqeqesho nize nilumke.”—IMizekeliso 8:33.

“Ukulungiswa kukunceda uphucule. Kukubangela wazi indlela abakujonga ngayo abanye abantu, kukwenze uyiyeke imikhwa emibi mhlawumbi obungazi ukuba unayo.”—UDeanne.

OKO UNOKUKWENZA

Kujonge ukulungiswa ngeliso elibanzi. Usenokucaphuka xa ulungiswa. Kodwa ke zama ukuzibamba. Ukuze ukwenze oko, khawucinge ngendlela obunokwenza ngayo xa ibinguwe olungisa omnye umntu—mhlawumbi umninawa wakho. Ngaba ke ngoku uyasibona isizathu sokuba ulungiswe? Ngoko ke, kujonge ngendlela efanayo ukulungiswa kwakho.—Umgaqo weBhayibhile: INtshumayeli 7:9.

“Ngamanye amaxesha unokucaphuka xa ulungiswa ude ulibale ukuba lo mntu uzama ukukunceda, kungekhona ukukukhathaza.”—UTheresa.

Zithobe. Sukuba netshiki xa ulungiswa. Kwangaxeshanye, sukukhathazeka gqitha xa kukho into omele uyilungise. Ukuthobeka kuya kukunceda. Khumbula: Esona siluleko sibuhlungu isenokuba sesona siya kukunceda. Ukuba akusamkeli, soze uphucule.—Umgaqo weBhayibhile: IMizekeliso 16:18.

Esona siluleko sibuhlungu isenokuba sesona siya kukunceda

“Ukwamkela ukulungiswa kuya kukunceda ube ngumntu obhadlileyo. Ukuba awukwamkeli, uya kuba uyazichana.”—ULena.

Yiba nombulelo. Nokuba ayingeni kamnandi le nto, kutheni ungambuleli lo mntu obekulungisa? Ngokuqinisekileyo uyakuthanda yaye ufuna uphumelele.—Umgaqo weBhayibhile: INdumiso 141:5.

“Kuhle ukuthi ‘Enkosi,’ ingakumbi xa isiluleko besikufanele. Nokuba udlelw’ indlala, unokumbulela loo mntu ngokuzixhamla kwakhe athethe nawe.”—UCarla.

a Amanye amagama kweli nqaku atshintshiwe.

b UYehova ligama likaThixo elichazwe eBhayibhileni.

IZIBHALO EZILUNCEDO

  • “Musa ukukhawuleza ukucaphuka.”—INtshumayeli 7:9.

  • “Ikratshi liphambi kokuwa.” —IMizekeliso 16:18.

  • “Ukuba ilungisa lingandibetha [ngokundilungisa], bekuya kuba bububele bothando obo.”—INdumiso 141:5.

UJustin

“Kubuhlungu ukugxekwa, kodwa ndiye ndizikhumbuze ukuba lo mntu uyandithanda. Ndiye ndimjonge njengomhlobo ofuna ukundinceda ndiphucule.”—UJUSTIN

UCharlette

“Ndiyazi ukuba ndiza kuzenza iimpazamo, ngoko ndiyayixabisa into yokuba abantu bendixelela xa ndiphazamile. Ngaloo ndlela nditsho ndazi apho ndimele ndilungise khona.”—UCHARLETTE

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share