IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 10/14 iphe. 7
  • Okwenzeka Ehlabathini

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Okwenzeka Ehlabathini
  • Vukani!—2014
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • EUnited States
  • EIndiya
  • ESwitzerland
  • KuMntla-Mpuma Afrika
  • Wagqitywa Yintoni Umonde?
    Vukani!—2012
  • Indlela Onokuphumelela Ngayo Esikolweni
    Vukani!—2012
  • Iziqulatho
    Vukani!—2012
  • Amanqaku Athi “Ulutsha Luyabuza” AkuVukani!
    Ulutsha Luyabuza
Khangela Okunye
Vukani!—2014
g 10/14 iphe. 7

OKWENZEKA EHLABATHINI

EUnited States

Isixhobo kumphambili weemoto zamapolisa esenza kube lula ukufumana imoto eleqwayo

Amanye amapolisa asebenzisa iteknoloji ukuze kungabi yingozi kakhulu ukuleqa iimoto ezibalekayo. Afakela isixhobo kumphambili weemoto zawo esenza kube lula ukufumana imoto ayileqayo. Esi sixhobo sidutyulwa sithi nca kuloo moto ileqwayo ukuze ikwazi ukubonwa ngekhompyutha ukuba iyaphi. Oko kunceda amapolisa ahambe emva kwayo ngesantya esikhuselekileyo.

EIndiya

Inkosikazi yase Indiya

Kuthelekelelwa ukuba yure nganye, kukho ibhinqa elibulawayo ngenxa yengxabano yekhazi. Nangona ukukhupha nokwamkela ikhazi kungekho mthethweni, ngo-2012 kwabulawa amabhinqa angaphezu kwe-8 200 kuba umkhwenyana okanye intsapho yakhe besithi ikhazi elikhutshiweyo lincinane.

ESwitzerland

Amahlabankomo

Izixhobo ezincinane ezifakwe kumahlabankomo amathathu kwindawo azalela kuyo, ziye zabonisa ukuba ezi ntaka zabhabha iintsuku ezingaphezu kwe-200 zingakhange ziphumle xa zazifudukela eAfrika. Ukuhamba umgama omde ngaphandle kokuphumla bekukade kusaziwa kwizilwanyana zaselwandle kuphela.

KuMntla-Mpuma Afrika

Igrafu ebonisa iinqanawa eziphangiweyo, nemali eye yabizwa ukuze zikhululwe

Abaphangi beenqanawa baye baphanga iinqanawa eziyi-179 ngakunxweme loMntla-mpuma Afrika phakathi kuka-Aprili 2005 noDisemba 2012. Oku kuye kwaphumela ekukhutshweni kwemali yentlawulelo yabaphangi beenqanawa eyi-R4 bhiliyoni, ngokutsho koqikelelo lweBhanki Yehlabathi.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share