IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 10/14 iphe. 4-6
  • Indlela Yokufumana Impumelelo Yokwenene

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Indlela Yokufumana Impumelelo Yokwenene
  • Vukani!—2014
  • Amanqaku Afanayo
  • Phumelela Ngokwenene Ebomini
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2012
  • Yintoni Impumelelo Yokwenene?
    Vukani!—2014
  • Ngaba Unokuphumelela—Nokuba Sekumnyam’ Entla?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1988
  • Indlela Onokuphumelela Ngayo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2007
Khangela Okunye
Vukani!—2014
g 10/14 iphe. 4-6
UCharlotte noTimothy

INQAKU ELINGUMXHOLO | YINTONI IMPUMELELO YOKWENENE?

Indlela Yokufumana Impumelelo Yokwenene

IBhayibhile ikhuthaza imbono efanelekileyo ngempumelelo. Ayifundisi ukuba impumelelo inokufunyanwa liqaqobana kuphela. Kwelinye icala, ayikhuthazi ukuba ekuphela kwento omele uyenze ‘kukulandela amaphupha akho,’ ibe zonke izinto ozinqwenelayo ziya kwenzeka. Loo mfundiso—abadla ngokuyifundiswa beselula abantwana—iya kukushiya uphoxekile.

Inyaniso kukuba, impumelelo yokwenene inokufunyanwa nangubani na—kodwa ifuna umgudu. Khawucinge ngale migaqo ilandelayo.

  • Imali

    OKUTHETHWA YIBHAYIBHILE:

    “Umthandi nje wesilivere akayi kwaneliswa yisilivere, nabani na othanda indyebo akaneliswa yingeniso.”—INtshumayeli 5:10.

    OKUTHETHWA KOKU. Ukuba nobunewunewu akusosiqinisekiso solonwabo. Inyaniso kukuba, budla ngokwenza into eyahlukileyo. UGqr. Jean M. Twenge, kwincwadi yakhe ethi Generation Me, ubhala athi: “Abantu abathanda imali badla ngokunxunguphala baze badakumbe kunabantu abathanda abantu.” Uhlabela mgama athi: “Uphando lusoloko lubonisa ukuba imali ayikwazi kuthenga ulonwabo—emva kokuba uthenge izinto ozifunayo, imali ayinakukwenza wonwabe.”

    OKO UNOKUKWENZA. Zibekele usukelo lwento evuza kakhulu kunobutyebi nobunewunewu. UYesu wathi: ‘Zilinde kulo lonke uhlobo lwenkanuko, kuba kwanaxa umntu enentabalala ubomi bakhe abuphumi kwizinto anazo.’—Luka 12:15.

  • Indoda ezingcayo

    OKUTHETHWA YIBHAYIBHILE:

    “Ikratshi liphambi kokuwa, yaye umoya wekratshi uphambi kokukhubeka.” —IMizekeliso 16:18.

    OKUTHETHWA KOKU. Amabhongo nokuzigwagwisa akanakukwenza ufumane impumelelo yokwenene. Incwadi ethi, Good to Great ithi abaphathi beenkampani eziye zaphumelela “bathozamile, abaqhayisi yaye abaziphakamisi. Ngokwahlukileyo koko, iinkampani ezimbini kwezintathu ebekuthelekiswa nazo bezinabaphathi abanekratshi eliye lanegalelo ekutshoneni kwezo nkampani okanye ekungaqhubini kakuhle kwazo.” Sifunda ntoni? Ukuzicingela bhetele kubangela ukusilela kungekhona impumelelo.

    OKO UNOKUKWENZA. Kunokuba ufune udumo, hlakulela ukuthobeka. IBhayibhile ithi: “Ukuba ubani ucinga ukuba unguthile xa engeyonto, ukhohlisa ingqondo yakhe”—ngokuqinisekileyo akuyompumelelo oko!—Galati 6:3.

  • Indoda ephethe ihamile

    OKUTHETHWA YIBHAYIBHILE:

    ‘Akukho nto elunge ngakumbi emntwini kunokuba abone okulungileyo ngenxa yokusebenza kwakhe nzima.’—INtshumayeli 2:24.

    OKUTHETHWA KOKU. Ukuba ukhuthele, uya kuwuthanda ngakumbi umsebenzi wakho. Kwincwadi yakhe ethi Teach Your Children Well, uGqr. Madeline Levine ubhala athi: “Inxalenye yokuphumelela kwinto oyenzayo kukuyenza kakuhle yaye ukuze uyenze kakuhle kufuneka umgudu nokuzingisa.” Oko kuquka ukuwa uvuka xa kukho ingxaki.

    OKO UNOKUKWENZA. Ukuze uwazi umsebenzi zimisele, yaye musa ukunikezela xa kukho ingxaki. Ukuba unabantwana, banike (ngokobudala babo nobuchule babo) ithuba lokulungisa iingxaki zabo. Musa ukukhawuleza ubancede xa besengxakini. Abantwana bonwaba ngokwenene—yaye baqeqesheka kakuhle—xa befunda ukunganikezeli.

  • Inja

    OKUTHETHWA YIBHAYIBHILE:

    “Inja ephilayo ilunge ngakumbi kunengonyama efileyo.”—INtshumayeli 9:4.

    OKUTHETHWA KOKU. Ukuba uyaphangela, umsebenzi wakho ufanele ube yinxalenye yobomi bakho—awufanele ulawule ubomi bakho bonke. Ngokwenene, ungaziva njani uphumelele ukuba uwenza kakuhle umsebenzi wakho kodwa waphukelwe yimpilo okanye ungahlonelwa yintsapho yakho? Abantu abaphumelela ngokwenene bazama ukulungelelanisa umsebenzi wabo, impilo neentsapho zabo.

    OKO NOKUKWENZA. Zinyamekele kakuhle. Phumla ngokwaneleyo. Akuncedi nganto ukuba likhoboka lomsebenzi uze uncame yonke into—impilo, intsapho nabahlobo—ngenxa yempumelelo elilize.

  • IBhayibhile evuliweyo

    OKUTHETHWA YIBHAYIBHILE:

    “Banoyolo abo bayiphapheleyo intswelo yabo yokomoya.”—Mateyu 5:3.

    OKUTHETHWA KOKU. Ukufunda iBhayibhile nokusebenzisa imigaqo yayo zizinto ezibalulekileyo ukuze ufumane impumelelo yokwenene. Inyaniso kukuba, izigidi zamaNgqina kaYehova ziye zafumanisa ukuba ukukhonza uThixo kuye kwazinceda azazixhalabela ngokugqithiseleyo izinto eziphathekayo.—Mateyu 6:31-33.

    OKO UNOKUKWENZA. Funda indlela enokukunceda ngayo iBhayibhile ukuze ufumane impumelelo yokwenene. Ukuze ufumane ulwazi olungakumbi, dibana namaNgqina kaYehova kwindawo ohlala kuyo, okanye ungene kwiWebhsayithi yawo ethi www.pr2711.com/xh.

“Impumelelo Yam Yayililize”

UCharlotte noTimothy

UTimothy noCharlotte babehlala kwindlu enkulu enamagumbi amaninzi. Babeneminyonyovu yeemoto yaye babedla ngokuya kwiiholide ezibizayo kaninzi ngonyaka. Kanye xa babebonakala bephumelele, bayishiya yonke loo mpumelelo. UVukani! uye wabuza uTimothy isizathu sokuba batshintshe.

Wawuphangela phi?

Ndandisebenza kwinkampani yomculo. Yena uCharlotte wayencedisa ugqirha wamathambo, kamva wasebenza nasebhankini. Ethubeni savula iindawo zokucheba iinwele ezine. Ndandijongwa njengophumeleleyo kuzo zonke ezi zinto. Ndingathi kwakungeyomfuneko ukuba ndisebenze kuba kwakukho abantu ababendisebenzela. Ekugqibeleni, mna noCharlotte sagqiba ekubeni sinciphise izinto esasinazo. Sazithengisa izinto ezininzi esasinazo.

Kwakutheni ukuze ‘ninciphise izinto enaninazo’?

Saqonda ukuba asiyompumelelo yokwenene le siyifumeneyo. Imincili esasiba nayo kuba siye sathenga into entsha yayikhawuleza ithi shwaka, size sisale siziva singento yanto, singanelisekanga, yaye singonwabanga.

Nalufumana njani ulonwabo lokwenene?

Ekubeni ndiliNgqina likaYehova, bendisoloko ndikukhuthalele ukushumayela. Nakuba mna noCharlotte sasichitha iiyure eziyi-70 ngenyanga sifundisa abanye iBhayibhile kangangexesha elithile, ukushumayela kwakungeyiyo eyona nto yayibalulekile kuthi. Ngoko ke, sathengisa amashishini ethu, saza saya kukhonza apho kufuneka abashumayeli abangakumbi khona. Ngoku sikhonza kwiofisi yesebe yamaNgqina kaYehova yaseUnited States. Ekubeni le iyinxalenye yenkonzo yethu, andihlawulwa kwaye andifumani mawonga. Siyazifumana izinto eziyimfuneko, yaye sanelisekile zizo.

Ngaba uziva uphumelele kunakuqala?

Kunjalo kanye. Impumelelo yam yayililize. Izinto endizenzayo ngoku zindenza ndonwabe ngokwenene. Ngoku ndiyazi ukuba umsebenzi endiwenzayo unceda abantu ngesigidimi seBhayibhile ehlabathini jikelele yaye, uphucula ubomi babo.a

a AmaNgqina kaYehova awahlawulwa ngomsebenzi wawo wokufundisa ngeBhayibhile.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share