IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g16 No. 3 iphe. 12-13
  • Ukholo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukholo
  • Vukani!—2016
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Yintoni ukholo?
  • Kutheni kubalulekile ukuba nokholo?
  • Unokuba nalo njani ukholo?
  • Hebhere 11:1—“Ukholo Bubungqina Bezinto Esinethemba Lazo”
    Kucaciswa Iivesi ZeBhayibhile
  • Bonakalisa Ukholo Olusekelwe Kwinyaniso
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1991
  • Bonisa Ukuba Unokholo Kwizithembiso ZikaYehova
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2016
  • Ukholo Lokwenyaniso—Luyintoni?
    Vukani!—2000
Khangela Okunye
Vukani!—2016
g16 No. 3 iphe. 12-13

OKUFUNDISWA YIBHAYIBHILE

Ukholo

Abanye abantu baye bathi bayakholwa kodwa bengalazi nokuba lithetha ukuthini igama elithi “ukholo.” Yintoni ukholo, ibe kutheni lubalulekile?

Yintoni ukholo?

OKO KUTHETHWA NGABANTU

Abantu abaninzi bacinga ukuba umntu onokholo wamkela nayiphi na imfundiso, engenabungqina bokuchana kwayo. Ngokomzekelo, cinga ngomntu okholwayo othi, “Ndiyakholwa kuThixo.” Ukuba loo mntu ubuzwa oku, “Kutheni ukholwa?” usenokuphendula athi, “Ndakhuliswa ngolo hlobo” okanye, “Ndifundiswe loo nto.” Kwiimeko ezinjalo, usenokubonakala umncinane umahluko phakathi kokuba nokholo nokuqhatheka lula.

OKO KUFUNDISWA YIBHAYIBHILE

“Ukholo lululindelo oluqinisekisiweyo lwezinto ezithenjiweyo, ubungqina obucacileyo bezinto zokwenene nangona zingabonwa.” (Hebhere 11:1) Ukuze umntu aqiniseke ngento ayilindeleyo, umele abe nezizathu ezivakalayo zokuba iza kwenzeka. Eyona nto ithethwa libinzana eliguqulelwe ngokuthi ‘ulindelo oluqinisekisiweyo’ ingaphezu kwemvakalelo yangaphakathi okanye umnqweno osenokungenzeki. Ngoko ukholo lusekelwe kubungqina obuqinisekisiweyo.

“Kuba iimpawu zakhe [uThixo] ezingabonakaliyo zibonwa ngokucacileyo ukususela ekudalweni kwehlabathi kuse phambili, ngenxa yokuba ziqondeka ngezinto ezenziweyo, kwanamandla angunaphakade nobuThixo bakhe.”—Roma 1:20.

Kutheni kubalulekile ukuba nokholo?

OKO KUFUNDISWA YIBHAYIBHILE

“Ngaphandle kokholo akunakwenzeka ukumkholisa kakuhle, kuba lowo uzayo kuThixo umele akholwe ukuba ukho nokuba ungumvuzi wabo bamfuna ngenyameko.”—Hebhere 11:6.

Njengoko besitshilo ekuqaleni, abantu abaninzi bakholelwa kuThixo kuba nje befundiswe njalo. Basenokuthi, ‘Ndakhuliswa ngolo hlobo.’ Kodwa yena ke uThixo ufuna abo bamkhonzayo baqiniseke ukuba ukho yaye uyabathanda. Eso sesinye sezizathu zokuba iBhayibhile isithi masimfune ngokucokisekileyo, ukuze simazi kakuhle.

“Sondelani kuThixo, naye uya kusondela kuni.”—Yakobi 4:8.

Unokuba nalo njani ukholo?

OKO KUFUNDISWA YIBHAYIBHILE

IBhayibhile ithi, “ukholo lulandela oko kuviweyo.” (Roma 10:17) Ngoko into yokuqala efunekayo kukuba ‘sive’ oko iBhayibhile ikufundisayo ngaye. (2 Timoti 3:16) Ukufunda iBhayibhile kuza kukunceda ufumane iimpendulo ezichanileyo zemibuzo ebalulekileyo, njengale: Ngubani uThixo? Bubuphi ubungqina obukhoyo bokuba ukho? Ngaba ngokwenene uThixo undikhathalele? Yintoni injongo kaThixo ngekamva?

Indoda ibuka ibhabhathane

Ubungqina bokuba uThixo ukho bugcwele yonk’ indawo

AmaNgqina kaYehova angakuvuyela ukukunceda ufunde iBhayibhile. Njengoko kubonisiwe kwiwebhsayithi yethu u-jw.org/xh, “AmaNgqina kaYehova ayakuthanda ukufundisa abantu iBhayibhile, kodwa asinyanzeli mntu ukuba angene kunqulo lwethu. Kunoko, ngentlonelo siye sichaze oko kuthethwa yiBhayibhile, kuba siyaqonda ukuba umntu unelungelo lokuzikhethela into aza kuyikholelwa.”

Ngelipheleleyo sithi, ukholo lwakho lumele lusekelwe kubungqina wena ozifumanele bona njengoko uhlolisisa ukuchana koko ukufunda eBhayibhileni. Ngaloo ndlela, uza kuba ulandela umzekelo wabafundi benkulungwane yokuqala ‘abalamkelayo ilizwi ngeyona ntumekelelo inkulu yengqondo, bezincina ngenyameko iZibhalo mihla le mayela nokuba zinjalo kusini na ezo zinto.’—IZenzo 17:11.

“Oku kuthetha ubomi obungunaphakade, ukungenisa kwabo ulwazi ngawe, wena ukuphela koThixo oyinyaniso, nangalowo umthumileyo, uYesu Kristu.”—Yohane 17:3.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share