IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g16 No. 4 iphe. 10-11
  • Uza Kuthini Xa Izinto Zitshintsha

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Uza Kuthini Xa Izinto Zitshintsha
  • Vukani!—2016
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • INGXAKI
  • OKO UMELE UKWAZI
  • OKO UNOKUKWENZA
  • Ndikwazi kangakanani ukunyamezela?
    Ulutsha Luyabuza
  • Mfundise Ukuba Angatyhafi
    Vukani!—2019
  • 1 Izinto Zinokutshintsha
    Vukani!—2014
  • Ndinokuhlengahlengisa Njani Ekufudukeni Kwethu?
    Vukani!—1994
Khangela Okunye
Vukani!—2016
g16 No. 4 iphe. 10-11
Intombazana ibuhlungu kuba itshomi yayo iyafuduka

UKUNCEDA IINTSAPHO | ABANTU ABASELULA

Uza Kuthini Xa Izinto Zitshintsha?

INGXAKI

  • Umsebenzi katata wakho uninyanzela ukuba nifuduke.

  • Oyena mhlobo wakho omthandayo ufudukela kude.

  • Umntwana wakowenu omdala kunawe uyemka ekhaya kuba etshata.

Ungakwazi kangakanani wena ukuziqhelanisa notshintsho olufana nolu?

Umthi ugobela kwicala umoya ovuthuzela kulo

Umthi okwaziyo ukuya kwelo cala umoya uvuthuzela kulo unokungophuki. Njengalo mthi nawe unokuba bhetyebhetye xa kusenzeka utshintsho ongenakwenza nto ngalo. Ngaphambi kokuba sithethe ngeendlela zokukwenza oku, makhe siqwalasele izinto ezimbalwa omele uzazi ngotshintsho.

OKO UMELE UKWAZI

Asinakulubaleka utshintsho. Inyaniso ethethwa yiBhayibhile ngabantu yile: “Bonke behlelwa lixesha nasisihlo esingenakubonwa kwangaphambili.” (INtshumayeli 9:11) Nokuba kunini, uza kuzibonela isenzeka le nto nakuwe. Kakade ke, alusoloko lulubi utshintsho olungalindelekanga. Olunye olusenokubonakala lulubi ekuqaleni, lusenokuba luncedo. Abantu abaninzi bayakuthanda ukuqhelana nendlela ethile yokwenza izinto, ngoko utshintsho—enoba luhle okanye lubi—lubenza bakhe babhideke.

Utshintsho lubenza babe nestres abantu abasebatsha. Ngoba? UAlexa uthi: “Sele uxakene nokutshintsha kweemvakalelo zakho, ngoko olunye utshintsho longeza nje istres.”

Nasi esinye isizathu: Xa utshintsho lusenzeka kubantu abadala, baphakula kumava abo, babone indlela abaye bamelana ngayo nalo ngaphambili. Kodwa bona abantu abasebatsha abanawo loo mava.

Unokufunda ukuqhelana notshintsho. Ukuba bhetyebhetye kukukwazi ukumelana nento embi ekwehleleyo okanye ukuqhelana notshintsho. Umntu onjalo akapheleli nje ekukwazini ukunyamezela utshintsho kodwa uyakwazi nokubona izinto ezintle kulo. Abantu abasebatsha ababhetyebhetye abafane babalekele kwiziyobisi nasetywaleni xa besonganyelwa ziingxaki.

OKO UNOKUKWENZA

Yamkele imeko. Ngokuqinisekileyo unqwenela ukuba izinto zenzeke ngale ndlela ufuna ngayo, kodwa ke ayinakwenzeka loo nto. Abahlobo baza kufuduka okanye batshate; abantwana bakowenu baza kuba badala baze bemke ekhaya; iimeko zisenokunyanzela ukuba nifuduke kowenu, ushiye abahlobo bakho nayo yonke into osele uyiqhelile. Kungcono uvele uyamkele imeko kunokuba ube ucingana nokuba buhlungu kwayo.—Umgaqo weBhayibhile: INtshumayeli 7:10.

Cinga ngekamva. Ukusoloko ucinga ngezinto ezigqithileyo kufana nokuqhuba imoto kuhola wendlela ujonge esipilini esikubonisa ngasemva. Kuhle kona ukumane usithi krwaqu, kodwa kufuneka ujonge phambili. Kufuneka senze okufanayo naxa kusenzeka utshintsho. Zama ukuhlala ucinga ngekamva. (IMizekeliso 4:25) Ngokomzekelo, yintoni onokuzimisela ukuyenza kule nyanga izayo, okanye kwezintandathu?

Cinga ngezinto ezintle. ULaura olibhinqa eliselula uthi, “Ukuba bhetyebhetye kuxhomekeke kwindlela ozijonga ngayo izinto. Khangela izinto ezintle kuloo ngxaki ukuyo.” Akukho nto intle onokuyifumana kolo tshintsho?—Umgaqo weBhayibhile: INtshumayeli 6:9.

UVictoria olibhinqa eliselula ukhumbula ukuba xa wayefikisa, zonke iitshomi zakhe zemka. Uthi: “Ndandinesithukuthezi, yaye ndandinqwenela ukuba izinto zingabuyela kwisiqhelo. Kodwa xa ndicinga ngaloo nto ngoku, ndiyabona ukuba ndaqalisa ngoko ukukhula. Ndafunda ukuba ukukhula kuhamba notshintsho. Ndatsho ndabona nabanye abantu abanokuba ziitshomi zam.”—Umgaqo weBhayibhile: IMizekeliso 27:10.

Ukuhlala ucingana nezinto ezigqithileyo kufana nokuqhuba imoto kuhola wendlela ujonge esipilini esikubonisa ngemva

Nceda abanye. IBhayibhile ithi: ‘Nyamekelani, kungekuphela nje izilangazelelo zobuqu, kodwa kwanezilangazelelo zabanye.’ (Filipi 2:4) Eyona nto inokukwenza uzive bhetele, kukunceda abanye. UAnna ona-17 uthi: “Ukukhula kwam ndaye ndabona ukuba xa ndinceda abanye abanengxaki efana neyam—okanye engaphezulu—ndiziva bhetele!”

a Amanye amagama akweli nqaku atshintshiwe.

IZIBHALO EZILUNCEDO

  • “Musa ukuthi: ‘Kutheni le nto imihla yangaphambili ibilunge ngakumbi kunale?’”—INtshumayeli 7:10.

  • “Kulunge ngakumbi ukubona ngamehlo kunokuhambahamba komphefumlo.”—INtshumayeli 6:9.

  • “Ulunge ngakumbi ummelwane okufuphi kunomzalwana okude.” —IMizekeliso 27:10.

UJuan

UJUAN

“Abantu abasebatsha banokufunda ukuba bhetyebhetye ngokuhlolisisa imeko leyo bakuyo baze baqonde ukuba utshintsho yinto eyenzekayo ebomini. Xa umntu ekhawuleza ayamkele imeko, kuba lula ukuqhubeka nobomi. Kuye kude kube bhetele.”

UCarissa

UCARISSA

“Xa ide yagqitha ingxaki, andibe ndicingana nayo. Ndiye ndijongane nelandelayo. Ndicinga ukuba, ukuba bhetyebhetye kuquka ukujonga phambili kungekhona ngemva.”

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share