IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g17 No. 2 iphe. 3
  • Umdla Kumandla Angaqhelekanga!

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Umdla Kumandla Angaqhelekanga!
  • Vukani!—2017
  • Amanqaku Afanayo
  • Intshayelelo
    Vukani!—2017
  • Iintshayelelo Onokuzisebenzisa
    Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela—Incwadi Yentlanganiso—2017
  • Iziqulatho
    Vukani!—2017
  • Ifundisa Ntoni IBhayibhile Ngemimoya Engcolileyo?
    Vukani!—2017
Khangela Okunye
Vukani!—2017
g17 No. 2 iphe. 3
Inkwenkwe yothuswa yinto eyibona kwisixhobo sayo se-elektroniki

INQAKU ELINGUMXHOLO | AVELA PHI AMANDLA ANGAQHELEKANGA?

Umdla Kumandla Angaqhelekanga!

“Iivampire, abantu abazenza iingcuka nezithunzela​—ukugxotha imimoya emdaka nabantu abaneedemon, ezi zizinto ezixhaphakileyo namhlanje.”​—IThe Wall Street Journal.

IINCWADI, iimuvi nemidlalo yevidiyo, zonke zigcwele abantu abanamandla angaqhelekanga, amagqwirha angabantwana namadala kunye navuselela iinkanuko zokuziphatha ngokwesondo neevampire ezintle. Kutheni zithandwa kangaka ezi zinto?a

Uprofesa kwimicimbi yezentlalo uClaude Fischer uthi: “Kumashumi eminyaka edlulileyo, baye babaninzi kakhulu abantu abakholelwa kwizithunzela eMerika. Xa kuthelekiswa nabantu abadala baseMerika, liye laphindeka kabini inani labantu bakhona abasebatsha abathi bakhe baya kumaxhwele, bayakholelwa kwizithunzela nakwizindlu zeziporho.”

Amabali abantu abanemimoya engcolileyo aphinde axhaphaka ngendlela eyoyikisayo. Umbhali weThe Wall Street Journal, uMichael Calia uthi: “Into ebangela ukuba kuxhaphake abantu abaneedemon kukuba kule minyaka ilishumi idlulileyo kuye kwanda izithunzela, abantu abazenza iingcuka kunye neevampire.”

Enye ingxelo ithi “ehlabathini lonke liye landa kakhulu inani labantu abakholelwa kwiziporho, kwaye kuthethwa kakhulu ngazo kwiincwadi ezininzi ezithandwayo.” Uhlolisiso olwenziwe ngooprofesa kwimicimbi yezentlalo, uChristopher Bader kunye noCarson Mencken baseMerika, “lubonisa ukuba liyothusa inani labantu baseMerika abakholelwa kuhlobo oluthile lwezinto ezenziwa ngamandla angaqhelekanga.”

Ngaba ukuba nento yokwenza nale mimoya ingcolileyo namandla angaqhelekanga kukuzonwabisa nje okungeyongozi?

a Amandla angaqhelekanga: Yinto “abangakwaziyo ukuyichaza oososayensi nengekhoyo kwimithetho yendalo.”​—IMerriam-Webster’s Learner’s Dictionary.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share