IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g17 No. 4 iphe. 3-7
  • Ngaba Uzixakekise Ngezinto Ezininzi?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba Uzixakekise Ngezinto Ezininzi?
  • Vukani!—2017
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • 1 BAFUNA IINTSAPHO ZABO ZIPHILE KAMNANDI
  • 2 BACINGA UKUBA KUFUNEKA ‘BAFUMANE IZINTO EZININZI’
  • 3 BAZAMA UKWANELISA ABANTU
  • 4 BAZIFUNEL’ IGAMA NOKUZANELISA
  • YONK’ INTO MAYIBE NEXESHA LAYO
  • 1 YEHLISA UMGANGATHO NEZINTO OFUNA UKUZENZA
  • 2 KULUMKELE UKUTHENGA YONK’ INTO LE
  • 3 UMSEBENZI WUBEKE KWINDAWO YAWO
  • 4 UKUCHITHA IXESHA NENTSAPHO YAKHO KUBALULEKILE
  • Zama Ukuba Nembono Elungeleleneyo Ngomsebenzi
    Vukani!—2010
  • Bona Okulungileyo Kumsebenzi Wakho Onzima
    “Zigcineni Kuthando LukaThixo”
  • Oko Unokukwenza Xa Udinwe Ngokugqithiseleyo
    Vukani!—2014
  • Sebenzela Ukulondolozela Intsapho Yakho Kwihlabathi Elitsha LikaThixo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1992
Khangela Okunye
Vukani!—2017
g17 No. 4 iphe. 3-7
Indoda isebenza ebusuku

INQAKU ELINGUMXHOLO

Ngaba Uzixakekise Ngezinto Ezininzi?

Ngaba ubona ngathi uxakeke kakhulu? Ukuba kunjalo, baninzi nabanye abafana nawe. Imagazini iThe Economist ithi, “Kuzo zonk’ iindawo, bonk’ abantu babonakala bexakekile.”

KUHLOLISISO olwenziwe ngo-2015 kubantu abaphangelayo abakumazwe asibhozo, abaninzi bathi abakwazi ukuzenza zonke izinto ezifuneka emsebenzini nasekhaya ngexesh’ elinye. Ezinye izinto ezibangela oku kukwanda kwezinto ekufuneka bazenze emisebenzini okanye emakhaya, ukunyuka kwamaxabiso nokusebenza iiyure ezininzi. Ngokomzekelo, eUnited States abantu baphangela iiyure eziyi-47 ngeveki. Phantse umntu oyi-1 kwabayi-5 uthi usebenza iiyure eziyi-60 nangaphezulu!

Kolunye uhlolisiso olwenziwe kumazwe ayi-36, abantu abangaphezu kwesiqingatha bathi basoloko besenza izinto ngokungxama naxa bengaphangelanga! Kunokuba njalo nasebantwaneni ukuba baxhinkxwa ngezinto ezininzi.

Xa sisoloko sifuna ukwenza izinto ezininzi ngexesha elincinci, sinokuba nestres. Kodwa ngaba singakwazi ukusebenza singazibulali? Izinto esikholelwa kuzo, esizikhethayo nesifuna ukuziphumeza zidlala yiphi indima? Makhe siqale sibone izizathu ezine ezibangela ukuba abanye abantu bafune ukwenza izinto ezininzi ngexesha elinye.

1 BAFUNA IINTSAPHO ZABO ZIPHILE KAMNANDI

Utata ogama linguGary uthi, “Ndandiphangela iveki yonke. Ndandisenzela ukuba ndikwazi ukusoloko ndisenzela abantwana bam izinto ezibhetele. Ndandifuna bafumane izinto endingazange ndikwazi ukuzifumana.” Nakuba abazali beneenjongo ezintle, kodwa kufuneka bahlolisise izinto ezibalulekileyo. Olunye uhlolisiso lubonisa ukuba abantu abadala nabantwana ekubaluleke imali nokuba nezinto ngaphezu kwayo nantoni na kubo badla ngokungonwabi, banganeliseki ebomini, yaye bagula ngaphezu kwabantu abangathandi zinto.

Umfana usegumbini eligcwele izinto, akonwabanga

Abantwana abakhule bexelelwa ukuba kufuneka babe nezinto badla ngokungonwabi

Ngenxa yokuba befuna ukuqiniseka ukuba abantwana babo baba zizinto ebomini, abanye abazali basebenza nzima, baxhinkxa nabantwana babo ngemisebenzi emininzi. Incwadi ethi Putting Family First ithi, abo bazali, nakuba iinjongo zabo zintle, “babangela iintlungu kubo nakubantwana babo.”

2 BACINGA UKUBA KUFUNEKA ‘BAFUMANE IZINTO EZININZI’

Abezentengiso basenza sicinge ukuba siyaphoswa xa singathengi izinto ezisexesheni. IThe Economist ithi: “Indlela ezininzi ngayo izinto ezithengiswayo ibangela ukuba abantu bade bacinge ukuba abanaxesha laneleyo, bazama ukukhetha into amabayithenge okanye amabayibukele namabayitye” ngexeshana nje elincinci abanalo.

Ngo-1930, isazi ngezoqoqosho esaziwayo sathi ukuhambela phambili kweteknoloji kuza kubangela ukuba abasebenzi babe nexesha elininzi lokuphumla. Satsho phantsi! UElizabeth Kolbert, umbhali wemagazini iNew Yorker wathi: “Endaweni yokuphuma kwangoko emsebenzini,” abantu “bafuna ukwenza izinto ezintsha” ezifuna imali nexesha.

3 BAZAMA UKWANELISA ABANTU

Abanye abantu baphangela iiyure ezingaphaya kwengqondo kuba befuna ukwanelisa abantu ababaqeshileyo. Abantu abaphangela nabo banokubenza bazive benetyala xa bengayenzi loo nto. Nangenxa yokungazinzi kwezoqoqosho, abantu banokude bazimisele ukusebenza ixesha elide okanye bahlale bekulungele ukuya emsebenzini nanini na befunwa.

Nabazali banokufuna ukuxakeka njengezinye iintsapho. Ukuba abayenzi loo nto, banokuziva benetyala “lokuvimba” abantwana babo izinto abafanele bazifumane.

4 BAZIFUNEL’ IGAMA NOKUZANELISA

UTim ohlala eUnited States uthi: “Ndandiwuthanda umsebenzi wam, futhi ndandisebenza nzima kangangoko ngalo lonke ixesha. Ndandifuna ukuthenjwa.”

NjengoTim, abantu abaninzi bacinga ukuba indlela abajongwa ngayo iyadibana nendlela abaphila ngayo. Loo nto ibangela ukuba benze ntoni? UElizabeth Kolbert ekuthethwe ngaye ngasentla uthi: “Ukuxakeka kuyawuphakamisa umgangatho.” Uphinda athi: “Xa usiya uxakeka uya uzifumanela igama.”

YONK’ INTO MAYIBE NEXESHA LAYO

IBhayibhile ikhuthaza ukuba sikhuthale yaye sisebenze nzima. (IMizekeliso 13:4) Iyakhuthaza nangokuthi yonk’ into inexesha layo. INtshumayeli 4:6 ithi: “Kulunge ngakumbi ukuzalisa isandla ngokuphumla kunokuzalisa izandla zozibini ngomsebenzi onzima ngokusukelana nomoya.”

Xa yonke into uyenza ngexesha layo, soze ube nangxaki yempilo engqondweni nasemzimbeni. Ingenzeka ke into yokuba unciphise izinto ezikuxakekisayo? Ewe. Khawuve la macebiso mane:

1 YEHLISA UMGANGATHO NEZINTO OFUNA UKUZENZA

Yinto eqhelekileyo ukufuna ukuba nemali. Kodwa umntu wanela yimali engakanani? Yintoni ebangela ukuba umntu aphumelele ebomini? Ngaba yimali ayamkelayo okanye kukuba nezinto? Kwelinye icala, ukuphumla okanye ukuzonwabisa kakhulu kunokwenza ube nezinto ezininzi ekufuneka uzenze ngexesha nje elincinci.

UTim ekuthethwe ngaye ngasentla uthi: “Mna nomfazi wam sahlala phantsi sacingisisa ngobomi esibuphilayo saza sagqiba ekubeni sehlise umgangatho. Sazenzela isicangca esibonisa indlela esiphila ngayo naleyo sizimisele ukuphila ngayo. Sancokola ngezinto ezibangelwe zizigqibo esizenze kwixesha elidlulileyo nezinto ekuza kufuneka sizenze ukuze sikwazi ukuphila ngale ndlela siyifunayo.”

2 KULUMKELE UKUTHENGA YONK’ INTO LE

IBhayibhile isicebisa ukuba siyilumkele ‘inkanuko yamehlo.’ (1 Yohane 2:15-17) Ezentengiso zinokuwenza amehlo omntu akhanuke izinto ezininzi, zimbangele ukuba asebenze ixesha elide okanye azonwabise kakhulu ngezinto ezifuna imali eninzi. Liyinyaniso lona elokuba awunakuziphepha zonke izibhengezo zentengiso. Kodwa unokukulumkela ukuzibukela kakhulu. Unokude ukwazi ukuyicingisisa kakuhle eyona nto uyifunayo.

Nantsi enye into omawungayilibali, unokuphenjelelwa nangabantu ochitha ixesha elininzi nabo. Ukuba ngabantu abathanda izinto okanye abacinga ukuba ukuze bonwabe kufuneka babe nemali eninzi, uya kuba wenza kakuhle ukuba uyabayeka uze uchithe ixesha elininzi nabantu abacinga ngendlela eyahlukileyo kuleyo. IBhayibhile ithi: “Ohamba nezilumko uya kuba sisilumko naye.”—IMizekeliso 13:20.

3 UMSEBENZI WUBEKE KWINDAWO YAWO

Thetha nomntu okuqeshileyo ngomsebenzi wakho nezinto ezibalulekileyo kuwe. Sukuziva unetyala ngezinto ozenza xa ungaphangelanga. Incwadi ethi Work to Live ithi: “Nantsi into esoloko ifunyaniswa ngabantu ababeka umsebenzi namakhaya kwiindawo zazo nabazinika ixesha lekhefu: Akukho nto yonakalayo xa bengekho.”

UGary ekuthethwe ngaye ngasentla wayemi kakuhle ezimalini, ngoko wagqiba ekubeni asebenze iiyure ezimbalwa. Uthi: “Ndancokola nentsapho yam saza sagqiba kwelokuba siyeke ukuphila ubomi obutofotofo. Saye sibuyeka ngokuthe ngcembe obo bomi. Ndaya kucela kumqeshi wam ukuba ndisebenze iintsuku ezimbalwa evekini, wavuma.”

4 UKUCHITHA IXESHA NENTSAPHO YAKHO KUBALULEKILE

Kufuneka amadoda nabafazi bachithe ixesha kunye, nabantwana kufuneka bachithe ixesha nabazali. Kulumkele ke ukuzifanisa nezinye iintsapho ezisoloko zixakekile. Nali icebiso likaGary: “Zibekele ixesha lokuphumla nokuzonwabisa, uziyeke izinto ezingabalulekanga.”

Xa nihleli nonke niyintsapho, sukubukela iTV, ucofacofane neselfowni okanye esinye isixhobo se-elektroniki, kuba ezo zinto ziya kwenza ningakwazi ukuncokola. Intsapho mayitye kunye nokuba kukanye ngosuku ukuze ikwazi ukuncokola. Xa abazali besenza ngale ndlela, abantwana babo bayonwaba baze baqhube kakuhle nasesikolweni.

Intsapho iyatya, incokola kamnandi

Zipheni ithuba lokutya kunye njengentsapho ukuze nikwazi ukuncokola

Ngoko zibuze: ‘Yintoni endiyifunayo ebomini? Ndifuna intsapho yam iphile njani?’ Ukuba ufuna ukuphila ubomi obumnandi nobunenjongo, izinto ezibalulekileyo kuwe mayibe zezo zicetyiswa yiBhayibhile.

Iteknoloji Nexesha

Umntwana ufuna ukuthetha nomama wakhe kodwa yena ucofacofana nefowuni

Ngaba iiselfowuni neetablets zisityela ixesha elininzi okanye zisinceda silisebenzise kakuhle? Kuxhomekeke kwindlela esizisebenzisa ngayo.

Emsebenzini: Ezi zixhobo ziyabanceda abantu babone ukuba bangaphangela nini okanye phi. Kodwa zisenokubangela istres emsebenzini ngokwenza kucingwe ukuba abasebenzi baya kuhlala bekhona, emini okanye ebusuku.

Ekhaya: Iiselfowuni zinokusinceda silisebenzise kakuhle ixesha lethu kuba zenza kube lula ukuncokola nabanye entsatsheni ngezinto esizenzayo. Kodwa zisenokuphazamisana nexesha elichitha kunye intsapho. Uhlolisiso lubonisa ukuba abantwana abanabazali abasebenzisa iiselfowuni kakhulu de bangabi nalo nexesha labo baba nestres yaye abamameli.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share