3. Kutheni Abantu Abalungileyo Besehlelwa Zizinto Ezibuhlungu?
Kutheni Kubalulekile Ukuba Siyazi Le Nto?
Ayilunganga into yokuba abantu abalungileyo behlelwe zizinto ezimbi. Yenza kubonakale ngathi akuncedi ukuba ngumntu olungileyo xa uzophinda uhlelwe zizinto ezimbi.
Khawucinge Ngoku
Abanye abantu bakholelwa ukuba xa umntu esweleka, uphinda azalwe ngokutsha. Bathi xa umntu esenza izinto ezintle, xa evuswa uphila ubomi obubhetele. Kodwa owenza izinto ezimbi, xa evuswa usoloko esehlelwa zizinto ezibuhlungu. Le nto bayikholelwayo ithetha ukuba nokuba ngoku umntu angenza izinto ezilungileyo, ukuba wayesenza izinto ezimbi “ngaphambili,” uza kuba sezingxakini. Kodwa . . .
Xa umntu engasazikhumbuli izinto ezimbi awayezenza ngaphambi kokuba azalwe ngokutsha, inceda ngantoni into yokuba ahlelwe zizinto ezibuhlungu?
Kutheni sizama ukuba sempilweni size siphephe iingozi ukuba ubomi bethu buxhomekeke kwizinto esasizenza kubomi bethu bangaphambili?
FUNDA OKUNGAKUMBI
Bukela ividiyo ethi Kutheni UThixo Evumele Ukubandezeleka? ku-jw.org/xh.
Ithini IBhayibhile?
UThixo akabohlwayi ngezinto ezibuhlungu abantu.
Ixesha elininzi, izinto ezibuhlungu zehlela abantu abasendaweni abangafanelanga babe kuyo ngexesha elingafanelekanga.
“Iimbaleki ezinamendu azisoloko ziphumelela elugqatsweni, namakroti awasoloko ephumelela emfazweni, nezilumko azisoloko zinokutya, neengqondi azisoloko zinobutyebi, neengcaphephe azisoloko ziphumelela, kuba bonke behlelwa lixesha naziziganeko ezingalindelekanga.”—INTSHUMAYELI 9:11.
Kuba sinesono sehlelwa zizinto ezibuhlungu.
Ixesha elininzi abantu xa bethetha “ngesono,” bathetha ngezinto ezimbi abantu abazenzayo. Kodwa iBhayibhile xa ilisebenzisa eli gama ithetha ngento abantu abazalwa nayo nokuba benza izinto ezintle okanye ezimbi ngoku.
“Kaloku ndazalwa ndinesono, nomama wandikhawulela esonweni.”—INDUMISO 51:5.
Isono sibenze basengxakini abantu.
Isono asimoshanga buhlobo bethu noMdali wethu kuphela, kodwa sisenze sangakwazi ukuphilisana kakuhle nendalo kaThixo. Loo nto yenze sonke sehlelwa zizinto ezibuhlungu.
“Xa ndinqwenela ukwenza izinto ezilungileyo, kusuke kuthi qatha izinto ezimbi.”—ROMA 7:21.
“Yonke indalo iyancwina yaye isentlungwini.”—ROMA 8:22.