IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g21 No. 1 iphe. 12-13
  • Iimfundiso Ezisinika Ithemba

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Iimfundiso Ezisinika Ithemba
  • Vukani!—2021
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • UThixo Uza Kubatshabalalisa Abantu Abenza Izinto Ezimbi
  • UThixo Uza Kumtshabalalisa USathana
  • UThixo Uza Kukuphelisa Ukugula Nokufa
  • UMdali Wethu Uza Kwenza Lo Mhlaba Ube Yiparadesi
  • UThixo Uza Kubavusa Abantu Abaswelekileyo
  • Yintoni Injongo KaThixo Ngomhlaba?
    Yintoni UThixo Ayifunayo Kuthi?
  • Yintoni Injongo KaThixo Ngomhlaba?
    Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?
  • Unokuba Nekamva Elonwabisayo!
    Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade
  • Abahlobo BakaThixo Baya Kuhlala EParadesi
    Unako Ukuba Ngumhlobo KaThixo!
Khangela Okunye
Vukani!—2021
g21 No. 1 iphe. 12-13
Abantu baseluxolweni ibe bahleli kunye nezilwanyana, banokutya okuninzi kwiparadesi entle.

Iimfundiso Ezisinika Ithemba

Zibangela umdla izinto athi uThixo uza kuzitshintsha kwixesha elizayo. UThixo uthembisa ukuziphelisa izinto ezibuhlungu baze abantu baphile kamnandi apha emhlabeni. (INdumiso 37:11) Kutheni siyikholelwa le nto asithembise yona? Kuba “uThixo akafani nabantu bona baxokayo.” (Numeri 23:19) Masikhe sibone izinto ezintle uMdali wethu aza kuzenza.

UThixo Uza Kubatshabalalisa Abantu Abenza Izinto Ezimbi

“Xa abenzi-bubi behluma okokhula nabantu abenza izinto ezingalunganga betyatyamba, loo nto yenzeka ukuze batshatyalaliswe ngonaphakade.”​—INDUMISO 92:7.

Njengoko inqaku elidlulileyo belisibonisile, izinto ezimbi ziqhubeka zisanda. Kodwa le nto ayimele isothuse kuba iBhayibhile yatsho kudala kwincwadi ka-2 Timoti 3:1-5 ukuba “ngemihla yokugqibela” abantu baza kwenza izinto ezimbi nyhani. Sithetha ukuthini xa sithetha ngemihla yokugqibela? Sithetha ngemihla yokugqibela yelihlabathi neyabantu abangafuniyo ukuthobela uThixo. Kungekudala uThixo uza kubatshabalalisa abo bangafuniyo ukuyeka ukwenza izinto ezimbi. Emva koko, ngabantu abenza izinto ezintle kuphela—abo bathobela uThixo—abaza kuphila kulo mhlaba. “Umhlaba uza kuba ngowamalungisa, ibe aza kuhlala kuwo ngonaphakade.”​—INdumiso 37:29.

UThixo Uza Kumtshabalalisa USathana

“UThixo onika uxolo uza kumtyumza uSathana.”—ROMA 16:20.

Xa uSathana, iidemon, nabantu abenza izinto ezimbi betshatyalalisiwe kuza kutsho kubekho uxolo apha emhlabeni. UMdali wethu ukuthembisa ukuba: ‘Akukho mntu uza kukoyikisa.’​—Mika 4:4.

UThixo Uza Kukuphelisa Ukugula Nokufa

“Intente kaThixo iphakathi kwabantu . . . Uza kuzosula zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu.”​—ISITYHILELO 21:3, 4.

Izinto ezibuhlungu nokugula kuza kuphela, kuba uThixo uza kuwulungisa wonke umonakalo owenziwe nguSathana, uAdam noEva, nokungafezeki kwethu. Ngenxa yaloo nto, ‘akuzubakho kufa.’ Abantu abamthandayo nabamthobelayo uMdali wethu baza kuphila ngonaphakade. Kodwa baza kuphila phi?

UMdali Wethu Uza Kwenza Lo Mhlaba Ube Yiparadesi

“Iza kuvuya intlango nommandla owomileyo, intlango iza konwaba ize ityatyambe.”​—ISAYA 35:1.

Emva kokuba uThixo eziphelisile izinto ezimbi, umhlaba uza kuba yiparadesi! Kuza kubakho iipaki, neegadi ezintle nokutya okuninzi. (INdumiso 72:16) Ulwandle, amachibi, nemilambo iza kuba klini igcwaliswe zizinto eziphilayo. Abantu abazukuyikhumbula nokuyikhumbula into yokuba umhlaba wakhe ‘wamdaka!’ Abantu baza kuhlala kwizindlu abazakhele zona. Asoze kuphinde kubekho umntu ongenakhaya, ongenakutya okanye osokolayo.​—Isaya 65:21, 22.

UThixo Uza Kubavusa Abantu Abaswelekileyo

“UThixo uza kubavusa abantu.”​—IZENZO 24:15.

Ngaba ungathanda ukuphinda ubabone abantu bakho abaswelekileyo owawubathanda? UThixo onguSomandla—uza kubavusa—abavusele kwiparadesi eza kuba semhlabeni. Wena uza kubakhumbula ukuba bangoobani, nabo baza kukukhumbula. Khawucinge ngendlela eniza konwaba ngayo! Kutheni siqinisekile ukuba le nto iza kwenzeka? Kaloku iBhayibhile isinika imizekelo yabantu abadala nabantwana abaye bavuswa emva kokuba beswelekile, baze baphinda babuyiselwa kwiintsapho zabo. Ngaphezu koko xa uYesu wayevusa abantu, kwakuye kubekho abantu abaninzi abayibonayo le nto isenzeka.​—Luka 8:49-56; Yohane 11:11-14, 38-44.

Ngoku Ndonwabe Nyhani

“Ndikhumbula ngoku ndandiqala ukuva ukuba kuza kubakho iparadesi emhlabeni, engazukuba nezinto ezibuhlungu, ekungazukubakho kugula kuyo nokufa. Xa ndandizicingela ndandisithi soze le nto yenzeke! Kodwa xa ndafunda iBhayibhile ndafumana izizathu ezindenza ndiyithembe into ethethwa yiBhayibhile ngexesha elizayo. Ndiqinisekile ukuba iBhayibhile isuka kuThixo. Kudala, ndandisoloko ndibonakala ndinexhala kwaye ndingonwabanga. Ngoku ndonwabe nyhani. Intsapho yam nabahlobo, nabo bayandibona ukuba ngoku ndonwabile.”​—URavi.

URavi.

Funda okungakumbi:

Ukuze ufunde ngakumbi ngenjongo kaThixo yokuba abantu baphile ngonaphakade kumhlaba oyiparadesi, yiya ku-jw.org/xh phantsi kwendawo ethi IZINTO EZIFUNDISWA YIBHAYIBHILE > IMIBUZO YEBHAYIBHLE IYAPHENDULWA > UBOMI NOKUFA.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share