IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g22 No. 1 iphe. 4-6
  • 1 | Khusela Impilo Yakho

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • 1 | Khusela Impilo Yakho
  • Vukani!—2022
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • KUTHENI KUBALULEKILE?
  • Into Omele Uyazi
  • Into Onokuyenza Ngoku
  • Iindlela Zokuphucula Impilo Yakho
    Vukani!—2015
  • Indlela Yokumelana Nengxaki Yempilo
    Imixholo Engakumbi
  • Indlela Yokukhusela Impilo Yakho
    Vukani!—1999
  • Londoloza Ukholo Nempilo Yakho Yokomoya
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1989
Khangela Okunye
Vukani!—2022
g22 No. 1 iphe. 4-6
Iintlobo ezahlukeneyo zokutya okusempilweni okuphezu kwetafile.

IHLABATHI ELIGCWELE UBUBI

1 | Khusela Impilo Yakho

KUTHENI KUBALULEKILE?

Iingxaki ezivelayo okanye intlekele zingayichaphazela impilo yethu ngeendlela ezininzi ezahlukeneyo.

  • Xa kusenzeka izinto ezimbi abantu babanestres. Xa benestres ixesha elide baye bagule.

  • Iintlekele okanye oobhubhani bangenza kube nzima ezibhedlele ukunceda abantu, ngoba kufuneka bancede abantu abaninzi ngexesha elinye, kwaye bangangabinawo amayeza aneleyo.

  • Iintlekele zichaphazela iimeko zemali zize zenze kube nzima ukuba abantu babhatale izinto abazidingayo njengokutya namayeza.

Into Omele Uyazi

  • Ukugula kakhulu nokuba nestres kwenza uthathe izigqibo ezingalunganga, ezinokwenza ungayihoyi impilo yakho. Ngenxa yaloo nto usenokugula nakakhulu.

  • Ukuba awuzihoyanga iingxaki zempilo yakho, zisenokuba mbi nangakumbi zize zibubeke engozini ubomi bakho.

  • Ukuba uhlala usempilweni uza kukwazi ukwenza izigqibo ezilungileyo ngexesha lobubi.

  • Nokuba awunamali okanye unemali eninzi ungakwazi ukwenza izinto ukuze ukhusele impilo yakho.

Into Onokuyenza Ngoku

Nanini na kuvela ithuba, umntu onobulumko ubona ingozi kusengaphambili aze enze okuthile ukuze ayiphephe. Le nto iyasebenza nakwizinto ezidibene nempilo. Ngokuqhelekileyo ungakwazi ukunciphisa amathuba okufumana izifo okanye ezinye iingxaki ezinkulu ngokugcina ikhaya lakho nomzimba wakho ucocekile. Kubhetele sihlale sikhuselekile kunokuba sisele amayeza kuba sigula.

“Xa sigcina iziqu zethu namakhaya ethu ecocekile asichithi mali eninzi sisiya koogqirha okanye sithenga namayeza.”—UAndreasa

a Amanye amagama kule magazini atshintshiwe.

INDLELA YOKUMELANA NALE NTO​—Amacebiso Aluncedo

Ngexesha lobubi khusela impilo yakho ngokusebenzisa la macebiso alandelayo

HLALA UCOCEKILE

Indoda ehlamba izandla ngamanzi nesepha phandle.

Hlala ucocekile

IBhayibhile ithi: “Umntu olumkileyo uyibona iseza ingozi aze ayiphephe.” (IMizekeliso 22:3) Zama ukuzijonga kusengaphambili izinto ezinokumosha impilo yakho uze uziphephe.

  • Kubalulekile ukuhlamba izandla qho ngesepha namanzi ngaphambi kokubamba ukutya nasemva kokusebenzisa indlu yangasese.

  • Klina qho uze ubulale iintsholongwane ekhayeni lakho, ingakumbi kwiindawo enezinto ezihlala zibanjwa okokoko.

  • Xa kunokwenzeka, kuphephe ukusondelelana nabantu abanesifo esosulelayo.

YITYA UKUTYA OKUSEMPILWENI

Iintlobo ezahlukeneyo zokutya okusempilweni okuphezu kwetafile.

Yitya ukutya okusempilweni

IBhayibhile ithi: “Kuba akukho mntu owakha wawucaphukela umzimba wakhe; kodwa uyawondla aze awuthande.” (Efese 5:29) Sibonisa ukuba siyayithanda imizimba yethu ngokugada into esiyityayo nesiyiselayo. Kuquka ukusebenzisa iziyobisi nokutshaya.

  • Sela amanzi awaneleyo.

  • Yitya iziqhamo nemifuno eyahlukeneyo.

  • Sukutya kakhulu izinto ezinamafutha, ezinetyiwa neswekile.

  • Sukutshaya, usele kakhulu okanye usebenzise iziyobisi.

“Ukuze siphephe ukugula, siye sizame ukutya ukutya okusempilweni, ukuze singasebenzisi imali eninzi sisiya kwagqirha nasekuthengeni amayeza. Siye sikhethe ukusebenzisa imali ukuze sithenge ukutya okusempilweni.”—UCarlos.

JIMA UZE UPHUMLE NGOKWANELEYO

Indoda ebaleka kwindlela yomhlaba.

Jima

IBhayibhile ithi: “Kubhetele ukuphumla kancinci kunokuziqoba ngomsebenzi onzima nokuleqana nomoya.” (INtshumayeli 4:6) Simele sisebenze kodwa siyakudinga nokuphumla ngokwaneleyo.

  • Jima. Unokuqala ngokumane uhambahamba. Ukujima kunokuyinceda impilo yakho xa umdala, xa uneendawo ezingasebenziyo emzimbeni wakho okanye xa unezinto ongakwazi ukuzenza kuba unesigulo esinganyangekiyo.

  • Usisi oleleyo.

    Phumla

    Phumla ngokwaneleyo. Ukungalali ngokwaneleyo kunokukwenza ube nestres uze uphazamiseke lula xa usenza izinto. Ukuba awuphumli ngokwaneleyo ixesha elide loo nto isenokuphumela kwiingxaki zempilo.

  • Khetha ixesha oza kulala ngalo uze ulale ngalo nyhani. Zama ukulala nokuvuka ngexesha elifanayo yonke imihla.

  • Kuphephe ukubukela i-TV nokusebenzisa izixhobo ze-elektroniki usebhedini.

  • Kuphephe ukutya kakhulu, ukusela izinto ezinecaffeine notywala ngaphambi kokuba ulale.

“Ndiqaphele ukuba indlela endilala ngayo ichaphazela nezinye izinto kwimpilo yam. Ukuba andilali ngokwaneleyo ngamanye amaxesha ndiye ndibe nentloko nomzimba wam ube buhlungu. Kodwa xa ndilele ngokwaneleyo ndiye ndizive ndikwazi ukwenza nantoni na. Ndiba semandleni kwaye andifane ndigule.”—UJustin.

Umfanekiso okwividiyo ethi “Iindlela Zokuphucula Impilo Yakho.” Umfazi uvula ucango lwendlu yakhe kuze kungene iseli yesifo esithile.

FUNDA OKUNGAKUMBI. Bukela ividiyo ethi Izinto Onokuzenza Xa Kukho Izifo. Ungafunda nenqaku elithi “Iindlela Zokuphucula Impilo Yakho.”

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share