IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g25 No. 1 iphe. 14-15
  • Yiba Nethemba

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Yiba Nethemba
  • Vukani!—2025
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • KUTHENI KUBALULEKILE UKUBA NETHEMBA?
  • INTO ONOKUYENZA
  • YINTONI UBUKUMKANI BUKATHIXO, IBE BUZA KWENZA NTONI?
  • Ndingalifumana Phi Ithemba?
    Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
  • IBhayibhile Isenza Sibe Nethemba
    Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade!—Incoko Efundisa NgeBhayibhile
  • IBhayibhile Isenza Sibe Nethemba
    Phila Ubomi Obumnandi!—Qalisa Ukufunda IBhayibhile
  • Ithemba Lokuba Izinto Ziseza Kuba Bhetele
    Imixholo Engakumbi
Khangela Okunye
Vukani!—2025
g25 No. 1 iphe. 14-15

UNGAMELANA NJANI NOKUNYUKA KWAMAXABISO?

Yiba Nethemba

Ngaba kwilizwe ohlala kulo amaxabiso ezinto angaphezulu lee kunemali oyifumana qho ngenyanga? Ngaba ukufumanisa kusiba nzima ukondla wena nentsapho yakho? Ukuba kunjalo, usenokuziva ungaqinisekanga ngekamva lakho. Kodwa ke, nokuba sekunzima kangakanani na, ukuba nethemba kuyasinceda.

KUTHENI KUBALULEKILE UKUBA NETHEMBA?

Abantu abanethemba abasongi zandla baze banqwenele ukuba izinto ezintle zenzeke. Ithemba libenza baphakame baze benze konke okusemandleni abo ukuze baphucule imeko yabo. Ngokomzekelo, uphando lubonisa ukuba abantu abanethemba . . .

  • bayakwazi ukunyamezela

  • bayakwazi ukuhambisana neemeko zabo xa zitshintsha

  • benza izigqibo ezibanceda baphile ubomi obuza kubanceda bahlale besempilweni

INTO ONOKUYENZA

Okukuqala, khawujonge ukuba iBhayibhile ingakunceda njani namhlanje. IBhayibhile inamacebiso anokusinceda sikwazi ukumelana nokunyuka kwamaxabiso. La macebiso anokukunceda unganikezeli uthwale izandla entloko, kodwa ubone ukuba ikhona into onokuyenza ngoku nakwixesha elizayo xa izinto zisiba nzima.

“Ukucingisisa kuya kukwalusa, Ukuqonda kuya kukukhusela.”​—IMizekeliso 2:11.


Okwesibini, khawujonge ukuba ithini iBhayibhile ngekamva. Xa ubona indlela iBhayibhile enamacebiso obulumko ngayo, loo nto ingakwenza ufune nokuqonda ukuba iBhayibhile ithi kuza kwenzeka ntoni kwixesha elizayo. Ngokomzekelo, uza kufunda ukuba uThixo akafuni nje ube ‘nethemba nekamva’ kodwa ukunika nento enokukwenza uqiniseke ngeli themba. (Yeremiya 29:11) Loo nto buBukumkani bukaThixo.

YINTONI UBUKUMKANI BUKATHIXO, IBE BUZA KWENZA NTONI?

UBukumkani bukaThixo ngurhulumente oza kulawula emhlabeni wonke. (Daniyeli 2:44; Mateyu 6:10) Buza kulawula busezulwini, ngelo xesha akukho mntu uza kusokola, ibe wonke umntu uza kuba seluxolweni abe nayo yonke into ayidingayo ukuze onwabe, njengoko ezi zibhalo zilandelayo zisibonisa.

“Uza konwaba uze uphumelele.”​—INdumiso 128:2.

“[Abo baza kulawulwa buBukumkani bukaThixo] abazukubulalekela into engekhoyo.”​—Isaya 65:23.

“Kuza kubakho intabalala yokutya okuziinkozo emhlabeni.”​—INdumiso 72:16.

Iimiliyoni zabantu ziyazithemba ezi zithembiso kuba ziqinisekile ukuba uThixo ‘akanakuxoka.’ (Tito 1:2) Ngoko, kutheni ungazijongeli ngokwakho oko kuthethwa yiBhayibhile? Inamathemba aza kukunceda ukwazi ukumelana neengxaki zemali ibe uza kuqiniseka ukuba kuza kuba bhetele kwixesha elizayo.

“Ithemba endinalo elisuka eBhayibhileni lindinceda ndikwazi ukujonga iingxaki zeli hlabathi njengezokwexeshana. Ukucingisisa ngalo kundinika amandla endiwadingayo ukuze ndikwazi ukunyamezela ukunyuka kwamaxabiso.”​—URamaz, waseGeorgia.

FUNDA OKUNGAKUMBI

Ngaba nyhani unokukuthemba oko kuthethwa yiBhayibhile ngekamva? Nceda uye kwiwebhsayithi yethu ethi jw.org/xh ubukele ezi vidiyo zilandelayo: Sinokuqiniseka Njani Ukuba IBhayibhile Ithetha Inyani? nethi Yintoni UBukumkani BukaThixo?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share