IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • my ibali 7
  • Indoda Ekhaliphileyo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Indoda Ekhaliphileyo
  • Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile
  • Amanqaku Afanayo
  • “Wayemkholisa UThixo”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Kawonke-wonke)—2017
  • Uenoki—Wayengoyiki Nakuba Wayejamelene Nobunzima
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1997
  • UEnoki Wahamba NoThixo Kwihlabathi Elingamhloneliyo UThixo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2001
  • Hamba NoThixo Kula Maxesha Eziphithiphithi
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2005
Khangela Okunye
Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile
my ibali 7
UEnoki

IBALI 7

Indoda Ekhaliphileyo

NJENGOKUBA inani labantu laqalisa ukwanda emhlabeni, inkoliso yabo yenza izinto ezimbi njengoKayin. Kodwa enye indoda yayahlukile. Yile ndoda uyibona apha egama linguEnoki. UEnoki wayeyindoda ekhaliphileyo. Bonke abantu awayehlala nabo babesenza izinto ezimbi gqitha, kodwa sekunjalo uEnoki wahlala ekhonza uThixo.

Ngexesha awayephila ngalo uEnoki indoda eyayithanda ukulwa yabulala enye indoda

Uyasazi na isizathu sokuba abantu belo xesha benze izinto ezininzi ezimbi? Khawucinge, Ngubani owabangela uAdam noEva bangamthobeli uThixo baze batye isiqhamo awayethe uThixo ze bangasidli? Ewe, yayiyingelosi engendawo. IBhayibhile ithi nguSathana. Yaye uzama ukubangela wonk’ ubani enze izinto ezimbi.

Ngenye imini uYehova uThixo wathi uEnoki makaxelele abantu into ababengathandi ukuyiva. Wathi: ‘Ngamhla uthile uThixo uza kubatshabalalisa bonke abantu ababi.’ Kusenokwenzeka ukuba abantu bacaphuka bakuyiva le nto. Mhlawumbi bazama nokumbulala uEnoki. Ngoko uEnoki kwafuneka akhaliphe ukuze axelele abantu okwakuza kwenziwa nguThixo.

Abantu ababi ngexesha likaEnoki babengalawuleki

UThixo akamvumelanga uEnoki aphile ixesha elide phakathi kwabo bantu babesenza izinto ezimbi. UEnoki waphila ama-365 eminyaka kuphela. Kutheni sisithi “ama-365 eminyaka kuphela”? Kuba ngaloo mihla abantu babomelele ngakumbi kunangoku yaye babephila ixesha elide. Yena unyana kaEnoki uMethusela waphila wada wanama-969 eminyaka!

Wathi akufa uEnoki, abantu benza izinto ezimbi ngakumbi. IBhayibhile ithi ‘zonke iingcinga zabo zaba bububi bodwa imihla yonke,’ yaye ‘umhlaba wazaliswa lugonyamelo.’

Uyasazi na esinye sezizathu zenkathazo engako emhlabeni ngaloo mihla? Kungokuba uSathana wayenendlela entsha yokubangela abantu benze izinto ezimbi. Siza kufunda ngayo kwibali elilandelayo.

Genesis 5:21-24, 27; 6:5; Hebhere 11:5; Yude 14, 15.

Imibuzo YeSifundo

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share