IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • my ibali 25
  • Intsapho Ifudukela EYiputa

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Intsapho Ifudukela EYiputa
  • Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile
  • Amanqaku Afanayo
  • UYehova Akazange Amlibale UYosefu
    Indifundisa Ntoni IBhayibhile?
  • “Ndisesikhundleni SikaThixo Yini Na?”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2015
  • AbantakwaboYosefu Bamthiyile
    Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile
  • “Ncedani, Niliphulaphule Eli Phupha”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2014
Khangela Okunye
Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile
my ibali 25
UYakobi noYosefu badibana eYiputa, bayalilelana

IBALI 25

Intsapho Ifudukela EYiputa

UYOSEFU akasakwazi ukuzibamba. Uxelela bonke abakhonzi bakhe ukuba mabaphume endlwini. Xa ekunye nabantakwabo kuphela, uYosefu uyalila. Sinokuyithelekelela nje indlela abothuka ngayo abantakwabo, kuba abazi kuba ulilela ntoni. Ekugqibeleni uthi: ‘NdinguYosefu. Usaphila na ubawo?’

Abantakwabo bothuka bangakwazi nokuthetha. Bayoyika. Kodwa uYosefu uthi: ‘Khanisondele.’ Xa besondela, uthi: ‘NdinguYosefu umntakwenu, enamthengisa eYiputa.’

UYosefu uyaqhubeka ethetha ngobubele: ‘Ningazibek’ ityala kuba nathengisa ngam apha. Okunene nguThixo owandithumela eYiputa ukuze ndisindise ubomi babantu. UFaro undenze umphathi welizwe lonke. Ngoku khawulezani nibuyele kubawo nimxelele oku. Yithini makeze kuhlala apha.’

Emva koko uYosefu uyabawola abantakwabo aze abange bonke. Xa uFaro esiva ukuba kufike abantakwaboYosefu, uthi kuYosefu: ‘Mabathabathe iinqwelo baye kuphuthuma uyise neentsapho zabo baze babuyele apha. Ndiya kubanika owona mhlaba utyebileyo kuyo yonke iYiputa.’

Benjenjalo. Nanko uYosefu edibana noyise ekufikeni kwakhe eYiputa nentsapho yakhe iphela.

AbantakwaboYosefu neentsapho zabo baya kuhlala eYiputa

Intsapho kaYakobi yayisele inkulu gqitha. Bebonke babengama-70 ekufudukeleni kwabo eYiputa, uYakobi nabantwana bakhe nabazukulwana bakhe. Kodwa kwakukho nabafazi yaye mhlawumbi nezicaka ezininzi. Bonke bahlala eYiputa. Babebizwa ngokuba ngamaSirayeli kuba uThixo walitshintsha igama likaYakobi languSirayeli. AmaSirayeli aba ngabantu abakhethekileyo kuThixo, njengokuba siza kubona kamva.

Genesis 45:1-28; 46:1-27.

Imibuzo YeSifundo

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share