IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • my ibali 47
  • Isela KwaSirayeli

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Isela KwaSirayeli
  • Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile
  • Amanqaku Afanayo
  • Iimbalasane Zencwadi KaYoshuwa
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2004
  • Incwadi YeBhayibhile 6—Yoshuwa
    “Sonke ISibhalo Siphefumlelwe NguThixo Kwaye Siyingenelo”
  • Oko UYoshuwa Wakukhumbulayo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2002
  • Ungaze Ube Lisela!
    Funda Kumfundisi Omkhulu
Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile
my ibali 47
UAkan ufihla intsimbi yegolide, ingqekembe yesilivere nengubo entle ententeni yakhe

IBALI 47

Isela KwaSirayeli

KHANGELA le nto igqunyelelwa yile ndoda ententeni yayo! Yingubo entle, nentsimbi yegolide kwaneengqekembe zesilivere. Izithabathe kwisixeko saseYeriko. Kodwa bekumele kwenziwe ntoni ngezinto zaseYeriko? Uyakhumbula na?

Bezimele ukutshatyalaliswa, yaye igolide nesilivere bezimele ukunikelwa ebuncwaneni bomnquba kaYehova. Ngoko aba bantu abamthobelanga uThixo. Bebe izinto zikaThixo. Igama lale ndoda nguAkan, yaye ukunye nentsapho yakhe. Masibone okwenzekayo.

Akuba uAkan ebe ezi zinto, uYoshuwa uthumela amadoda athile ukulwa nesixeko saseAyi. Kodwa ayoyiswa edabini. Amanye ayabulawa, aze aseleyo abaleke. UYoshuwa ubuhlungu gqitha. Uqubuda phantsi ngobuso emhlabeni aze athandaze kuYehova: ‘Kutheni na uvumela le nto isehlele?’

UYehova uyaphendula: ‘Vuka! USirayeli wonile. Bathabathe izinto ebezimele ukutshatyalaliswa okanye zinikelwe emnqubeni kaYehova. Bebe ingubo entle baza bayifihla. Andisayi kunisikelela de niyitshabalalise, nalowo uzithabathileyo ezi zinto.’ UYehova uthi uza kumbonisa uYoshuwa ukuba ingubani le ndoda ingendawo.

Ngoko uYoshuwa uhlanganisa bonke abantu, aze uYehova ayinyule indoda engendawo enguAkan. UAkan uthi: ‘Ndonile. Ndibone ingubo entle, intsimbi yegolide neengqekembe zesilivere. Ndizinqwenele gqitha ndaza ndazithabatha. Niya kuzifumana zigqunyelelwe ngaphakathi ententeni yam.’

Ekufunyanweni kwezi zinto zize ziziswe kuYoshuwa, uthi kuAkan: ‘Kutheni usizisele inkathazo nje? Ngoku uYehova uya kukuzisela inkathazo nawe!’ Emva koko bonke abantu bamxuluba ngamatye uAkan nentsapho yakhe bafe. Ngaba oko akubonisi ukuba masingaze sithabathe izinto ezingezozethu?

Emva koko amaSirayeli alwa neAyi kwakhona. Ngesi sihlandlo uYehova uyabanceda abantu bakhe baze boyise edabini.

Yoshuwa 7:1-26; 8:1-29.

Imibuzo YeSifundo

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share